Isaya
21 Nantsi indlela eza kugwetywa ngayo intlango egudle ulwandle:*+
Kuza intlekele njengesaqhwithi somoya esitshayela ukusuka ezantsi,
Sivela entlango, kwilizwe eloyikekayo.+
2 Ndixelelwe umbono owoyikekayo, ongulo:
Ongathembekanga wenza ngokungathembeki,
Nomtshabalalisi uyatshabalalisa.
Nyuka Elam! Hlasela wena Medi!+
Ndiza kukuphelisa konke ukuncwina awakubangelayo.+
3 Yiloo nto ndisifa ziintlungu.*+
Iintlungu ziyandigqushalazisa,
Njengezomfazi ozalayo.
Ndikhathazeke gqitha, andikwazi nokuva;
Ndiphazamiseke kakhulu, andikwazi nokubona.
4 Iyangcangcazela intliziyo yam; ndiyahlasimla kukoyika.
Urhatya ebendilulangazelela luyandingcangcazelisa.
5 Lungisani itafile nimise kakuhle izitulo!
Yityani nisele!+
Phakamani nina zinkosana, thambisani ikhaka ngeoli!
6 Nantsi into uYehova ayithethileyo kum:
“Hamba, umise unogada ukuze achaze oko akubonayo.”
Wabe eqwalasele kakuhle.
8 Waza wagquma njengengonyama wathi:
“Owu Yehova, imini le yonke ndimi kwinqaba yoonogada,
Yaye ndimi endaweni yam yokugada busuku ngabunye.+
9 Jonga ukuba kuza ntoni:
Amadoda ahamba ngenqwelo yokulwa nesipani samahashe!”+
Waza wathetha wathi:
“Iwile! IBhabhiloni iwile!+
Yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyiphahlaze emhlabeni!”+
10 Owu bantu bam ababhuliweyo,
Bonyana bebala lam lokubhula,+
Ndinichazele oko ndikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli.
11 Nasi isigwebo ngakuDuma:
Kukho ondikhwaza ekwaSehire,+ esithi:
“Yhe nogada, kuza kusa nini?
Yhe nogada, kuza kusa nini?”
12 Unogada wathi:
“Intsasa iyeza, kwanobusuku buza kufika.
Ukuba niza kubuza, buzani.
Yizani kwakhona!”
13 Nasi isigwebo ngentlango:
Niza kuchitha ubusuku ehlathini, entlango,
Bantu bakwaDedan+ abaseluhambeni.
14 Mkhawuleleni ngamanzi onxaniweyo,
Nina bemi belizwe lakwaTema,+
Yaye mphatheleni isonka lowo ubalekayo.
15 Kuba babaleke amakrele, amakrele athiwe rhuthu,
Babaleke isaphetha esilungele ukudubula, babaleke inkohlakalo yemfazwe.
16 Kuba uYehova uthe kum: “Kwakulo nyaka, njengeminyaka yomqeshwa,* lonke uzuko lwakwaKedare+ luza kuphela. 17 Abo bashiyekileyo kwinani labantu abadubula ngesaphetha, kumagorha akwaKedare, baza kuba mbalwa, kuba uYehova, uThixo kaSirayeli, utshilo.”