Yeremiya
48 Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli ngoMowabhi:+
“Isengxakini iNebho,+ kuba itshatyalalisiwe!
IKiriyatayim+ ihlazisiwe yaza yathinjwa.
Indawo yokusithela ekhuselekileyo* ihlazisiwe yaza yachithwa.+
2 Bayekile ukumdumisa uMowabhi.
EHeshbhon+ bamcebele intlekele besithi:
‘Yizani, silucime igama uhlanga lwakhe.’
Nawe Mademen, ufanele uthi cwaka,
Kuba ulandelwa likrele.
4 UMowabhi udiliziwe.
Neentsana zakhe zitsho ngesikhalo.
5 Balinyuka belila iqhina eliya eLuhiti.
Kwindlela eyehlayo evela eHoronayim beva isikhalo ngenxa yale ntlekele.+
6 Balekani; zisindiseni!
Nimele nibe njengomthi wejunipha entlango.
7 Kuba nithembele ngemisebenzi nobutyebi benu,
Nani niza kuthinjwa.
NoKemoshe+ uza kuya ekuthinjweni,
Kunye nababingeleli neenkokheli zakhe.
Intlambo iza* kutshabalala,
Nomhlaba othe tyaba* uza kutshatyalaliswa, kanye njengokuba uYehova etshilo.
9 Bekelani uMowabhi uphawu olumbonisa indlela,
Kuba xa esiwa abe ngamabhodlo, uza kubaleka,
Kwaye izixeko zakhe ziza kuba yinto eyoyikekayo,
Kungekho mntu uhlala kuzo.+
10 Uza kuqalekiswa lowo uyenza ngokungakhathali into ayithunywe nguYehova!
Uza kuqalekiswa lowo ulinqandayo ikrele lakhe ekuchitheni igazi!
11 AmaMowabhi awakhange aphazanyiswe kwasebutsheni bawo,
Njengewayini ehleli kwiintsipho zayo.
Awakhange athathwe kwesinye isitya akhutshelwe kwesinye,
Ibe awazange aya ekuthinjweni.
Yiyo le nto incasa yawo iye yahlala injalo,
Nevumba lawo lingatshintshanga.
12 “‘Ngoko ke, jonga! kuza imihla,’ utsho uYehova, ‘endiza kuthumela ngayo amadoda ukuba awaqubude. Aza kuwaqubuda aze aqongqothe izitya zawo, neengqayi zawo ezinkulu aziqhekeze zibe ziingceba. 13 AmaMowabhi aza kuba neentloni ngoKemoshe, kanye njengokuba indlu kaSirayeli yaba neentloni ngeBheteli, eyayithembele kuyo.+
14 Nisithatha phi isibindi sokuthi: “Singamakroti, sixhobele idabi”?’+
15 ‘UMowabhi utshatyalalisiwe,
Kwangenwa ezixekweni zakhe kwahlaselwa,+
Abafana bakhe abomeleleyo baxheliwe,’+
Utsho uKumkani, lowo igama lakhe linguYehova wemikhosi.+
17 Bonke abo bawajikelezileyo kuza kufuneka bavelane nawo,
Bonke abo balaziyo igama lawo.
Yithini: ‘Owu indlela eyaphulwe ngayo intonga enamandla, umsimelelo wobuhle!’
18 Yihla eluzukweni lwakho,
Uhlale phantsi unxaniwe,* ntombi ehlala eDibhon,+
Kuba umtshabalalisi kaMowabhi uza kuwe,
Uza kuzonakalisa iindawo zakho ezikhuselekileyo.+
19 Yima ngasendleleni ubukele, mhlali waseArohere.+
Yithi kwindoda ebalekayo nakumfazi oqhweshayo, ‘Kwenzeke ntoni?’
20 UMowabhi uhlazisiwe waza woyika kakhulu.
Khalani isijwili.
Chazani eArnon+ ukuba uMowabhi utshatyalalisiwe.
21 “Umgwebo ufikile kwilizwe elinomhlaba othe tyaba,*+ eHolon, eYahatsa+ naseMefehati;+ 22 eDibhon,+ eNebho+ naseBhete-dibhlatayim; 23 eKiriyatayim,+ eBhete-gamuli naseBhete-meyon;+ 24 eKeriyoti+ naseBhotsera; nakuzo zonke izixeko zelizwe lakwaMowabhi, ezo zikude nezo zikufuphi.
26 ‘Mnxiliseni,+ kuba uziphakamisile phambi koYehova.+
UMowabhi untyumpantyumpeka emhlanzweni wakhe,
Ibe uyinto yokugezelwa.
27 Wawungamenzi into yokugezelwa na uSirayeli?+
Ngaba wafumaneka phakathi kwamasela,
Le nto unikina intloko uze uthethe kakubi ngaye?
28 Shiyani izixeko nize nihlale emaweni, bantu bakwaMowabhi,
Nibe njengehobe elakhe indlwane yalo ngakumwonyo.’”
29 “Sivile ngendlela anekratshi ngayo uMowabhi; unekratshi kakhulu.
Sivile ngokuziphakamisa kwakhe, ngekratshi lakhe, ukuzidla kwakhe nokuphakama kwentliziyo yakhe.”+
30 “‘Ndiyawazi umsindo wakhe,’ utsho uYehova,
‘Kodwa ukuthetha kwakhe into engekhoyo akuzukuphelela ndawo.
Akukho nto aza kuyenza.
31 Yiyo le nto ndiza kukhala isijwili ngenxa kaMowabhi,
Ndiza kukhala ngenxa kaMowabhi wonke
Ndize ndincwine ngenxa yamadoda aseKire-heres.+
Amahlumelo akho achumileyo awele ulwandle.
Afikelele elwandle, ayokutsho eYazere.
Isiqhamo sakho sasehlotyeni nesivuno sakho seediliya
Sifikelwe ngumtshabalalisi.+
Ndiyiphelisile iwayini kwizixovulelo zayo.
Akukho mntu uza kuxovula ekhwaza ngenxa yovuyo.
Uza kukhwaza ngenxa yesinye isizathu.’”+
34 “‘Kutsho isikhalo ukususela eHeshbhon+ ukuyokutsho e-Eleyale.+
Ilizwi livakala ukuyokutsho eYahatsa,+
Ukususela eTsoware ukuyokutsho eHoronayim+ nase-Egelati-shelishiya.
Kwanamanzi aseNimrim aza kutsha.+
35 Ndiza kumenza angabikho kwaMowabhi,
Lowo uzisa umnikelo kwindawo ephakamileyo
Nalowo wenzela uthixo wakhe umbingelelo,’ utsho uYehova.
36 ‘Yiyo le nto intliziyo yam iza kuncwina ngenxa kaMowabhi, kanye njengefleyiti,*+
Nentliziyo yam iza kuncwina ngenxa yamadoda aseKire-heres, kanye njengefleyiti.*
Kuba ubutyebi abuvelisileyo buza kuphela.
Kuba ndimaphule uMowabhi
Kanye njengesitya esilahliweyo,’ utsho uYehova.
39 ‘Indlela oyika ngayo! Khalani isijwili!
Indlela afulathele ngayo ngenxa yeentloni!
UMowabhi uye waba yinto yokuhlekisa,
Into eyoyikekayo kubo bonke abo bamjikelezileyo.’”
40 “Kuba uthi uYehova,
41 Iidolophu ziza kuthinjwa,
Neendawo zakhe ezikhuselekileyo ziza kuthinjwa.
Ngaloo mini intliziyo yamakroti akwaMowabhi
Iza kuba njengentliziyo yomfazi obelekayo.’”
43 Uloyiko nomngxuma nesibatha ziphambi kwakho,
Mhlali wakwaMowabhi,’ utsho uYehova.
44 ‘Nabani na obaleka uloyiko uza kuwela emngxunyeni,
Ibe nabani na onyukayo ephuma emngxunyeni uza kubanjwa sisibatha.’
‘Kuba ndiza kumzisela unyaka wokohlwaywa uMowabhi,’ utsho uYehova.
45 ‘Abo basindileyo bami emthunzini waseHeshbhon bephelelwe ngamandla.
Kuba kuza kuphuma umlilo eHeshbhon,
Nedangatye phakathi kwaSihon.+
Uza kuqwenga ibunzi likaMowabhi
Nokakayi lweentloko zamajoni akhohlakeleyo.’+
46 ‘Uza kuthi shu Mowabhi!
Abantu bakaKemoshe+ batshabalele.
Kuba oonyana bakho bathinjiwe,
Neentombi zakho zithinjiwe.+
47 Kodwa ndiza kubaqokelela abathinjiweyo bakwaMowabhi ekupheleni kwemihla,’ utsho uYehova.
‘Siphela apha ke isigwebo sikaMowabhi.’”+