Hezekile
15 Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, unjani umthi weediliya xa uthelekiswa nawo nawuphi na omnye okanye nesebe lomthi wehlathi? 3 Ipali eyenziwe ngawo ingasetyenziswa na? Okanye ngaba abantu benza into yokuxhoma izixhobo ngawo? 4 Jonga! Uphoswa emlilweni kubaswe ngawo; utsha macala omabini uze urhawuke esiphakathini. Ngaba uwufanele ke nawuphi na umsebenzi xa unjalo? 5 Kwanaxa ubusaphelele, ubungenakusetyenziselwa nantoni na. Kubeke phi ke ukungabi loncedo kwawo xa utshiswe ngumlilo waza warhawuka!”
6 “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kanye njengomthi weediliya phakathi kwemithi yehlathi, endiwuphose emlilweni ukuze kubaswe ngawo, ndiza kwenza loo nto nakubemi baseYerusalem.+ 7 Ndibujongise kubo ubuso bam. Babalekile emlilweni, kodwa umlilo uza kubaqwenga. Niza kutsho nazi ukuba ndinguYehova xa ndibujongise kubo ubuso bam.’”+
8 “‘Ndiza kulenza lingahlali mntu ilizwe,+ ngenxa yokuba benze ngokungathembeki,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”