Hezekile
41 Emva koko, le ndoda yandisa kwigumbi elingaphandle lendawo engcwele,* yameta iintsika ezisemacaleni, zaba ziikubhite* ezintandathu ububanzi kweli cala neekubhite ezintandathu ububanzi kwelinye icala. 2 Ububanzi bendawo yokungena babuziikubhite ezilishumi, iindonga* zendawo yokungena ziziikubhite ezintlanu ngapha neekubhite ezintlanu ngaphaya. Yameta ubude bazo, baba ziikubhite eziyi-40 neekubhite eziyi-20 ububanzi.
3 Yangena ngaphakathi* yameta intsika esecaleni kwendawo yokungena, yaba ziikubhite ezimbini ubukhulu, yaza yona indawo yokungena yaba ziikubhite ezintandathu ububanzi. Iindonga ezisemacaleni zendawo yokungena zaziziikubhite ezisixhenxe.* 4 Emva koko yameta igumbi elingqamene negumbi elingaphandle lendawo engcwele, ibe laliziikubhite eziyi-20 ubude neekubhite eziyi-20 ububanzi.+ Yathi kum: “Le Yeyona Ngcwele.”+
5 Yameta udonga lwetempile, lwaba ziikubhite ezintandathu ubukhulu. Amagumbi asecaleni ajikeleze itempile ayeziikubhite ezine ububanzi.+ 6 Amagumbi asemacaleni ayenemigangatho emithathu, iligumbi phezu kwelinye, kukho amagumbi ayi-30 kumgangatho ngamnye. Kwakukho ungqameko olujikeleze udonga lwetempile, ibe lulo olwaluxhasa amagumbi asecaleni, kodwa lwalungagqobhozi kudonga lwetempile.+ 7 Kumacala omabini etempile kwakukho izitepsi ezinyukayo, ezijikelezayo nezazisiya zisiba banzi ngokuya unyuka usiya kumagumbi angasentla.+ La magumbi ayesiya esiba makhulu njengoko umntu enyuka, esuka kumgangatho wokuqala, egqitha kophakathi, esiya kowona uphezulu.
8 Ndabona ukuba itempile ijikelezwe liqonga eliphakamileyo, yaye iziseko zamagumbi asecaleni zazilingana nengcongolo epheleleyo eziikubhite ezintandathu ukuphakama. 9 Ububanzi bodonga olungaphandle lwamagumbi asecaleni babuziikubhite ezintlanu. Etempileni kwakukho nendawo evulekileyo* egudle isakhiwo samagumbi asecaleni.
10 Phakathi kwetempile namagumbi okutyela*+ kwakukho ibala elaliziikubhite eziyi-20 ububanzi kwicala ngalinye. 11 Kwakukho indawo yokungena esemntla, ephambi kwamagumbi asecaleni, iphumela ebaleni, nenye indawo yokungena esemzantsi. Ububanzi beli bala babuziikubhite ezintlanu macala onke.
12 Isakhiwo esisentshona, sijonge ebaleni, sasiziikubhite eziyi-70 ububanzi neekubhite eziyi-90 ubude; udonga lwesakhiwo lwaluziikubhite ezintlanu ubukhulu macala onke.
13 Yameta itempile, ibe yayiziikubhite eziyi-100 ubude. Ibala, isakhiwo* neendonga zaso zaziziikubhite eziyi-100 ubude. 14 Ububanzi betempile ngaphambili, kwicala lasempuma kunye nobebala babuziikubhite eziyi-100.
15 Yameta ubude besakhiwo esasiphambi kwebala ngasemva, neegalari zaso macala omabini, ibe babuziikubhite eziyi-100.
Yameta negumbi elingaphandle lendawo engcwele, igumbi elingaphakathi lendawo engcwele+ kunye neeveranda eziseyadini, 16 imigubasi, iifestile ezazinkulu ngaphakathi zize zibe ncinci ngaphandle,+ neegalari ezazikwezo ndawo zintathu. Kufutshane nomgubasi kwakukho iipali+ ezazisuka phantsi ziyokutsho ezifestileni, zona iifestile zogqunyiwe. 17 Kwametwa ngasentla kwendawo yokungena, ngaphakathi etempileni, ngaphandle, nakulo lonke udonga. 18 Yayinemifanekiso yeekherubhi+ nomthi wesundu,+ kukho umfanekiso womthi wesundu phakathi kweekherubhi ezimbini, ikherubhi nganye inobuso obubini. 19 Ubuso bomntu babujonge ngakumthi wesundu kwelinye icala, bona ubuso bengonyama bujonge ngakumthi wesundu kwelinye.+ Le mifanekiso yayenziwe ngolu hlobo kuyo yonke itempile. 20 Ukusuka phantsi ukuyokutsho entla kwendawo yokungena, kwakukho imifanekiso yeekherubhi nomthi wesundu eludongeni lwendawo engcwele.
21 Umgubasi wendawo engcwele wawusisikwere.+ Ngaphambi kwendawo engcwele kwakukho indawo 22 enjengesibingelelo eyenziwe ngamaplanga,+ eziikubhite ezintathu ukuphakama neekubhite ezimbini ubude. Yayinezibonda ezikoneni, umphantsi* namacala ayo enziwe ngamaplanga. Emva koko le ndoda yathi kum: “Le yitafile ephambi koYehova.”+
23 Igumbi elingaphandle lendawo engcwele kunye neyona ndawo ingcwele zazineminyango emibini.+ 24 Le minyango yayineengcango ezimbini, umnyango ngamnye uneengcango ezimbini. 25 Kule minyango yendawo engcwele, kwakukho imifanekiso yeekherubhi nomthi wesundu, enjengale yayiseludongeni.+ Kwakukho nenxalenye yophahla lweplanga ngaphambili everandeni engaphandle. 26 Kwakukho neefestile ezazinkulu ngaphakathi zize zibe ncinci ngaphandle,+ nemifanekiso yomthi wesundu macala omabini everanda, nakumagumbi asemacaleni etempile nasezantsi kophahla.