Numeri
4 UYehova wathetha noMoses noAron, wathi: 2 “Makubalwe oonyana bakaKohati+ phakathi koonyana bakaLevi, ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo, 3 bonke abaneminyaka eyi-30+ ukuya kweyi-50,+ abakwiqela elinikwe umsebenzi ententeni yokuhlangana.+
4 “Umsebenzi woonyana bakaKohati ententeni yokuhlangana+ ngulo. Uyeyona nto ingcwele: 5 Xa kufudukwa, uAron noonyana bakhe baza kungena baze bothule ikhethini,+ bogqume ngayo ityeya+ yoBungqina. 6 Ngaphezulu, baza kubeka isikhumba sentini baze babeke ilaphu eliluhlaza,* bafake neepali+ zokuyithwala loo tyeya.
7 “Bafanele bathathe izitya, iindebe nemiphanda yomnikelo oselwayo,+ bazibeke phezu kwetafile ekubekwa kuyo izonka zokubonisa+ baze bayogqume ngelaphu eliluhlaza;* isonka+ esihlala phezu kwaloo tafile masingasuswa. 8 Bamele baphinde babeke phezu kwayo ilaphu elibomvu krwe, baze bayogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokuyithwala. 9 Emva koko baza kuthatha ilaphu eliluhlaza,* bogqume ngalo isiphatho sezibane+ zokukhanyisa, izibane+ zaso, imicephe yazo yokucima umlilo,+ izitya zaso zomlilo nazo zonke izitya zaso zokuphatha ioli. 10 Bakugqiba baza kusogquma nezixhobo zaso zonke ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala. 11 Yaye baza kubeka ilaphu eliluhlaza* phezu kwesibingelelo segolide,+ baze basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali+ zokusithwala. 12 Baza kuzithatha zonke izixhobo+ abasoloko bezisebenzisa kwindawo engcwele, bazisongele ngelaphu eliluhlaza,* bazogqume ngesikhumba sentini, baze bazibeke phezu kweepali zokuzithwala.
13 “Bamele basuse uthuthu* esibingelelweni+ baze basogqume ngelaphu elenziwe ngoboya obumsobo.* 14 Baza kubeka phezu kwaso zonke izixhobo+ abazisebenzisa qho kuso: izitya zaso zomlilo, iifolokhwe, imihlakulo nezitya. Bamele basogqume ngesikhumba sentini, bafake neepali zokusithwala.+
15 “UAron noonyana bakhe bamele babe bagqibile ukogquma indawo engcwele+ nazo zonke izinto zendawo engcwele xa inkampu iza kuhamba. Emva koko baza kungena oonyana bakaKohati baze bazithwale ezo zinto,+ kodwa mabangayichukumisi indawo engcwele, kuba ukuyichukumisa kwabo baza kufa.+ Lowo ngumsebenzi* woonyana bakaKohati apho ententeni yokuhlangana.
16 “UEleyazare+ unyana ka-Aron umbingeleli nguye oza kujongana neoli yezibane,+ isiqhumiso esiqholiweyo,+ umnikelo wokutya onikelwa qho neoli yokuthambisa.+ Nguye omele aphathe wonke umsebenzi owenziwa ententeni engcwele nayo yonke into engaphakathi kuyo, kunye nendawo engcwele nezinto zayo.”
17 UYehova waqhubeka ethetha noMoses noAron, esithi: 18 “Ningavumeli isizwe seentsapho zamaKohati+ sibulawe phakathi kwabaLevi. 19 Bancedeni ukuze bahlale bephila, bangafi xa besondela kwezona zinto zingcwele.+ UAron noonyana bakhe bamele bangene baze babonise ngamnye umsebenzi wakhe nezinto aza kuzithwala. 20 Mabangaziboni nakancinci izinto ezingcwele xa bengena, kungenjalo baza kufa.”+
21 Emva koko uYehova wathetha noMoses, wathi: 22 “Makubalwe oonyana bakaGershon,+ ngokwezindlu zootata babo nangokweentsapho zabo. 23 Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 24 Nanku umsebenzi weentsapho zamaGershon nezinto abaza kuzithwala.+ 25 Baza kuthwala amalaphu entente engcwele,+ intente yokuhlangana, amalaphu okuyogquma, isikhumba sentini esibekwa ngaphezulu,+ umkhusane* womnyango wentente yokuhlangana,+ 26 iikhethini zeyadi,+ umkhusane* wegeyithi yeyadi+ ebiyele intente engcwele nesibingelelo, iintambo zentente, zonke izixhobo, nayo yonke into esetyenziswa ententeni. Ngumsebenzi wabo lowo. 27 Wonke umsebenzi wamaGershon+ nemithwalo yawo uza kulawulwa nguAron noonyana bakhe; yonke le mithwalo uza kuyinika wona ibe ngumsebenzi wawo. 28 Lowo ke ngumsebenzi eziza kuwenza iintsapho zamaGershon ententeni yokuhlangana,+ yaye imisebenzi yawo ilawulwa nguItamare+ unyana ka-Aron umbingeleli.
29 “Bona oonyana bakaMerari,+ uza kubabhalisa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo. 30 Bhalisa bonke abaneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 31 Nazi izinto zentente yokuhlangana abaza kuzithwala:+ iifreyimi zentente engcwele,+ iipali zayo,+ iintsika zayo,+ iziseko zayo,+ 32 iintsika+ zeyadi, iziseko zazo,+ izikhonkwane zazo,+ iintambo zazo, zonke izixhobo zazo nawo wonke umsebenzi owenziwa ngezi zinto. Nimele ninike ngamnye kubo umsebenzi ngokubachazela izinto abaza kuzithwala. 33 Leyo ke yindlela eziza kusebenza ngayo iintsapho zoonyana bakaMerari+ ententeni yokuhlangana, zilawulwa nguItamare unyana ka-Aron umbingeleli.”+
34 UMoses noAron neenkokheli+ zebandla bababhalisa oonyana bamaKohati,+ ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo, 35 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+ 36 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 750.+ 37 Aba babhaliswa bethathwa kwiintsapho zamaKohati, bonke ababesebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
38 Oonyana bakaGershon+ babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo, 39 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana. 40 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-2 630.+ 41 Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaGershon, bonke abo basebenza ententeni yokuhlangana. UMoses noAron bababhalisa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
42 Oonyana bakaMerari babhaliswa ngokweentsapho zabo nangokwendlu yootata babo, 43 bonke abo baneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, abakwiqela labasebenza ententeni yokuhlangana.+ 44 Bebonke ababhaliswayo ngokweentsapho zabo, babeyi-3 200.+ 45 Ngabo aba ababhaliswayo kwiintsapho zoonyana bakaMerari, awababhalisayo uMoses noAron ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses.+
46 UMoses noAron neenkosi zakwaSirayeli bababhalisa aba baLevi ngokweentsapho zabo nangokwezindlu zootata babo, 47 babeneminyaka eyi-30 ukuya kweyi-50, yaye bonke banikwa imisebenzi yokuthwala imithwalo yentente yokuhlangana.+ 48 Ababhaliswayo kubo babeyi-8 580.+ 49 Babhaliswa ngokomyalelo uYehova awawunika uMoses, ngamnye ngokomsebenzi wakhe nangokomthwalo wakhe; babhaliswa kanye njengokuba uYehova wayemyalele uMoses.