Yoshuwa
5 Xa bonke ookumkani bama-Amori+ ababekwicala elingasentshona* yeYordan, nabo bonke ookumkani bamaKanan+ ababengaselwandle, bevayo ukuba uYehova wawomisa amanzi aseYordan phambi kwamaSirayeli ade awela, boyika*+ yaye kwaphela ukuba nesibindi ngenxa yamaSirayeli.+
2 Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa: “Zenzele iimela ngamatye abukhali uze uphinde uwoluse+ amadoda akwaSirayeli.” 3 UYoshuwa wazenza ezo mela waza wawolusa amadoda akwaSirayeli eGibheyati-haraloti.*+ 4 Nasi isizathu sokuba uYoshuwa awoluse: Onke amadoda awaphuma eYiputa, amadoda emfazwe,* afela entlango, endleleni esuka eYiputa.+ 5 Bonke abantu abaphuma eYiputa babolukile, kodwa bonke abantu abazalelwa entlango, endleleni esuka eYiputa babengolukanga. 6 AmaSirayeli ahamba entlango iminyaka eyi-40,+ lwade lonke uhlanga lwafa, oko kukuthi, amadoda emfazwe awaphuma eYiputa, angazange alithobele ilizwi likaYehova.+ UYehova wafunga wathi akasoze awavumele alibone ilizwe+ uYehova awafunga ngalo kookhokho bawo ukuba uza kusinika lona,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+ 7 Ngoko wabeka oonyana bawo endaweni yawo.+ Aba boluswa nguYoshuwa. Babengolukanga kuba babengabolusanga endleleni.
8 Bathi bakugqiba ukolusa uhlanga lonke, bahlala kuloo ndawo babekuyo bade baphila.
9 Emva koko uYehova wathi kuYoshuwa: “Namhlanje ndinenze nayeka ukwenziwa intlekisa ngamaYiputa.” Ngoko loo ndawo ibizwa ngokuba yiGiligali*+ kude kube namhlanje.
10 AmaSirayeli aqhubeka ehleli eGiligali, abhiyozela iPasika ngosuku lwe-14 kuloo nyanga,+ ngokuhlwa, kwintlango yaseYeriko. 11 Yaye atya isivuno selo lizwe, ngosuku olusemva kwePasika, atya isonka esingenagwele+ nokutya okugcadiweyo kwangaloo mini. 12 Emva koko imana yaphela ngosuku olusemva kokuba etye kwisivuno selo lizwe; amaSirayeli ayengasenayo imana,+ kodwa atya isivuno sakwaKanan ngaloo nyaka.+
13 Xa uYoshuwa wayekufutshane naseYeriko waphakamisa amehlo waza wabona indoda+ imi phambi kwakhe, iphethe ikrele.+ Waya kuyo, wayibuza wathi: “Ngaba ungakwicala lethu okanye ungakwicala leentshaba zethu?” 14 Yathi: “Hayi, ndiyinkosana yomkhosi kaYehova mna.”+ Ngoko uYoshuwa waqubuda waza wathi kuyo: “Ithini inkosi yam kumkhonzi wayo?” 15 Inkosana yomkhosi kaYehova yathi kuYoshuwa: “Khulula iimbadada zakho, kuba le ndawo umi kuyo ingcwele.” Ngoko nangoko uYoshuwa wazikhulula.+