Duteronomi 4:6 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 6 Yigcineni ke nize niyenze, kuba oku kububulumko+ kuni nokuqonda+ kuni phambi kwamehlo ezizwana eziya kuva ngayo yonke le mimiselo, zize ngokuqinisekileyo zithi, ‘Olu hlanga lukhulu ngokungathandabuzekiyo lungabantu abanobulumko nokuqonda.’+ INdumiso 111:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.+ ש [Sin]Bonke abo bayenzayo banengqiqo elungileyo.+ ת [Taw]Indumiso yakhe imi ngonaphakade.+ IMizekeliso 9:10 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 10 Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko,+ nokwaziwa kwaLowo Ungoyena Ungcwele kukuqonda.+ INtshumayeli 12:13 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 13 Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uTHIXO oyinyaniso+ uze ugcine imiyalelo yakhe.+ Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu. Roma 1:20 INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele 20 Kuba iimpawu zakhe ezingabonakaliyo+ zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili,+ ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo,+ kwanamandla angunaphakade+ nobuThixo bakhe,+ khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka;+
6 Yigcineni ke nize niyenze, kuba oku kububulumko+ kuni nokuqonda+ kuni phambi kwamehlo ezizwana eziya kuva ngayo yonke le mimiselo, zize ngokuqinisekileyo zithi, ‘Olu hlanga lukhulu ngokungathandabuzekiyo lungabantu abanobulumko nokuqonda.’+
10 Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko.+ ש [Sin]Bonke abo bayenzayo banengqiqo elungileyo.+ ת [Taw]Indumiso yakhe imi ngonaphakade.+
13 Ukuqosheliswa kombandela, emva kokuba yonk’ into iviwe, naku: Yoyika uTHIXO oyinyaniso+ uze ugcine imiyalelo yakhe.+ Kuba oku kuyimbopheleleko yomntu.
20 Kuba iimpawu zakhe ezingabonakaliyo+ zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili,+ ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo,+ kwanamandla angunaphakade+ nobuThixo bakhe,+ khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka;+