-
Numeri 4:15IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
15 “UAron noonyana bakhe bamele babe bagqibile ukogquma indawo engcwele+ nazo zonke izinto zendawo engcwele xa inkampu iza kuhamba. Emva koko baza kungena oonyana bakaKohati baze bazithwale ezo zinto,+ kodwa mabangayichukumisi indawo engcwele, kuba ukuyichukumisa kwabo baza kufa.+ Lowo ngumsebenzi* woonyana bakaKohati apho ententeni yokuhlangana.
-
-
Numeri 16:39, 40IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
39 Ngoko uEleyazare umbingeleli wazithatha izitya zomlilo zekopolo ebezisondezwe ngabo baye batshiswa, waza wazikhanda, woleka ngazo isibingelelo, 40 kanye ngendlela uYehova awayemyalele ngayo uMoses. Le nto yaba sisikhumbuzo kumaSirayeli sokuba akukho mntu umele asondele aze atshisele uYehova isiqhumiso esiqholiweyo+ enganikwanga mvume yokwenza loo nto,* yaye engaphumi kwinzala ka-Aron, ukuze kungabikho mntu uba njengoKora nabaxhasi bakhe.+
-