ABagwebi 8:23 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 23 Kodwa uGidiyon wathi kuwo: “Anizukulawulwa ndim nangunyana wam. Niza kulawulwa nguYehova.”+ 1 Samuweli 10:19 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 19 Kodwa namhlanje nimlahlile uThixo wenu,+ owayenguMsindisi wenu kubo bonke ububi nakwintlungu enanikuyo, naza nathi: “Hayi, kodwa ufanele ubeke ukumkani phezu kwethu.” Ngoku ke yimani phambi koYehova ngokwezizwe nangokwamawaka enu.’”* 1 Samuweli 12:12 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 12 Xa nabona ukuba uNahashe,+ ukumkani wama-Amoni, uze kunihlasela nanihlala nisithi kum, ‘Thina sifuna ukulawulwa ngukumkani!’+ nakuba uYehova uThixo wenu enguKumkani wenu.+ Isaya 33:22 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+UYehova nguMniki-mthetho wethu,+UYehova nguKumkani wethu;+Nguye oza kusisindisa.+
19 Kodwa namhlanje nimlahlile uThixo wenu,+ owayenguMsindisi wenu kubo bonke ububi nakwintlungu enanikuyo, naza nathi: “Hayi, kodwa ufanele ubeke ukumkani phezu kwethu.” Ngoku ke yimani phambi koYehova ngokwezizwe nangokwamawaka enu.’”*
12 Xa nabona ukuba uNahashe,+ ukumkani wama-Amoni, uze kunihlasela nanihlala nisithi kum, ‘Thina sifuna ukulawulwa ngukumkani!’+ nakuba uYehova uThixo wenu enguKumkani wenu.+
22 Kuba uYehova nguMgwebi wethu,+UYehova nguMniki-mthetho wethu,+UYehova nguKumkani wethu;+Nguye oza kusisindisa.+