-
Duteronomi 6:1, 2IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
6 “Ngoku ke nantsi imiyalelo, imithetho nezigwebo uYehova uThixo wenu afuna nizifundiswe, ukuze nizithobele xa niwela nisiya kwilizwe eliza kuba lelenu, 2 ukuze nimoyike uYehova uThixo wenu, nize niyithobele yonke imithetho yakhe nemiyalelo yakhe aniyalele yona, wena, unyana wakho nomzukulwana wakho,+ ubomi benu bonke ukuze niphile ixesha elide.+
-
-
Duteronomi 30:19, 20IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
19 Amazulu nomhlaba ngamangqina namhlanje okuba, ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso.+ Khethani ubomi ukuze niphile,+ nina nenzala yenu,+ 20 ngokuthi nimthande uYehova uThixo wenu,+ nilimamele ilizwi lakhe,+ ninamathele kuye, kuba ububomi benu yaye niza kuhlala ixesha elide kwilizwe uYehova awafunga ukulinika ookhokho benu, uAbraham, uIsake noYakobi.”+
-
-
1 Petros 3:10-12IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
10 Kuba “nabani na obuthandayo ubomi nofuna ukonwaba, makalugade ulwimi lwakhe lungathethi izinto ezimbi,+ nemilebe yakhe ingathethi izinto ezilahlekisayo. 11 Makasuke kwizinto ezimbi,+ enze ezilungileyo;+ afune uxolo, aze asebenzele ukulufumana.+ 12 Kuba amehlo kaYehova* ajonge kumalungisa, neendlebe zakhe zimamele imithandazo yawo ecengayo,*+ kodwa uYehova* uyabacaphukela abantu abenza izinto ezimbi.”+
-