Yeremiya 33:16 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 16 Ngaloo mihla uYuda uza kusindiswa+ ibe neYerusalem iza kuhlala ikhuselekile.+ Kwaye kuza kuthiwa xa ibizwa: UYehova Ububulungisa Bethu.’”+ Hezekile 34:25 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 25 “‘“Ndiza kwenza isivumelwano soxolo kunye nazo,+ yaye ndiza kuwasusa elizweni amarhamncwa enzakalisayo,+ ukuze zihlale zikhuselekile entlango zize zilale emahlathini.+ Hoseya 2:18 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 18 Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+Yaye ndiza kubakhusela.+ Mika 4:4 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 4 Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya,*+Kungabikho mntu uboyikisayo,+Kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.
16 Ngaloo mihla uYuda uza kusindiswa+ ibe neYerusalem iza kuhlala ikhuselekile.+ Kwaye kuza kuthiwa xa ibizwa: UYehova Ububulungisa Bethu.’”+
25 “‘“Ndiza kwenza isivumelwano soxolo kunye nazo,+ yaye ndiza kuwasusa elizweni amarhamncwa enzakalisayo,+ ukuze zihlale zikhuselekile entlango zize zilale emahlathini.+
18 Ngaloo mini ndiza kwenza isivumelwano nezilwanyana zasendle,+Neentaka zezulu nezilwanyana ezirhubuluzayo zomhlaba;+Ndiza kususa elizweni isaphetha, ikrele nemfazwe,+Yaye ndiza kubakhusela.+
4 Umntu ngamnye uza kuhlala phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya,*+Kungabikho mntu uboyikisayo,+Kuba umlomo kaYehova wemikhosi uthethile.