Levitikus 19:18 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 18 “‘Uze ungaziphindezeli+ okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu, yaye umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.+ NdinguYehova. Mateyu 22:39 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 39 Nanku owesibini onjengalo: ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’+ Marko 12:31 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 31 Owesibini uthi, ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’+ Awukho omnye umyalelo omkhulu kunale.” Luka 10:27 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 27 Yathi: “‘Umele umthande uYehova* uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke nangengqondo yakho yonke,+ uthande nommelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo.’”+ Roma 13:9 IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha 9 Kuba imithetho ethi, “Uze ungakrexezi,+ uze ungabulali,+ uze ungebi,+ uze ungabaweli izinto zomnye umntu,”+ nawo nawuphi na omnye umthetho okhoyo, ishwankathelwa ngala mazwi athi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+
18 “‘Uze ungaziphindezeli+ okanye ube nenqala koonyana babantu bakowenu, yaye umele uthande omnye umntu ngendlela ozithanda ngayo nawe.+ NdinguYehova.
31 Owesibini uthi, ‘Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.’+ Awukho omnye umyalelo omkhulu kunale.”
27 Yathi: “‘Umele umthande uYehova* uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo wakho wonke nangamandla akho onke nangengqondo yakho yonke,+ uthande nommelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo.’”+
9 Kuba imithetho ethi, “Uze ungakrexezi,+ uze ungabulali,+ uze ungebi,+ uze ungabaweli izinto zomnye umntu,”+ nawo nawuphi na omnye umthetho okhoyo, ishwankathelwa ngala mazwi athi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+