-
Mateyu 3:11, 12IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
11 Mna ndinibhaptiza ngamanzi kuba niguqukile,+ kodwa yena lowo uza emva kwam ungaphezu kwam, kangangokuba andifaneleki nokukhulula iimbadada ezi zakhe.+ Yena uza kunibhaptiza ngomoya oyingcwele+ nangomlilo.+ 12 Umhlakulo wakhe wokwela usesandleni sakhe, yaye uza kulicoca ngokupheleleyo ibala lakhe lokubhula, ayiqokelelele kuvimba ingqolowa yakhe, aze wona umququ awutshise ngomlilo+ ongacimekiyo.”
-