-
Mateyu 21:1-3IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
21 Bathi bakufika kwiNtaba YemiNquma eBhethefage, kufutshane neYerusalem, uYesu wathumela abafundi ababini,+ 2 wathi kubo: “Hambani niye kule lali iphambi kwenu; niza kubona idonki ibotshelelwe nenkonyane layo. Zikhululeni, nizizise kum. 3 Ukuba kukho umntu onibuzayo, ze nithi, ‘Ziyafunwa yiNkosi.’ Uza kutsho aninike ngoko nangoko.”
-
-
Marko 11:1-6IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
11 Bathi xa besondela eYerusalem bekufutshane eBhethefage naseBhethani,+ kwiNtaba YemiNquma, uYesu wathumela abafundi bakhe ababini,+ 2 esithi kubo: “Hambani niye kule lali iphambi kwenu. Niza kuthi xa ningena nibone inkonyane ledonki elibotshelelweyo, ekungazange kukhwele mntu kulo. Likhululeni nilizise apha. 3 Ukuba kukho umntu othi, ‘Nilikhululela ntoni elo nkonyane?’ ze nithi, ‘Lifunwa yiNkosi, iza kuphinda ilibuyise kwangoku.’” 4 Ngoko baya, balifumana inkonyane libotshelelwe emnyango, limi ngaphandle esitratweni, baza balikhulula.+ 5 Kodwa abanye abantu ababemi apho bathi kubo: “Nilikhululela ntoni elo nkonyane?” 6 Bathetha kanye le nto uYesu wayethe mabayithethe, baza bayekwa.
-