Kubalisa uMarko
11 Bathi xa besondela eYerusalem bekufutshane eBhethefage naseBhethani,+ kwiNtaba YemiNquma, uYesu wathumela abafundi bakhe ababini,+ 2 esithi kubo: “Hambani niye kule lali iphambi kwenu. Niza kuthi xa ningena nibone inkonyane ledonki elibotshelelweyo, ekungazange kukhwele mntu kulo. Likhululeni nilizise apha. 3 Ukuba kukho umntu othi, ‘Nilikhululela ntoni elo nkonyane?’ ze nithi, ‘Lifunwa yiNkosi, iza kuphinda ilibuyise kwangoku.’” 4 Ngoko baya, balifumana inkonyane libotshelelwe emnyango, limi ngaphandle esitratweni, baza balikhulula.+ 5 Kodwa abanye abantu ababemi apho bathi kubo: “Nilikhululela ntoni elo nkonyane?” 6 Bathetha kanye le nto uYesu wayethe mabayithethe, baza bayekwa.
7 Beza nalo ke inkonyane,+ babeka kulo izambatho zabo zangaphezulu, waza uYesu wahlala phezu kwazo.+ 8 Abantu abaninzi bandlala izambatho zabo zangaphezulu endleleni, kodwa abanye bagawula amasebe emasimini.+ 9 Abantu ababehamba phambi kwakhe nasemva kwakhe, babekhwaza besithi: “Msindise!+ Usikelelwe lowo uza egameni likaYehova!*+ 10 Busikelelwe uBukumkani obuzayo bukatata wethu uDavide!+ Msindise, wena ukwindawo ephakamileyo!” 11 Wangena eYerusalem, waya etempileni waza wajonga yonke into elapho, yaye kuba kwakusele kurhatyele, wahamba waya eBhethani nabapostile bakhe abayi-12.+
12 Ngemini elandelayo, xa babehamba eBhethani, uYesu walamba.+ 13 Uthe esekude, wabona umthi wamafiya* owawunamagqabi, waya kuwo ukuze abone ukuba akukho nto anokuyifumana na. Kodwa wafika kungekho nto, ingamagqabi odwa, kuba yayingeloxesha lamafiya.* 14 Ngoko wathi kuwo: “Makungaze kuphinde kubekho mntu utya mafiya* aphuma kuwe ngonaphakade.”+ Abafundi bakhe babemamele.
15 Bafika eYerusalem. Apho wangena etempileni wagxotha abantu ababethengisa nababethenga etempileni, wawisa iitafile zabo zokutshintsha imali nezitulo zabo babethengisa amahobe,+ 16 ibe wayengavumeli nabani na ophethe nantoni na anqumle etempileni. 17 Wayebafundisa esithi: “Akubhalwanga na kwathiwa, ‘Indlu yam iza kubizwa ngokuba yindlu yomthandazo yazo zonke iintlanga’?+ Kodwa nina niyenze indawo yootsotsi.”+ 18 Bathi ababingeleli abaziintloko nababhali bakuyiva loo nto, bafuna indlela yokumbulala.+ Kaloku babemoyika, kuba abantu babemangaliswa zizinto azifundisayo.+
19 Kwathi kwakurhatyela, bemka esixekweni. 20 Kodwa bathi xa bedlula ekuseni babona laa mthi wamafiya* womile ukususela ezingcanjini.+ 21 UPetros wakhumbula into eyenzeke ngezolo, waza wathi kuYesu: “Mfundisi,* Jonga! Laa mthi ubuwuqalekisile womile.”+ 22 UYesu wathi kubo: “Yibani nokholo kuThixo. 23 Ndiyaniqinisekisa ukuba, nabani na othi kule ntaba, ‘Suka apha, uhambe uyokutshona elwandle,’ aze angathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ayikholelwe into yokuba iza kwenzeka loo nto, iza kwenzeka ke.+ 24 Kungenxa yoko le nto ndisithi kuni, zonke izinto enizicela ngomthandazo, yibani nokholo ngathi sele nizifumene, ibe niza kuzifumana.+ 25 Xa nimile nithandaza, xolelani nabani na ononileyo, ukuze noTata wenu osemazulwini anixolele izono zenu.”+ 26 *——
27 Baphinda beza eYerusalem. Xa uYesu wayehamba-hamba etempileni, kweza kuye ababingeleli abaziintloko nababhali nabadala, 28 bathi kuye: “Uyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto? Uyinikwe ngubani?”+ 29 UYesu wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba niyandiphendula, nam ndiza kunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto. 30 UYohane wayethunywe ngubani ukuba abhaptize?+ NguThixo okanye ngabantu? Ndiphenduleni.”+ 31 Ngoko bathetha bodwa besithi: “Ukuba sithi, ‘Wayethunywe nguThixo,’ uza kuthi, ‘Kwakutheni ke ze ningamkholelwa?’ 32 Kodwa singakhe silinge sithi, ‘Wayethunywe ngabantu’!” Kaloku babesoyika abantu ababelapho, kuba bonke babekholelwa ukuba uYohane ngumprofeti.+ 33 Ngoko bamphendula uYesu bathi: “Asazi.” UYesu wathi kubo: “Nam ke andizukunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto.”