-
Genesis 3:17-19IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
17 Wathi kuAdam:* “Kuba umamele ilizwi lomfazi wakho waza watya kumthi endakunika umyalelo+ ngawo ndathi, ‘Uze ungatyi kuwo,’ uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho.+ Uza kuyitya imveliso yawo usiva iintlungu, zonke iintsuku zobomi bakho.+ 18 Uza kukuntshulela ameva namakhakakhaka, yaye umele utye imifuno yasendle. 19 Uza kutya isonka* ubile ibunzi, ude ubuyele emhlabeni, kuba wenziwa ngawo.+ Kuba uluthuli, uza kubuyela eluthulini.”+
-