-
2 Timoti 2:16-18IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
16 Kodwa hambela kude kwiintetho ezingakhiyo, eziphikisana noThixo;+ kuba iintetho ezinjalo zenza umntu aye esenza izinto ezingafunwayo nguThixo, 17 ibe zisasazeka njengesilonda esibhidlayo. UHimenayo noFileto ngabanye babantu abathetha izinto ezinjalo.+ 18 La madoda aye ayijika inyaniso esithi uvuko selufikile,+ esonakalisa ukholo lwabanye.
-
-
1 Yohane 2:18, 19IZibhalo Ezingcwele—INguqulelo Yehlabathi Elitsha
-
-
18 Bantwana, yiyure yokugqibela, yaye njengokuba nanivile ukuba umchasi-Kristu uyeza,+ ngoku sekuvele abachasi-Kristu abaninzi.+ Yiloo nto ke esenza siqonde ukuba ngoku yiyure yokugqibela. 19 Basishiya, kuba babengengabo abethu kakade;+ kaloku ukuba babengabethu, ngebeselapha nangoku. Kodwa basishiya ukuze kucace ukuba ayinguye wonke umntu ongowethu.+
-