Levitikus
5 “‘Ukuba umntu uye wabona okanye wazi ngesono esenziweyo, ulingqina.+ Ukuba emva kokuba eve isaziso* sokuba aze kuba lingqina ngeso sono aze angasixeli, sisono eso. Umele aphenduliswe ngesono sakhe.
2 “‘Okanye xa umntu echukumise into engacocekanga, nokuba sisidumbu serhamncwa, esesilwanyana sasekhaya okanye sesinye sezilwanyana ezinyakazelayo,+ uza kuba netyala enoba ebengazazi ukuba azicocekanga. 3 Okanye ukuba uthe ngenxa yokungazi wachukumisa nakuphi na ukungcola komntu,+ nantoni na engacocekanga enokumenza angacoceki, aze ayazi loo nto, uza kuba netyala.
4 “‘Okanye ukuba umntu ufunge ngokungxama ukuba uza kwenza into, nokuba ilungile okanye imbi, nokuba yintoni na, waza wabona ukuba ukhawuleze wafunga, uza kuba netyala.*+
5 “‘Ukuba uye wanetyala nakweyiphi na kwezo zinto, umele achaze+ ukuba wone kweyiphi. 6 Uza kuzisa nomnikelo wetyala kuYehova ngenxa yesono sakhe,+ ithokazi alithathe emhlambini nokuba lithokazi legusha okanye itakane lebhokhwe elilithokazi, libe ngumnikelo wesono. Emva koko umbingeleli uza kumhlawulela loo mntu ngesono sakhe.
7 “‘Kodwa ukuba loo mntu akanayo igusha, umele azise kuYehova amahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo+ abe ngumnikelo wakhe wetyala, elinye libe ngumnikelo wesono lize elinye libe ngumnikelo otshiswayo.+ 8 Umele awazise kumbingeleli, aze umbingeleli azise elomnikelo wesono kuqala, alivule inxeba entanyeni, kodwa angayiqhawuli. 9 Uza kufefa inxalenye yegazi lomnikelo wesono ecaleni kwesibingelelo, kodwa igazi eliseleyo liza kukhanyelwa esisekweni sesibingelelo.+ Lowo ke ngumnikelo wesono. 10 Umbingeleli uza kulenza elinye ihobe libe ngumnikelo otshiswayo ngendlela ekuqhele ukwenziwa ngayo.+ Uza kusihlawulela isono sakhe, aze loo mntu axolelwe.+
11 “‘Ukuba akanawo namahobe amabini asendle okanye amantshontsho amabini amahobe afuywayo, umele azise isishumi se-efa*+ yomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wesono. Akamele agalele oli kuwo okanye abeke intlaka yokuqhumisa phezu kwawo, kuba ngumnikelo wesono lowo. 12 Uza kuwuzisa kumbingeleli, aze umbingeleli akhe isandla sigcwale kuwo, uze loo mgubo usesandleni umele wonke umnikelo, aqhumise ngawo esibingelelweni phezu kweminikelo kaYehova etshiswa ngomlilo. Lowo ke ngumnikelo wesono. 13 Umbingeleli uza kumhlawulela ngesono sakhe asenzileyo, enoba sesiphi na kwezi, aze ke axolelwe.+ Okuseleyo kulo mnikelo kuza kuba kokombingeleli+ njengakumnikelo wokutya okuziinkozo.’”+
14 Waqhubeka wathi uYehova kuMoses: 15 “Ukuba umntu uthe ngempazamo wophula umthetho ongezinto ezingcwele zikaYehova,+ umele azise kuYehova inkunzi yegusha ephilileyo ethathwe emhlambini ibe ngumnikelo wetyala.+ Ixabiso layo leeshekele* zesilivere liqingqwa ngokweshekele yendawo engcwele.*+ 16 Yaye uza kuhlawula ngenxa yokwaphula umthetho ongezinto ezingcwele, aze ongeze isihlanu selo xabiso.+ Yonke loo nto uza kuyinika umbingeleli ukuze asihlawulele isono sakhe+ ngenkunzi yegusha yomnikelo wetyala, aze ke axolelwe.+
17 “Ukuba umntu uye wona ngokwenza nantoni na athe uYehova mayingenziwa, nokuba ebengazi, uza kuba netyala ibe uza kuphendula ngenxa yesono sakhe.+ 18 Umele azise inkunzi yegusha ephilileyo kumbingeleli ngokwexabiso eliqikelelwayo, ibe ngumnikelo wetyala.+ Emva koko umbingeleli uza kumhlawulela ngempazamo ayenze engaqondanga, aze ke axolelwe. 19 Lowo ke ngumnikelo wetyala. Loo mntu unetyala lokona uYehova.”