IiNdumiso
Ingoma emnandi. Ingoma yemini yeSabatha.
92 Kulungile ukubulela kuYehova+
Nokulidumisa ngengoma* igama lakho, wena ungOyena Uphakamileyo;
2 Ukuthetha ngothando lwakho olungagungqiyo kusasa+
Nangokuthembeka kwakho ebusuku,
3 Ngesixhobo esineentambo ezilishumi nangesigingci,
Ngomculo omnandi wohadi.+
4 Kuba undenze ndonwaba, Yehova, ngenxa yezinto ozenzileyo;
Ndikhwaza ngovuyo ngenxa yomsebenzi wezandla zakho.
5 Mikhulu ngeyona ndlela imisebenzi yakho Yehova!+
Izinto ozicingayo zinzulu kakhulu!+
7 Xa abenzi-bubi behluma okokhula*
Nabantu abenza izinto ezingalunganga betyatyamba,
Loo nto yenzeka ukuze batshatyalaliswe ngonaphakade.+
8 Kodwa wena uphakanyiswa ngonaphakade Yehova.
9 Jonga indlela oza kuzoyisa ngayo iintshaba zakho Yehova,
Jonga indlela eziza kutshabalala ngayo;
Bonke abo benza izinto ezimbi baza kuthiwa saa.+
10 Kodwa uza kundenza ndibe namandla* okwenkunzi yenkomo yasendle;
Ndiza kuzithambisa ngeoli entsha.+
11 Amehlo am aza kujonga iintshaba zam ezoyisiweyo;+
Iindlebe zam ziza kuva ngokuwa kwezikhohlakali ezindihlaselayo.
14 Aza kuqhubeka echuma naxa sele aluphele,*+
Aza kuhlala esemandleni* yaye edlamkile,+
15 Exela ukuba uYehova ulungile.
UliLiwa lam,+ ibe akukho nto ingalunganga kuye.