Yobhi
29 UYobhi waqhubeka ethetha,* esithi:
2 “Akwaba bekunokubuyiselwa iinyanga ezadlulayo,
Ngokuya uThixo wayesandikhusela,
3 Xa wayekhanyisa isibane sakhe phezu kwentloko yam,
Ndihamba ebumnyameni ndikhanyiselwa nguye,+
4 Xa ndandisenamandla,
UThixo esengumhlobo wam omkhulu yaye esententeni yam,+
5 Xa uSomandla wayengakum,
Ndingqongwe ngabantwana bam,*
6 Xa indawo endinyathele kuyo yayihlanjwa ngebhotolo,
Kuphuma nemisinga yeoli ematyeni.+
7 Xa ndandiqhele ukuya egeyithini yesixeko,+
Ndize ndihlale kwindawo kawonke-wonke,+
8 Abafana babesithi bakundibona bandivulele indlela,*
Namaxhego ayephakama aze aqhubeke emile.+
9 Iinkosana zazisithi cwaka,
Zibeke izandla emlonyeni.
10 Abantu abahloniphekileyo babethula bathi tu,
Ulwimi luthi nca enkalakahleni.
11 Nabani na owayendive ndithetha wayendincoma,
Nabo bandibonayo babethetha kakuhle ngam.
12 Kuba ndandilinceda ihlwempu xa likhalela uncedo,+
Ndinceda umntwana ongenatata naye nabani na ongenamncedi.+
15 Ndandingamehlo kulowo uyimfama;
Ndiziinyawo kulowo usisiqhwala.
16 Ndandingutata wamahlwempu;+
Ndandiwaphanda kakuhle amatyala abantu endingabaziyo ukuze ndibancede.+
19 Iingcambu zam ziza kunabela emanzini,
Nombethe uhlale emasebeni am ubusuku bonke.
20 Ndihlala ndizukiswa,
Nesaphetha esisesandleni sam siza kuhlala sidubula iintolo.’
22 Akukho mntu wayethetha emva kokuba ndithethile;
Amazwi am ayengena kamnandi ezindlebeni zabo.
24 Xa ndibancumela babengakholelwa;
Babendijonga ebusweni bathuthuzeleke.