Duteronomi
24 “Ukuba indoda itshata umfazi, kodwa ayaneliseki nguye kuba ifumene into engafanelekanga ngaye, loo ndoda imele imbhalele isatifiketi sokuqhawula umtshato ize imnike,+ emva koko imcele ahambe.+ 2 Emva kokuba loo mfazi emkile endlini yaloo ndoda, angatshata nenye indoda.+ 3 Ukuba le ndoda yesibini iyamcaphukela* lo mfazi, ize imbhalele isatifiketi sokuqhawula umtshato okanye iyafa, 4 umyeni wakhe wokuqala owaqhawula umtshato naye akavumelekanga ukuba aphinde atshate naloo mfazi, kuba uye wangcoliswa yaye uYehova uyayenyanya loo nto. Nimele ningaliphatheli ityala ilizwe uYehova uThixo wenu aninika ukuba nihlale kulo.
5 “Xa indoda isanda kutshata, ayimele iye emkhosini okanye inikwe eminye imisebenzi. Imele iyekwe unyaka ihlale endlini yayo, ivuyise umfazi wayo.+
6 “Akukho mntu omele athimbe ilitye lokuguba okanye ilitye lokusila njengesibambiso,+ kuba ngokwenza loo nto uya kube uthatha indlela yokuziphilisa* yomntu ibe sisibambiso.
7 “Ukuba kukho umntu oye waqweqwedisa umntakwabo ongumSirayeli, wamphatha kakubi waza wamthengisa,+ loo mqweqwedisi makabulawe.+ Nimele nibususe ububi phakathi kwenu.+
8 “Xa kuvela isifo seqhenqa* qinisekani ukuba nizenza kakuhle zonke izinto enizixelelwa ngababingeleli abangabaLevi.+ Nimele nenze kanye loo nto endibayalele yona. 9 Yikhumbuleni into uYehova uThixo wenu awayenza kuMiriyam endleleni xa naniphuma eYiputa.+
10 “Ukuba uboleka ummelwane wakho nantoni na,+ sukungena endlini yakhe uyokuzithathela loo nto abambisa ngayo. 11 Umele ume ngaphandle, aze loo mntu umbolekileyo ayizise kuwe loo nto abambisa ngayo. 12 Ukuba loo mntu uyahlupheka, uze ungayokulala isekuwe loo nto abambise ngayo.+ 13 Umele nakanjani na uyibuyisele kuye loo nto ebebambise ngayo lakutshona ilanga, aze ayokulala into yakhe yokunxiba ikuye,+ ibe loo mntu uza kukusikelela. Loo nto iya kuthetha ukuba ulilungisa kuYehova uThixo wakho.
14 “Umele ungamqhathi umqeshwa odingayo nolihlwempu, enoba ngumntakwenu okanye ngumntu wasemzini ohlala kwesinye sezixeko zenu kwilizwe lenu.+ 15 Umele umnike kwangaloo mini umvuzo wakhe+ ngaphambi kokuba litshone ilanga, kuba uyadinga yaye ubomi bakhe buxhomekeke kuloo mvuzo. Kungenjalo uza kukhala ngawe kuYehova, yaye wena uza kuba netyala.+
16 “Ootata mabangafi ngenxa yoonyana babo, noonyana bangafi ngenxa yootata babo.+ Umntu makafele isono sakhe.+
17 “Uze ungasigqwethi isigwebo kumntu wasemzini okanye kumntwana ongenatata,*+ yaye umele ungayithathi into yokunxiba yomhlolokazi ibe sisibambiso.+ 18 Nize nikhumbule ukuba naningamakhoboka eYiputa yaye uYehova uThixo wenu wanikhulula apho.+ Yiloo nto ndiniyalela ukuba nenze le nto.
19 “Xa nivuna entsimini yenu kuze kubekho isithungu enisilibalayo, sanukubuya niye kusithatha. Sishiyeleni umntu wasemzini, umntwana ongenatata nomhlolokazi,+ ukuze uYehova uThixo wenu anisikelele kuyo yonke into eniyenzayo.+
20 “Xa nivuthulula imithi yenu yeminquma, nize ningaphindi niwavuthulule amasebe. Into eshiyekileyo iza kuba yeyomntu wasemzini, umntwana ongenatata nomhlolokazi.+
21 “Xa niqokelela iidiliya kwiintsimi zenu zeediliya, nize ningabuyi niyokuqokelela ezishiyekileyo. Ezo zimele zibe zezomntu wasemzini, umntwana ongenatata nomhlolokazi. 22 Khumbulani ukuba naningamakhoboka kwilizwe laseYiputa. Yiloo nto ndiniyalela ukuba nenze le nto.