Ezra
3 Ngenyanga yesixhenxe,+ amaSirayeli* ayekwizixeko zawo, aza adibana eYerusalem ngenjongo enye. 2 UYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki, oogxa bakhe abangababingeleli, uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ nabantakwabo baqalisa ukwakha isibingelelo soThixo kaSirayeli, ukuze bakwazi ukwenza imibingelelo etshiswayo kuso, kanye njengokuba kubhaliwe kuMthetho kaMoses+ indoda yoThixo wokwenene.
3 Ngoko basibeka kulaa ndawo sasikade sikuyo isibingelelo, nakuba babesoyika abantu bezizwe ezikufutshane,+ baza baqalisa ukwenzela uYehova imibingelelo etshiswayo kuso, imibingelelo etshiswayo yakusasa neyangokuhlwa.+ 4 Emva koko benza iTheko Lamakhusi* njengokuba kubhaliwe eMthethweni,+ besenza yonke iminikelo etshiswayo ekufuneka yenziwe suku ngalunye.+ 5 Emva koko benza umnikelo otshiswayo oqhelekileyo,+ owokuthwasa kweenyanga+ nayo yonke iminikelo yamaxesha amatheko angcwele+ kaYehova, kunye neyabo bonke abantu ababesenza umnikelo wokuzithandela+ kuYehova. 6 Baqalisa ukwenza imibingelelo etshiswayo kuYehova ukususela kusuku lokuqala lwenyanga yesixhenxe,+ nangona isiseko setempile kaYehova sasingekabekwa.
7 Banika abasiki bamatye+ namachule okwakha+ imali, banika amaSidon namaTire ukutya, iziselo namafutha kuba eze namaplanga omsedare eYopa+ esuka nawo eLebhanon ngolwandle, ngokomyalelo kaKumkani uKoreshi wasePersi.+
8 Ngonyaka wesibini emva kokuba befikile kwindlu yoThixo wokwenene eYerusalem, ngenyanga yesibini, uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, uYeshuwa unyana kaYehotsadaki nabantakwabo, ababingeleli nabaLevi, nabo bonke ababebuyele eYerusalem,+ baqalisa ukusebenza. Babeka abaLevi abaneminyaka eyi-20 nangaphezulu ukuba baphathe abo basebenza kwindlu kaYehova. 9 Ngoko uYeshuwa, oonyana bakhe nabantakwabo, uKademiyeli noonyana bakhe noonyana bakaYuda baba ngabaphathi bomsebenzi wendlu yoThixo wokwenene, kunye noonyana bakaHenadadi,+ oonyana babo nabantakwabo abaLevi.
10 Xa abakhi babeka isiseko setempile kaYehova,+ ababingeleli ababenxibe iimpahla zasetempileni bephethe namaxilongo,+ nabaLevi oonyana baka-Asafu ababephethe amacangci, bema ngeendawo zabo ukuze badumise uYehova ngokomyalelo kaKumkani uDavide wakwaSirayeli.+ 11 Bacula betshintshiselana,+ bedumisa yaye bebulela uYehova besithi, “kuba ulungile; uya kuhlala emthanda ngonaphakade uSirayeli.”+ Emva koko bonke abantu bakhwaza kakhulu bedumisa uYehova, kuba isiseko sendlu kaYehova sasigqityiwe. 12 Uninzi lwamaxhego awayeyibonile indlu yokuqala,+ angababingeleli, abaLevi neentloko zezindlu, akhala kakhulu akubona isiseko sale ndlu sigqityiwe, babe abanye abantu bekhwaza kakhulu bevuya.+ 13 Ngoko abantu babengakwazi ukwahlula ingxolo yokuvuya kwabantu nezikhalo, kuba kwakukhwazwa kangangokuba loo ngxolo yayivakala kude.