Yobhi
28 “Kukho indawo ekumbiwa kuyo isilivere
Nendawo ekusulungekiswa kuyo igolide;+
2 Intsimbi yembiwa emhlabeni,
Nekopolo inyibilikiswa ematyeni.+
4 Uyehla angene emgodini, kude nalapho abantu bahlala khona,
Kwiindawo ezilityelweyo, ekungahanjwayo kuzo;
Amanye amadoda ade ehle ngeentambo aze asebenze ejinga.
6 Kukho amatye anesafire apho,
Nothuli olunegolide.
7 Akukho ntaka idla inyama eyaziyo indlela eya apho;
Neliso likakhetshe omnyama aliyibonanga.
8 Akukho silwanyana sasendle esoyikekayo sakha sahamba kuyo;
Kungekho nangonyama yakha yadlula apho.
9 Abantu baqhekeza amatye,
Baqhekeze neziseko zeentaba.
11 Bavingca imilambo,
Baze baveze izinto ebezingabonakali.
18 Ikorale nekristale azithathi nto kubo,+
Kuba ingxowa egcwele ubulumko ixabiseke nangaphezu kwegcwele ziiperile.
21 Bufihliwe emehlweni azo zonke izinto eziphilayo;+
Bufihliwe nakwiintaka zezulu.
22 Intshabalalo nokufa zithi,
‘Iindlebe zethu zivile nje kuthethwa ngabo.’
23 UThixo uyazi ukuba bufumaneka njani;
Nguye yedwa obaziyo ukuba buhlala phi,+
24 Kuba yena ubona kwezona ndawo zikude zomhlaba,
Yaye ubona yonke into ephantsi kwamazulu.+
25 Xa wayenika umoya amandla,+
Naxa wayelinganisa amanzi,+
26 Xa wayebekela imvula umthetho,+
Esalathisa namafu ahamba neendudumo,+
27 Watsho wabubona ubulumko waza wabenza bacaca;
Wabenza waza wabuvavanya.
28 Emva koko wathi emntwini: