Yoshuwa
15 Umhlaba owanikwa+ isizwe sakwaYuda ngokweentsapho zaso wawuhamba uyokutsho kumda wakwaEdom,+ kwintlango yaseTsin, kumzantsi weNegebhi. 2 Umda wabo osemzantsi wawusuka ekupheleni koLwandle LweTyiwa,*+ kwicala elingasemzantsi. 3 Lo mda wawusiya emzantsi kwiqhina laseAkrabhim,+ ugqithe eTsin, emva koko unyuke uye eKadeshe-bharneya,+ ugqithele eHetseron uyokutsho eAdare, uze ujikele uye ngaseKarka. 4 Emva koko wawudlulela eAzemon,+ uye kwiNtlambo YaseYiputa,+ uze uyokuphela eLwandle.* Lowo ke yayingumda osemzantsi womhlaba wesizwe sakwaYuda.
5 Umda ongasempuma wawuluLwandle LweTyiwa* uphele ekupheleni kweYordan, yaye umda osemantla wawuqala apho iYordan idibana khona nolo lwandle.+ 6 Lo mda wawunyuka uye eBhete-hogela,+ udlule emantla eBhete-arabha,+ uze uye kwilitye likaBhohan+ unyana kaRubhen. 7 Wawunyuka uye eDebhiri kwiNtlambo* YaseAkore+ uze ujike uye emntla uyokufika eGiligali,+ engaphambi kweqhina laseAdumim, engasezantsi kwentlambo, yaye wawudlulela kumanzi ase-En-shemeshe,+ uze uyokuma e-En-rogele.+ 8 Lo mda wawunyuka uye kwiNtlambo Yonyana KaHinom+ kwithambeka lesixeko samaYebhusi+ ngasemzantsi, oko kukuthi, eYerusalem.+ Wawunyuka uyokutsho phezu kwentaba ejongene neNtlambo YaseHinom ngasentshona, engasekupheleni kweNtlambo* YamaRefa ngasentla. 9 Wawusuka phezu kwentaba uye kumthombo waseNefetowa,+ uze udlule uyokutsho kwizixeko ezikwiNtaba IEfron. Lo mda wawufikelela eBhahala, oko kukuthi, eKiriyati-yarim.+ 10 Wawujikela usuka eBhahala ngakwintshona yeNtaba ISehire uze ugqithele kwithambeka leNtaba IYeharim ngasentla, oko kukuthi iKesalon, wehle uye eBhete-shemeshe,+ udlulele eTimna.+ 11 Lo mda wawuhamba uyokufika kwithambeka lase-Ekron+ ngasentla, uze uyokufika eShikeron, ugqithele kwiNtaba IBhahala, uhambe uyokutsho eYabhineli, uyokuphela elwandle.
12 Umda ongasentshona wawuluLwandle Olukhulu*+ nonxweme lwalo. Lowo ke yayingumda wawo onke amacala omhlaba enzala kaYuda ngokweentsapho zakhe.
13 UYoshuwa wanika uKalebhi+ unyana kaYefune umhlaba phakathi kwenzala kaYuda, ngokomyalelo kaYehova. Wamnika iKiriyati-arbha (uArbha wayengutata ka-Anaki), oko kukuthi iHebron.+ 14 Ngoko uKalebhi wabagxotha apho oonyana abathathu baka-Anaki,+ abangaba, uSheshayi, uAhiman noTalemayi,+ inzala ka-Anaki. 15 Ngoko wahamba wayokuhlasela abantu baseDebhiri.+ (IDebhiri yayikade ibizwa ngokuba yiKiriyati-sefere.) 16 Emva koko uKalebhi wathi: “Indoda exabela iKiriyati-sefere ize iyithimbe, ndiza kuyinika intombi yam uAkesa ibe ngumfazi wayo.” 17 UOteniyeli+ unyana kaKenazi,+ umntakwaboKalebhi, wayithimba. Ngoko ke wamnika intombi yakhe uAkesa+ ukuba ibe ngumfazi wakhe. 18 Xa wayegoduka uAkesa wacenga uOteniyeli ukuba acele umhlaba kutata wakhe. Emva koko uAkesa wehla edonkini.* UKalebhi wathi kuye: “Ufuna ntoni?”+ 19 Wathi: “Ndicela undisikelele, kuba undinike isiqwenga somhlaba ongasemzantsi;* ndiphe neGuloti-mayim.”* Ngoko ke wamnika uMntla weGuloti noMzantsi weGuloti.
20 Nali ke ilifa lesizwe sakwaYuda ngokweentsapho zaso.
21 Izixeko ezisekupheleni komhlaba wesizwe sakwaYuda ngakumda wakwaEdom,+ emzantsi yayizezi: iKabhetseli, iEdere, iYagure, 22 iKina, iDimona, iAdada, 23 iKedeshe, iHatsore, i-Itenan, 24 iZifi, iTelem, iBheyaloti, 25 iHatsore-hadata, iKeriyoti-hetseron, oko kukuthi, iHatsore, 26 iAmam, iShema, iMolada,+ 27 iHatsare-gada, iHeshmon, iBhete-pelete,+ 28 iHatsare-shuwali, iBher-shebha,+ iBhiziyotiya, 29 iBhahala, i-Iyim, iEtsem, 30 iElitoladi, iKesili, iHorma,+ 31 iTsikelage,+ iMademana, iSanesana, 32 iLebhawoti, iShilehim, iAyin neRimon.+ Zizonke ezo zixeko zaziyi-29 neelali zazo.
33 Nazi izixeko ezaziseShefela:+ iEshtawoli, iTsora,+ iAshna, 34 iZanowa, iEn-ganim, iTapuwa, iEnam, 35 iYarmuti, iAdulam,+ iSokho, iAzeka,+ 36 iShaharayim,+ iAditayim, iGedera neGederotayim,* izixeko eziyi-14 neelali zazo.
37 ITsenan, iHadasha, iMigdali-gadi, 38 iDileyan, iMizpe, iYoketeli, 39 iLakishe,+ iBhotsekati, iEglon, 40 iKabhon, iLamam, iKitilishe, 41 iGederoti, iBhete-dagon, iNahama neMakeda,+ izixeko eziyi-16 neelali zazo.
42 ILibhena,+ iEtere, iAshan,+ 43 i-Ifeta, iAshna, iNetsibhi, 44 iKeyila, iAkezibhi neMareshaha, izixeko ezisithoba neelali zazo.
45 IEkron, iidolophu eziphantsi kwayo* neelali zayo; 46 ukusuka e-Ekron ukuya ngasentshona, nawo wonke ummandla ongaseAshdode neelali zawo.
47 IAshdode,+ iidolophu eziphantsi kwayo* neelali zayo; iGaza,+ iidolophu eziphantsi kwayo neelali zayo, ukuya kutsho kwiNtlambo YaseYiputa, kuLwandle Olukhulu nakummandla okufutshane nalo.+
48 Izixeko ezazikummandla weentaba, yayiyiShamire, iYatire,+ iSokho, 49 iDana, iKiriyati-sana, oko kukuthi iDebhiri, 50 iAnabhi, iEshtemo,+ iAnim, 51 iGoshen,+ iHolon neGilo,+ izixeko eziyi-11 neelali zazo.
52 IArabhu, iDuma, iEshan, 53 iYanim, iBhete-tapuwa, iAfeka, 54 iHumta, iKiriyati-arbha, oko kukuthi iHebron,+ neTsiyore, izixeko ezisithoba neelali zazo.
55 IMahon,+ iKarmele, iZifi,+ iYuta, 56 iYizereli, iYokedam, iZanowa, 57 iKhayin, iGibheya neTimna,+ izixeko ezilishumi neelali zazo.
58 IHalehule, iBhete-tsure, iGedore, 59 iMaharati, iBhete-anoti ne-Elitekon, izixeko ezithandathu neelali zazo.
60 IKiriyati-bhahali, oko kukuthi iKiriyati-yarim,+ neRabha, izixeko ezibini neelali zazo.
61 Izixeko ezazisentlango yayiyiBhete-arabha,+ iMidin, iSekaka, 62 iNibheshan, isiXeko SeTyiwa ne-En-gedi,+ izixeko ezithandathu neelali zazo.
63 Amadoda akwaYuda awazange akwazi ukuwagxotha+ amaYebhusi+ awayehlala eYerusalem,+ ngoko amaYebhusi asahlala namaYuda eYerusalem nanamhlanje.