Yeremiya
Bendingalila imini nobusuku
Ngenxa yabantu bakowethu.
2 Owu ukuba nje bendinendawo yokuhlala yabahambi entlango!
Bendiya kubashiya abantu bakuthi ndimke kubo,
Iqela labantu abanamaqhinga;
“Basuka ebubini baye ebubini,
Ibe abandihoyanga,”+ utsho uYehova.
4 “Ngamnye kuni makazikhusele kummelwane wakhe,
Angathembi nkqu nomntakwabo.
5 Umntu ngamnye uqhatha ummelwane wakhe.
Akakho othetha inyani.
Ulwimi lwabo balufundise ukuxoka.+
Bazidinisa ngokwenza izinto ezimbi.
6 Uhlala phakathi kwabantu abaxokayo.
Ngenxa yokuxoka kwabo, abafunanga kundazi,” utsho uYehova.
7 Ngoko ke uYehova wemikhosi uthi:
“Ndiza kubanyibilikisa ukuze ndibacoce yaye ndibavavanye,+
Kuba yintoni enye endinokuyenza ngentombi yabantu bam?
8 Ulwimi lwabo lutolo olubulalayo oluthetha ubuxoki.
Ngomlomo wakhe uthetha ngoxolo nommelwane wakhe;
Kodwa entliziyweni yakhe umcebela ububi.”
9 “Andimele ndibaphendulise na ke ngezi zinto,” utsho uYehova.
“Andimele ndiziphindezele na ke kuhlanga olunje?+
10 Ndiza kusitsho isikhalo, ndikhwaze ngenxa yeentaba
Ndiculele amadlelo asentlango ingoma yokuzila;
Kuba aye atshiswa ukuze kungabikho mntu unqumla kuwo,
Yaye isandi sokukhala kwemfuyo asizukuviwa.
Iintaka zamazulu namarhamncwa zibalekile; zimkile.+
11 IYerusalem ndiza kuyenza ibe yimfumba yamatye,+ isikhundla soodyakalashe;+
Nezixeko zakwaYuda ndiza kuzenza zingabi nabantu.+
12 Ngubani osisilumko ngokwaneleyo ukuba angayiqonda le nto?
Umlomo kaYehova uyixelele bani, ukuze yena ayixelele abanye?
Kutheni ilizwe litshabalele?
Kutheni lome okwentlango,
Ukuze kungabikho mntu udlulayo kulo?”
13 UYehova uphendule wathi: “Kungenxa yokuwushiya kwabo umthetho* wam endabanika wona, nangenxa yokungawulandeli nokungalithobeli ilizwi lam. 14 Kodwa balandele iintliziyo zabo nemifanekiso kaBhahali ngenkani,+ kanye ngendlela abafundiswa ngayo ngootata babo.+ 15 Ngoko ke uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli uthi, ‘Aba bantu ndiza kubatyisa umhlonyane, ndibaselise amanzi anetyhefu.+ 16 Ndiza kubasasaza phakathi kweentlanga ababengazazi bona nootata babo,+ ndithumele ikrele kubo de ndibatshabalalise bonke.’+
17 Uthi uYehova wemikhosi,
‘Yiqwalaseleni le nto yenzekayo,
Bizani abafazi abacula iingoma zokuzila,+
Nithumele nokuba kubizwe abafazi abangamachule,
18 Ukuze bakhawuleze beze, basenzele isijwili.
Ukuze amehlo ethu ehle iinyembezi
Nemisebe yethu ichiphize amanzi.+
19 Kuba siye saviwa isijwili eZiyon.+
“Sisentlungwini ngeyona ndlela!
Sihlazeke nyhani!
Kuba silishiyile ilizwe; yaye bazidilizile izindlu zethu.”+
20 Nina bafazi, liveni ilizwi likaYehova,
Akwaba iindlebe zenu zingaliva ilizwi lomlomo wakhe.
Fundisani iintombi zenu ukwenza isijwili,
Fundisanani le ngoma yokuzila.+
21 Kuba ukufa kunyuke ngeefestile zethu;
Kungene kwiinqaba zethu ezikhuselekileyo
Ukuze kususe abantwana ezitratweni
Nabafana kwiindawo zembutho.’+
22 Yithi, ‘Uthi uYehova:
“Izidumbu zabantu ziza kuwa njengomgquba phezu komhlaba,
Njengezithungu ezisandula ukusikwa emva komvuni,
Kungekho mntu uzihlanganisayo.”’”+
23 UYehova uthi:
“Umntu osisilumko makangaqhayisi ngobulumko bakhe;+
Indoda enamandla mayingaqhayisi ngamandla ayo,
Isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso.”+
24 “Kodwa umntu oqhayisayo makaqhayise ngale nto:
Le yokuba endiqonda yaye endazi,+
Le yokuba ndinguYehova, Lowo unothando olungagungqiyo nobulungisa, nowenza izinto kakuhle emhlabeni;+
Kuba zezo izinto ezindivuyisayo,”+ utsho uYehova.
25 “Jonga! Kuza imihla,” utsho uYehova, “endiza kumphendulisa ngayo wonke umntu owolukileyo kodwa abe engolukanga,+ 26 iYiputa,+ uYuda,+ uEdom,+ oonyana baka-Amoni,+ uMowabhi+ nabo bonke abo baneetuma ezichetyiweyo abahlala entlango;+ kuba zonke iintlanga azolukanga, kwaye yonke indlu kaSirayeli ayolukanga entliziyweni.”+