13 Unyana osisilumko uyayamkela ingqeqesho katata wakhe,+
Kodwa osileyo akeva xa ekhalinyelwa.+
2 Ngesiqhamo samazwi akhe, umntu uza kutya izinto ezilungileyo,+
Kodwa eyona nto ithandwa ngabantu abanamaqhinga bubundlobongela.
3 Ogada umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe,+
Kodwa oyivula banzi imilebe yakhe uza kwenzakala.+
4 Umntu olivila uyarhala, abe engenanto,+
Kodwa okhutheleyo uza kwanela ngokupheleleyo.+
5 Ilungisa liyabucaphukela ubuxoki,+
Kodwa izenzo zomenzi-bubi ziza neentloni kunye nehlazo.
6 Ubulungisa buyamkhusela umntu omsulwa,+
Kodwa izinto ezimbi ziyamthoba umoni.
7 Kukho ozenza ngathi sisityebi, abe engenanto;+
Kubekho nozenza ihlwempu, kanti sisinhanha.
8 Ubutyebi buhlawulela ubomi bomntu,+
Kodwa amahlwempu awoyiki nto.+
9 Ukukhanya kwamalungisa kuqaqambile,+
Kodwa isibane sabenzi-bubi siza kucinywa.+
10 Ukuzigqatsa kuyaxabanisa,+
Kodwa ubulumko bobabantu abafuna amacebiso.+
11 Ubutyebi obufunyanwa msinya buphelela emoyeni,+
Kodwa ubutyebi obuqokelelwa kancinci kancinci buyanda.
12 Ithemba elibanjezelweyo ligulisa intliziyo,+
Kodwa umnqweno ozalisekileyo ungumthi wobomi.+
13 Nabani na owucaphukelayo umyalelo uza kuhlawuliswa,+
Kodwa othobela umthetho uza kuvuzwa.+
14 Ukufundiswa sisilumko ngumthombo wobomi,+
Ukuze umntu asindiswe kwimigibe yokufa.
15 Umntu oyisebenzisa kakuhle ingqondo uyathandeka,
Kodwa indlela yabanamaqhinga inamagingxi-gingxi.
16 Umntu osisilumko wenza izinto ngokwazi,+
Kodwa isidenge sidiza ubudenge baso.+
17 Umthunywa ongathembekanga ungena engxakini,+
Kodwa umthunywa othembekileyo uyaphilisa.+
18 Nabani na ongayikhathalelanga ingqeqesho uba lihlwempu aze ahlazeke,
Kodwa okwamkelayo ukulungiswa uyazukiswa.+
19 Kumnandi emntwini xa efumana into ayinqwenelayo,+
Kodwa abenzi-bubi abafuni kusuka ezintweni ezimbi.+
20 Ohamba nezilumko uza kuba sisilumko,+
Kodwa osebenzisana nezidenge uza kungena engxakini.+
21 Aboni baleqwa yintlekele,+
Kodwa amalungisa avuzwa ngempumelelo.+
22 Umntu olungileyo ubashiyela ilifa abazukulwana bakhe,
Kodwa ubutyebi bomoni bugcinelwa ilungisa.+
23 Umhlaba olinyiweyo wehlwempu uvelisa ukutya okuninzi,
Kodwa kungatshayelwa kuphele ngenxa yokungabikho kobulungisa.
24 Nabani na ongayisebenzisiyo intonga uyamcaphukela unyana wakhe,+
Kodwa omthandayo ukukhuthalele ukumqeqesha.+
25 Ilungisa litya lanele,+
Kodwa isisu somenzi-bubi asinanto.+