“Umthetho Wesilumko”—Ngumthombo Wobomi
“HAYI ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobolwazi lukaThixo! Hayi indlela engaphengululeki ngayo imigwebo yakhe nendlela ezingalandeki ngayo iindlela zakhe!” wadanduluka watsho umpostile uPawulos. (Roma 11:33) Yaye usolusapho othembekileyo uYobhi wathi: “[UYehova uThixo] ulumkile entliziyweni.” (Yobhi 9:4) Ewe, uMdali wezulu nomhlaba unobulumko obugqithiseleyo. Yintoni esinokuyithetha ngomthetho, okanye iLizwi elibhaliweyo, loMdali obalasele ngolo hlobo?
Umdumisi wacula wathi: “Umthetho kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo. Isikhumbuzo sikaYehova sikholosekile, simenza abe nobulumko ongenamava. Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye emehlo.” (INdumiso 19:7, 8) Hayi indlela amele ukuba uKumkani uSolomon wayewaxabisa ngayo loo mazwi! Wathi: “Umthetho wesilumko ngumthombo wobomi, ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.” (IMizekeliso 13:14) Kwiindinyana ezili-13 ezingaphambili zeMizekeliso isahluko 13, uSolomon wabonisa indlela isiluleko esifumaneka eLizwini likaThixo esinokuba luncedo ngayo ekuphuculeni nasekukhuseleni ubomi bethu.
Fundiseka
IMizekeliso 13:1 ithi: “Unyana usisilumko apho kukho ingqeqesho kayise, kodwa umgculeli akeva kukhalinyelwa.” Ingqeqesho kayise isenokuthamba okanye ibe ngqongqo. Isenokuqala ngokuba yingqeqesho yomlomo, ize xa igatywa, iphumele ekubeni sisohlwayo. Ulumkile unyana oyamkelayo ingqeqesho kayise.
IBhayibhile ithi: “Lowo uYehova amthandayo uyamqeqesha; enyanisweni, uyamtyakatya wonke ubani amamkela njengonyana.” (Hebhere 12:6) Enye indlela uBawo wethu wasezulwini asiqeqesha ngayo kungeLizwi lakhe elibhaliweyo, iBhayibhile. ILizwi lakhe iBhayibhile liyasiqeqesha xa sikuxabisa size sikwenze oko sikufundayo kulo. Oku kuyasinceda, kuba yonke into uYehova ayithethayo iyingenelo kuthi.—Isaya 48:17.
Kwakhona uqeqesho lusenokuba sisiluleko esivela komnye esikholwa naye oxhalabele impilo-ntle yethu yokomoya. Naliphi na icebiso eliluncedo elivisisana neLizwi likaThixo limele ligqalwe, kungekhona njengelivela kuloo mntu ulinikelayo, kodwa njengelivela kuMthombo omkhulu wenyaniso. Kububulumko ukulamkela njengelivela kuYehova. Xa sisenjenjalo, silivumela liphembelele indlela esicinga ngayo, liphucule indlela esiziqonda ngayo iZibhalo, size silungise iindlela zethu, siya kungenelwa kwisiluleko. Kuyafana ke nangesiluleko esisifumana kwiintlanganiso zamaKristu nakwiimpapasho zeBhayibhile. Ukusabela kwethu kumazwi anjalo abhaliweyo okanye athethwa ngomlomo, kuyindlela entle gqitha yokuziqeqesha.
Kodwa yena umgculeli akalwamkeli uqeqesho. Enye incwadi ithi: “Akafundiseki, kuba ucinga ukuba wazi bhetele.” Akasabeli kwanaxa sele eqeqeshwa ngokuqatha—ngokuthi akhalinyelwe. Kodwa ngaba angalungqina luphosakele uqeqesho lukaYise? Uqeqesho lukaYehova aluzange yaye lungasayi kuze nanini na luphosakale. Ngokugatya uqeqesho, umgculeli uzibetha nje ngenyhek’ etyeni. Hayi indlela uSolomon akuchaza kakuhle ngayo ukubaluleka kokufundiseka, esebenzisa amazwi nje ambalwa obulumko!
Lulumkele Ulwimi Lwakho!
Ebonisa ukubaluleka kokwalathiswa liLizwi likaThixo xa sithetha, ukumkani wakwaSirayeli ufanisa umlomo nomthi ovelisa iziqhamo. Uthi: “Ngesiqhamo somlomo wakhe umntu uya kudla okulungileyo, kodwa umphefumlo wabo benza ngobuqhophololo lugonyamelo.” (IMizekeliso 13:2) Amazwi asisiqhamo somlomo. Yaye umntu uvuna oko akuhlwayeleyo ngamazwi akhe. Omnye umphengululi uthi: “Ukuba amazwi akhe ngawobubele nawobuhlobo kubamelwane bakhe, uya kudla okulungileyo, kuba uya konwaba aze abe seluxolweni.” Kodwa akunjalo ngalowo unobuqhophololo. Ufuna ukwenza ugonyamelo aze enzakalise abanye. Uceba ugonyamelo, aze afumane ugonyamelo. Umnt’ onjalo uba secicini lokufa.
USolomon uqhubeka esithi: “Olinda umlomo wakhe ugcina umphefumlo wakhe. Oyivula ibe banzi imilebe yakhe—uya konakala.” (IMizekeliso 13:3) Intetho yobuyatha nokuthetha ungacinganga, kunokulonakalisa udumo oluhle lwabanye, konakalise ubuhlobo, yaye kusenokude kube yingozi nasemzimbeni. Umntu osoloko eyivulile imilebe yakhe usenokungamkholisi uThixo, kuba uza kuphendulisa mntu ngamnye ngenxa yamazwi akhe. (Mateyu 12:36, 37) Eneneni, ukukulumkela oko sikuthethayo kuya kusisindisa engozini. Kodwa ke, singalulumkela njani ulwimi lwethu?
Indlela elula yokwenza oku kukungathethi kakhulu. IBhayibhile ithi: “Ebuninzini bamazwi akusweleki kunxaxha.” (IMizekeliso 10:19) Enye indlela kukucinga ngaphambi kokuba uthethe. Umbhali ophefumlelweyo uthi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele.” (IMizekeliso 12:18) Xa umntu engacinganga ngaphambi kokuba athethe, usenokukhubeka yena uqobo aze akhubekise nabo bamphulaphuleyo. Ngoko iBhayibhile isinika eli cebiso lobulumko: “Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo.”—IMizekeliso 15:28.
Khuthala
USolomon uthi: “Ivila liyanqwenela, kodwa umphefumlo walo awunanto. Noko ke, umphefumlo wabakhutheleyo uya kutyetyiswa.” (IMizekeliso 13:4) Enye incwadi ithi: “Ingongoma [yalo mzekeliso] kukuba ukunqwenela nje kukodwa kulilize, into ebalulekileyo kukukhuthala. Amavila angamaxhoba eminqweno, . . . minqweno leyo engawenzeli nto kwaphela.” Kodwa umphefumlo, okanye umnqweno wabakhutheleyo uyaneliswa—uyatyetyiswa.
Kuthekani ngabo bangade bazahlulele kuYehova kuba bephepha imbopheleleko? Basenokunqwenela ukuphila kwihlabathi elitsha likaThixo, kodwa ngaba bakulungele ukulisebenzela? Abo “baphuma embandezelweni enkulu” ngabo baye babonisa ukholo kwidini lentlawulelo likaYesu, bazahlulela kuYehova, baza balufuzisela uzahlulelo lwabo ngobhaptizo lwasemanzini.—ISityhilelo 7:14, 15.
Kwakhona phawula oko kubandakanyekileyo ekuzabalazeleni isigxina sobuveleli ebandleni. Ngokuqinisekileyo kuyinto encomekayo ukunqwenela lo msebenzi umhle kangaka yaye kuyakhuthazwa ziZibhalo. (1 Timoti 3:1) Noko ke, umnqweno uwodwa awanelanga. Ukuze ufanelekele esi sigxina kufuneka uhlakulele iimpawu nobuchule obufunekayo. Oko kufuna umzamo wenkuthalo.
Ubulungisa Buyalondoloza
Umntu olilungisa uhlakulela iimpawu zobuthixo yaye uthetha inyaniso. Uyaqonda ukuba ukuxoka kunxamnye nomthetho kaYehova. (IMizekeliso 6:16-19; Kolose 3:9) USolomon uthi ngokuphathelele oku: “Ilizwi lobuxoki liyathiywa lilungisa, kodwa abangendawo benza okuziintloni baze bazihlazise.” (IMizekeliso 13:5) Umntu olilungisa akaneli nje ngokukuphepha ukuxoka; kodwa ukuthiyile. Uyazi ukuba nokuba kubonakala kunyaniseke kangakanani na, ukuxoka konakalisa ubuhlobo ebantwini. Ngaphezu koko, umntu oxokayo akathenjwa. Umntu ongendawo wenza izinto ezibangel’ iintloni ngokuxoka okanye ngeziny’ iindlela, yaye ngaloo ndlela uyazihlazisa.
Ukuze abonise ukuba ukwenza okulungileyo emehlweni kaThixo kunenzuzo, ukumkani osisilumko uthi: ‘Ubulungisa buyamlondoloza ongenzakalisiyo kwindlela yakhe, kodwa ubungendawo buyambhukuqa umoni.’ (IMizekeliso 13:6) Njengenqaba, ubulungisa buyamkhusela umntu, kanti bona ubungendawo buyamonakalisa.
Musa Ukuzenzisa
Ebonisa ukusiqonda kwakhe isimo sengqondo sabantu abaninzi, ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Kukho ozenza ngathi usisityebi engenanto konke konke; kukho ozenza osweleyo kanti unezinto ezininzi ezixabisekileyo.” (IMizekeliso 13:7) Umntu usenokungabi koko abonakala ekuko. Abanye abantu abangamahlwempu basenokuzenza ngathi bazizityebi—mhlawumbi ngenjongo yokuqhayisa, befuna ukugqalwa njengabantu abaphumelelayo, okanye kuba nje becel’ injezu. Umntu osisityebi usenokuzenza ngathi uhlwempuzekile, kuba efuna ukufihla ubutyebi bakhe.
Ukuqhayisa nokufihla okunjalo akulunganga. Ukuba sihlwempuzekile, ukuchitha imali kwizinto zobunewunewu ngenjongo nje yokufuna ukubonakala ngathi sizizityebi, kunokusithintela ukuba thina neentsapho zethu singazifumani izinto eziyimfuneko ebomini. Yaye umntu ozenza ngathi uhlwempuzekile ngoxa esisityebi uba livimba, nto leyo emthob’ isidima nemhlutha ulonwabo abenokulufumana ukuba ebengumntu onesisa. (IZenzo 20:35) Ukunyaniseka kwenza ukuba uphile ubomi obuphucukileyo.
Musa Ukunqwenela Ubutyebi
USolomon uthi: “Intlawulelo yomphefumlo womntu bubutyebi bakhe, kodwa osweleyo akeva kukhalinyelwa.” (IMizekeliso 13:8) Sisiphi isifundo esisifumanayo kula mazwi obulumko?
Zikho iingenelo zokuba sisityebi, kodwa ubutyebi abusosiqinisekiso solonwabo. Kule mihla siphila kuyo ezaliswe ziinkathazo, abantu abazizityebi kunye neentsapho zabo badla ngokuba sengozini yokuqweqwediswa ukuze kufunyanwe intlawulelo. Maxa wambi kuye kuthi nakuba abantu abazizityebi beyikhuphile intlawulelo, kodwa umntu oqweqwedisiweyo abulawe. Lishwangusha elo eziya kuhlala zijamelene nalo izityebi.
Umntu ohlwempuzekileyo akanayo ingxaki enjalo. Nangona esenokungaphili ubomi obutofotofo okanye abe nobunewunewu obunanditshwa zizityebi, akakhathazeki ngokuba lixhoba lokuqweqwediswa. Leyo yenye yeengenelo zokuphila ubomi obulula, singachithi ixesha namandla ethu ekuziqwebeleni ubutyebi.—2 Timoti 2:4.
Ukuba Nemihlali ‘Ekukhanyeni’
USolomon uhlabela mgama ebonisa ukuba ukwenza izinto ngendlela kaYehova kuzisa iingenelo. Uthi: “Ukukhanya kwamalungisa kuya kuba nemihlali; kodwa isibane sabangendawo—siya kucinywa.”—IMizekeliso 13:9.
Isibane sifanekisela into ekhanyisa indlela yethu ebomini. ‘Ilizwi likaThixo lisisibane elunyaweni lomntu olilungisa nokukhanya endleleni yakhe.’ (INdumiso 119:105) Liqulethe ulwazi nobulumko obungathethekiyo boMdali. Okukhona sikuqonda ngakumbi ukuthanda kukaThixo neenjongo zakhe, kokukhona kuqaqamba ngakumbi ukukhanya okusalathisayo. Hayi indlela okuyolisa ngayo! Kutheni sifanele siphazanyiswe bubulumko behlabathi oko “kubizwa ngokuba ‘lulwazi’ kuxokwa”?—1 Timoti 6:20; 1 Korinte 1:20; Kolose 2:8.
Yena umntu ongendawo, kungakhathaliseki ukuba sibonakala siqaqambe kangakanani na isibane sakhe okanye ubonakala ephumelela kangakanani na, isibane sakhe siza kucinywa. Uza kuphelela ebumnyameni, apho ngokuqinisekileyo aya kukhubeka khona. Ngaphezu koko, “kuya kungqineka kungekho kamva ngaye.”—IMizekeliso 24:20.
Noko ke, yintoni esifanele siyenze xa singaqinisekanga ngekhondo esimele silithabathe kwimeko esijamelene nayo? Kuthekani ukuba asiqinisekanga ukuba sinalo kusini na igunya lokwenza okuthile konke konke? IMizekeliso 13:10 ilumkisa ngelithi: “Ngokukhukhumala ubani ubangela usukuzwano kuphela.” Ukwenza into ngaphandle kolwazi okanye ngaphandle kwegunya kukuzikhukhumalisa yaye oko kubangela ungquzulwano. Ngaba akukho bhetele ukubuza abanye abanolwazi nokuqonda? Ukumkani osisilumko uthi: “Kwabo babhunga kunye kukho ubulumko.”
Kulumkele Ukulindela Izinto Ezililize
Imali inokuba luncedo kakhulu. Ukuba nemali eyaneleyo kubhetele kunokuboph’ ibhanti okanye ukuhlwempuzeka. (INtshumayeli 7:11, 12) Kodwa ukucamngca ngeengenelo zokuzuza ubutyebi ngobuqhetseba kunokuba yinkohliso. USolomon ulumkisa esithi: “Izinto ezixabisekileyo zamampunge ziba mbalwa, kodwa oqokelela ngesandla uyandisa.”—IMizekeliso 13:11.
Ngokomzekelo, cinga nje ngesilingo sokungcakaza. Umntu ongcakazayo usenokuchitha imali ayisebenzele nzima ngethemba lokuba uza kuzuza isixa esikhulu semali. Kodwa hayi indlela oku okuba yilahleko ngayo entsatsheni yakhe! Yaye yintoni eyenzekayo ukuba uyaphumelela aze azuze isixa semali? Ekubeni le mali eyifumene lula, usenokungaliboni ixabiso layo. Ngaphezu koko, usenokungakwazi ukubusebenzisa ngobulumko obo butyebi asandul’ ukubufumana. Ngaba obo butyebi bakhe abuzukusuka bunyamalale ngokukhawuleza njengendlela abufumene ngayo? Kwelinye icala, ubutyebi obuzuzwa ngokuthe ngcembe—ngokusebenza ngokukhutheleyo—bunokusetyenziswa ngobulumko.
USolomon uthi: “Ulindelo olubanjezelweyo lugulisa intliziyo, kodwa ingumthi wobomi into enqwenelekayo xa ifika.” (IMizekeliso 13:12) Ulindelo olungazalisekiswayo luyadanisa yaye lugulisa intliziyo. Oku kwenzeka yonk’ imihla. Kodwa akunjalo ngolindelo olusekelwe ngokuqinileyo eLizwini likaThixo. Sinokuba nentembelo epheleleyo yokuba luya kuzaliseka. Kwanokuba lubonakala luthabatha ithuba elide, asisayi kuze sidaniswe.
Ngokomzekelo, siyazi ukuba ihlabathi elitsha likaThixo likufuphi. (2 Petros 3:13) Sikulindele ngolangazelelo ukuzaliseka kwezithembiso zikaThixo. Yintoni eyenzekayo njengoko sisebenzisa ixesha lokulinda kwethu sixakekile “emsebenzini weNkosi,” sikhuthaza abo sikholwa nabo, yaye sisakha ubuhlobo obuqinileyo noYehova? Kunokuba ‘sigule entliziyweni,’ siba novuyo. (1 Korinte 15:58; Hebhere 10:24, 25; Yakobi 4:8) Xa into ekudala ilindelwe ifika, iba ngumthi wobomi—iyahlaziya ize iqabule.
Umthetho KaThixo Ungumthombo Wobomi
IMizekeliso 13:13 ibonisa ukubaluleka kokuthobela uThixo, isithi: “Odelela ilizwi, kuya kuthinjwa kuye isibambiso sonetyala; kodwa owoyikayo umyalelo uya kuvuzwa.” Ukuba umntu oboleke imali akaligcini ilizwi lakhe ngokuthi ayibuyise, uya kuphulukana noko akunikele njengesibambiso. Ngokufanayo, nathi siya kulahlekelwa ukuba asiyithobeli imiyalelo kaThixo. Yintoni esiya kulahlekelwa yiyo?
“Umthetho wesilumko ngumthombo wobomi, ukuze kususwe ubani kwimigibe yokufa.” (IMizekeliso 13:14) Ukuphila ngaphandle komthetho kaYehova, uThixo onobulumko obugqithiseleyo, kukuzibandeza ulwalathiso olunokusinceda siphile ubomi obuphucukileyo kangangexesha elide. Hayi indlela okuyilahleko enkulu ngayo oko! Ngoko ikhondo lobulumko kukunikela ingqalelo ngokucokisekileyo kwiLizwi likaThixo size silivumele ukuba liphembelele iingcamango, intetho nezenzo zethu.—2 Korinte 10:5; Kolose 1:10.
[Imifanekiso ekwiphepha 23]
Ukwamkela isiluleko seZibhalo kuyindlela entle gqitha yokuziqeqesha
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
“Intliziyo yelungisa iyayicamngca impendulo”
[Imifanekiso ekwiphepha 24, 25]
Ukuzixakekisa ‘ngomsebenzi weNkosi’ kusizisela uvuyo