IiNdumiso
Kumalathisi; idlalwa ngeGititi.* Ingoma emnandi kaDavide.
8 Owu Yehova Nkosi yethu, liyamangalisa igama lakho emhlabeni wonke;
2 Emilonyeni yabantwana neentsana+ ufake amandla
Okulwa neentshaba zakho,
Ukuze uluvale umlomo utshaba nalowo uziphindezelayo.
3 Xa ndibona amazulu akho, imisebenzi yeminwe yakho,
Inyanga neenkwenkwezi ozenzileyo,+
4 Uyintoni na umntu ofayo le nto umkhumbulayo,
Nonyana womntu le nto umkhathalelayo?+
7 Zonke iigusha neebhokhwe neenkomo,
8 Iintaka zezulu neentlanzi zolwandle,
Nantoni na ehamba elwandle.
9 Owu Yehova Nkosi yethu, igama lakho likhulu ngeyona ndlela emhlabeni wonke!