Genesis
49 UYakobi wababiza oonyana bakhe waza wathi: “Qokelelanani ukuze ndinixelele izinto eziza kwenzeka xa imihla isiya esiphelweni. 2 Qokelelanani nize nimamele bonyana bakaYakobi, mamelani uSirayeli utata wenu.
3 “Rubhen+ ulizibulo lam,+ ungamandla am nesiqalo samandla am okuvelisa inzala, uyimbalasane yesidima sam, nembalasane yamandla am. 4 Awulawuleki, unjengamanzi agqumayo, ngoko awuzukuhambela phambili kuba waya ebhedini katata wakho.+ Wayingcolisa* ibhedi yam. Wakhwela kuyo!
5 “USimeyon ngumntakwaboLevi.+ Izixhobo zobundlobongela, zizixhobo zabo zokuxhela.+ 6 Kowu mphefumlo* wam, uze ungahlali nabo. Kowu sidima* sam uze ungazimanyi nebandla labo, kuba baye babulala abantu benomsindo,+ ibe bazonwabisa ngokunqumla imisipha yeenkunzi zeenkomo. 7 Uqalekisiwe umsindo wabo kuba ukhohlakele, nokubhabhama komsindo wabo kuba kungqwabalala.+ Ndiza kubasasaza kwaYakobi ndize ndibachithachithe kwaSirayeli.+
8 “Wena ke Yuda,+ abantakwenu baza kukudumisa.+ Isandla sakho siza kuba sentanyeni yeentshaba zakho.+ Oonyana bakatata wakho baza kuqubuda kuwe.+ 9 UYuda lithole lengonyama.+ Nyana wam, nakanjani uza kunyuka uvela exhobeni. Uye walalela, wazolula njengengonyama, ibe njengengonyama, ngubani onokuzidela amnxwale? 10 Intonga yobukhosi ayizukusuka kuYuda,+ nentonga yomyaleli ayizukusuka phakathi kweenyawo zakhe, ade afike uShilo,*+ zize zithobele yena izizwana.+ 11 Ubophelela idonki yakhe kumthi weediliya, nenkonyane eliyinkunzi kowona mthi weediliya umhle. Iimpahla zakhe uza kuzihlamba ngewayini, nesambatho sakhe ngencindi yeediliya. 12 Amehlo akhe abomvu-bumnyama yiwayini, namazinyo akhe amhlophe ngenxa yobisi.
13 “UZebhulon+ uza kuhlala ngaselunxwemeni, ngaselunxwemeni apho iinqanawa zimiswe ngeeankile,+ kwaye umda wakhe okude uza kuba ngaseSidon.+
14 “UIsakare+ yidonki enamathambo omeleleyo, elala ithwele iingxowa ezimbini zomthwalo. 15 Ibe uza kubona ukuba indawo leyo yokuphumla ilungile, nokuthi ilizwe elo liyathandeka. Uza kugoba ukuze athwale imithwalo ngegxalaba lakhe, kwaye uza kusebenza nzima.
16 “UDan+ uza kugweba abantu bakowabo njengesinye sezizwe zakwaSirayeli.+ 17 UDan makabe yinyoka engasendleleni, irhamba elingakwindledlana, elinqola izithende zehashe kangangokuba umkhweli walo uwa ngomva.+ 18 Ndiza kulindela usindiso lwakho Yehova.
19 “Yena uGadi,+ uza kuhlaselwa ngamajoni angabaphangi, kodwa uza kujika awahlasele, angawaniki kuphumla.+
20 “Isonka* sika-Ashere+ siza kuba sininzi, yaye uza kuvelisa ukutya okulungele ukutyiwa ngukumkani.+
21 “UNafetali+ lixhamakazi elinciphileyo. Uthetha amazwi amnandi.+
22 “UYosefu+ lisetyana lomthi ovelisa iziqhamo, umthi ovelisa iziqhamo ngasemthonjeni, onamasebe anabela ngaphaya kodonga. 23 Kodwa abatoli baqhubeka bemhlupha, bemtola, yaye baqhubeka bemzonda.+ 24 Sekunjalo isaphetha sakhe sasihleli silungile+ nezandla zakhe zomelele kwaye zitola ngokukhawuleza.+ Le nto yayisuka kwizandla zalowo unamandla kaYakobi, kumalusi, kwilitye likaSirayeli. 25 Uvela* kuThixo katata wakho ibe uza kukunceda, yaye ukunye noSomandla, kwaye uza kukusikelela ngeentsikelelo zasemazulwini phezulu, ngeentsikelelo zamanzi angaphantsi+ nangeentsikelelo zamabele nesibeleko. 26 Iintsikelelo zikatata wakho ziza kuba ngaphezulu kuneentsikelelo zeentaba zikanaphakade, zibe ngaphezulu kunezinto ezinqwenelekayo zeenduli ezihlala zikho.+ Ziza kuqhubeka zisentlokweni kaYosefu, elukakayini lwalowo ukhethiweyo kubantakwabo.+
27 “UBhenjamin+ uza kuqhubeka eqwenga oku kwengcuka.+ Kusasa uza kutya ixhoba, aze ngokuhlwa ahlule izinto azoxuthileyo.”+
28 Bonke aba zizizwe eziyi-12 zakwaSirayeli, kwaye lawo ngamazwi awathethwa kubo ngutata wabo xa wayebasikelela. Wanika ngamnye wabo intsikelelo emfaneleyo.+
29 Emva koko wayolela wathi: “Ndiza kuhlanganiselwa kubantu bakuthi.*+ Ndingcwabeni nookhokho, kumqolomba okwintsimi kaEfron umHiti,+ 30 kumqolomba okwintsimi yaseMakaphela ephambi kweMamre kwilizwe lakwaKanan, kwintsimi eyathengwa nguAbraham kuEfron umHiti ukuze ibe yindawo yokungcwaba. 31 UAbraham nomfazi wakhe uSara+ bangcwatyelwe phaya, noIsake+ nomfazi wakhe uRebheka, noLeya ndamngcwabela phaya. 32 La ntsimi nala mqolomba okuyo, zathengwa koonyana bakaHeti.”+
33 UYakobi wagqiba ukuyolela koonyana bakhe. Emva koko wakhwelisa iinyawo zakhe ebhedini, waphefumla okokugqibela, waza wahlanganiselwa kubantu bakowabo.*+