Levitikus
3 “‘Ukuba umnikelo wakhe ngumbingelelo wobuhlobo,*+ ibe uwuthatha emhlambini weenkomo, nokuba yinkunzi okanye yimazi, ufanele ube sisilwanyana esiphilileyo phambi koYehova. 2 Umele abeke isandla entlokweni yomnikelo wakhe, uze uxhelelwe kumnyango wentente yokuhlangana, yaye oonyana baka-Aron, ababingeleli, baza kufefa igazi lawo kuwo onke amacala esibingelelo. 3 Uza kuzisa inxalenye yombingelelo wobuhlobo ube ngumnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova:+ umhlehlo+ ogqume amathumbu, amanqatha onke asemathunjini, 4 izintso zombini nenqatha lazo elingasesinqeni. Uza kuwususa nomhlehlo ophezu kwesibindi kunye nezintso.+ 5 Baza kuqhumisa ngazo oonyana baka-Aron esibingelelweni, phezu komnikelo otshiswayo ophezu kweenkuni ezisemlilweni,+ zibe ngumnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi kuYehova.+
6 “‘Ukuba umnikelo wakhe uwuthatha emhlambini weegusha okanye weebhokhwe yaye ngumbingelelo wobuhlobo oya kuYehova, umele azise inkunzi okanye imazi ephilileyo.+ 7 Ukuba umnikelo wakhe litakane legusha eliyinkunzi, uza kulizisa phambi koYehova. 8 Uza kubeka isandla phezu kwentloko yomnikelo wakhe, uze uxhelelwe phambi kwentente yokuhlangana. Oonyana baka-Aron baza kufefa igazi lawo kuwo onke amacala esibingelelo. 9 Uza kuthatha amanqatha kumbingelelo wobuhlobo, awazise abe ngumnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova.+ Uza kuwususa wonke umsila otyebileyo ngakwithambo lomqolo, umhlehlo ogqume amathumbu nawo onke amanqatha asemathunjini, 10 izintso zombini nenqatha lazo elingasesinqeni. Uza kuwususa nomhlehlo ophezu kwesibindi kunye nezintso.+ 11 Umbingeleli uza kuqhumisa ngazo esibingelelweni zibe kukutya,* umnikelo otshiswa ngomlilo oya kuYehova.+
12 “‘Ukuba umnikelo wakhe yibhokhwe, uza kuyizisa phambi koYehova. 13 Uza kubeka isandla entlokweni yayo, ize ixhelelwe phambi kwentente yokuhlangana, yaye oonyana baka-Aron bamele bafefe igazi layo kuwo onke amacala esibingelelo. 14 Inxalenye aza kuyisa ibe ngumnikelo wakhe otshiswa ngomlilo oya kuYehova ngumhlehlo ogqume amathumbu, onke amanqatha asemathunjini,+ 15 izintso zombini nenqatha lazo elingasesinqeni. Uza kuwususa nomhlehlo ophezu kwesibindi kunye nezintso. 16 Umbingeleli uza kuqhumisa ngazo esibingelelweni zibe kukutya,* umnikelo otshiswa ngomlilo olivumba elimnandi. Onke amanqatha ngakaYehova.+
17 “‘Lo ngumthetho oza kuhlala uhleli kwizizukulwana zenu, kuzo zonke iindawo enihlala kuzo: Nimele ningalityi tu inqatha negazi.’”+