Levitikus
22 UYehova waphinda wathi kuMoses: 2 “Thetha kuAron nakoonyana bakhe, ukuba bafanele balumke xa bephatha izinto* ezingcwele zamaSirayeli ukuze bangalingcolisi igama lam+ xa bengcwalisa ezo zinto kum.+ NdinguYehova. 3 Yithi kubo, ‘Kuzo zonke izizukulwana zenu, nawuphi na umntu ongowenzala yenu, othi engacocekanga asondele kwizinto ezingcwele eziye zangcwaliswa ngamaSirayeli kuYehova, loo mntu uza kubulawa angabikho phambi kwam.+ NdinguYehova. 4 Akukho ndoda kwinzala ka-Aron, eneqhenqa+ okanye ephuma ukungcola kwilungu layo lenzala+ emayitye kwizinto ezingcwele de icoceke,+ nendoda echukumisa umntu ongacocekanga ngenxa yokuba echukumise umntu ofileyo,+ okanye indoda ephuma amadlozi,+ ayimele izitye, 5 nomntu ochukumisa isilwanyana esinyakazelayo nesingacocekanga+ okanye ochukumisa indoda engacocekanga ngenxa yaso nasiphi na isizathu, akamele azitye.+ 6 Umntu ochukumisa nawuphi kwaba bantu nezi zinto akazukucoceka kude kuhlwe, ibe akafanele atye nantoni na engcwele, kodwa ufanele ahlambe umzimba wakhe ngamanzi.+ 7 Lakutshona ilanga, uza kucoceka, yaye emva koko angazitya ezinye zezinto ezingcwele, kuba kukutya kwakhe.+ 8 Kwakhona umele angasityi nasiphi na isilwanyana esifunyenwe sifile okanye esiqwengwe zizilwanyana zasendle, kuba loo nto iza kumenza angacoceki.+ NdinguYehova.
9 “‘Mabawuthobele umyalelo wam ukuze bangenzi sono baze bafe ngenxa yokungawuthobeli. NdinguYehova obangcwalisayo.
10 “‘Makungabikho mntu ongafanelekanga* otya nantoni na engcwele.+ Akukho mntu wasemzini olundwendwe lombingeleli okanye ongumqeshwa wakhe omakatye nantoni na engcwele. 11 Kodwa ukuba umbingeleli uthenga umntu ngemali yakhe, loo mntu angayitya naye. Nawo amakhoboka azalelwe endlini yakhe, angakutya ukutya kwakhe.+ 12 Ukuba intombi yombingeleli itshatela kumntu ongengombingeleli,* ayinakutya emnikelweni wezinto ezingcwele. 13 Kodwa ukuba intombi yombingeleli iye yaba ngumhlolokazi okanye yaqhawula umtshato yaye ayinanzala, ize ibuyele endlini katata wayo njengasebutsheni bayo, ingakutya ukutya kukatata wayo,+ kodwa makungatyiwa ngumntu ongafanelekanga.*
14 “‘Ukuba indoda iye yatya into engcwele ngempazamo, imele yongeze isihlanu sexabiso laloo nto ize iwunike umbingeleli loo mnikelo ungcwele.+ 15 Ngoko ke, bafanele bangazingcolisi izinto ezingcwele ezinikelwa ngamaSirayeli kuYehova,+ 16 ngaloo ndlela bazibizele isohlwayo ngenxa yetyala abalenzileyo, ngokutya kwabo izinto zawo ezingcwele, kuba ndinguYehova obangcwalisayo.’”
17 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 18 “Thetha kuAron nakoonyana bakhe nakumaSirayeli onke uthi, ‘Xa umSirayeli okanye umntu wasemzini ohlala kwaSirayeli esizisa umnikelo otshiswayo+ kuYehova ukuze azalisekise isifungo sakhe okanye ukuze enze umnikelo wokuzithandela,+ 19 ukuze amkeleke, ufanele azise inkunzi yetakane legusha okanye lebhokhwe eliphilileyo+ alithathe emhlambini. 20 Animele nisondeze nantoni na enesiphene,+ kuba ayizukunenza namkeleke.
21 “‘Xa umntu esizisa umbingelelo wobuhlobo+ kuYehova ukuze enze njengokuba ebefungile, okanye esizisa umbingelelo wokuzithandela, ufanele anikele ngesilwanyana esiphilileyo esithathwe emhlambini weenkomo, weegusha okanye weebhokhwe, ukuze samkeleke. Masingabi nasiphene konke konke. 22 Makunganikelwa ngesilwanyana esiyimfama, esaphukileyo, esinentsumpa, esinokhwekhwe okanye esinesitshanguba. Ningazisi nanye yezi zinto kuYehova okanye nenzele uYehova umnikelo onjalo esibingelelweni. 23 Ningayizisa inkunzi yenkomo okanye igusha enomlenze omde kakhulu okanye omfutshane kakhulu ukuze nenze ngayo umnikelo wokuzithandela, kodwa ayizukwamkeleka xa isenzelwa umnikelo wesifungo. 24 Animele nisondeze kuYehova isilwanyana esinamasende onzakeleyo okanye atyunyuziweyo okanye aqhawuliweyo okanye anqunyuliweyo, ibe anifanele ninikele ngezilwanyana ezinjalo elizweni lenu. 25 Ningasondezi nasinye kwezi zilwanyana esivela kumntu wasemzini sibe ngumnikelo* kuThixo wenu, kuba sonakele yaye sinesiphene. Asizukunenza namkeleke.’”
26 UYehova waqhubeka wathi kuMoses: 27 “Ukuba kuye kwazalwa ithole lenkomo eliyinkunzi okanye itakane legusha okanye lebhokhwe eliyinkunzi, liza kuba kumama walo iintsuku ezisixhenxe,+ kodwa emva kosuku lwesibhozo ukuya phambili, liza kuba ngumnikelo owamkelekileyo, umnikelo otshiswa ngomlilo oza kuYehova. 28 Animele niyixhele inkomo nethole layo, okanye igusha netakane layo ngosuku olunye.+
29 “Ukuba nibingelela umbingelelo wombulelo kuYehova,+ nifanele niwubingelele ukuze namkeleke. 30 Ufanele utyiwe ngolo suku. Nimele ningashiyi nto kuwo kude kuse.+ NdinguYehova.
31 “Nimele niyigcine imiyalelo yam, niyenze.+ NdinguYehova. 32 Nimele ningalingcolisi igama lam elingcwele,+ kodwa ndimele ndenziwe ngcwele phakathi kwamaSirayeli.+ NdinguYehova onenza ngcwele,+ 33 lowo unikhuphayo kwilizwe laseYiputa ukuze ndinibonise ukuba ndinguThixo kuni.+ NdinguYehova.”