KumaHebhere
8 Nantsi eyona nto siyithethayo: Sinombingeleli omkhulu ololo hlobo,+ oye wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yoThixo omkhulu emazulwini,+ 2 osebenza* kwindawo engcwele+ nakwintente yokwenene, emiswe nguYehova,* hayi umntu. 3 Kuba bonke ababingeleli babekwa kwezo zikhundla ukuze banikele izipho nemibingelelo; ngoko ke bekufuneka ukuba nalo abe nento ayinikelayo.+ 4 Ukuba ebelapha emhlabeni, ebengazukuba ngumbingeleli,+ kuba sebekho abantu abanikela ngezipho ngokutsho koMthetho. 5 Aba bantu benza umsebenzi ongcwele owawubonisa yaye usisithunzi+ sezinto ezenziwa ezulwini;+ noMoses xa wayeza kwenza intente, wanikwa lo myalelo uvela kuThixo: “Uze uqinisekise ukuba zonke izinto uzenza kanye ngendlela owayiboniswayo entabeni.”+ 6 Kodwa uYesu ufumene umsebenzi omkhulu kunalowo,* kuba ukwangumlamli+ wesivumelwano esibhetele, sivumelwano+ eso siqinisekiswe ngokusemthethweni ngenxa yezithembiso ezibhetele.+
7 Ukuba esa sivumelwano sokuqala besingenangxaki, besingazukufuneka isivumelwano sesibini.+ 8 Kuba ubona ingxaki ebantwini xa esithi: “UYehova uthi, ‘Jonga! kuza imihla endiza kwenza ngayo isivumelwano esitsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda. 9 Asizukuba njengesivumelwano endasenza nookhokho babo ngemini endababamba ngayo ngesandla ndabakhupha kwilizwe laseYiputa,+ kuba abazange baqhubeke bekwisivumelwano sam, ngoko ndayeka ukubakhathalela,’ utsho uYehova.”*
10 UYehova* uthi, “Kuba esi sisivumelwano endiza kusenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla. Ndiza kuyibeka imithetho yam engqondweni yabo, ndize ndiyibhale ezintliziyweni zabo.+ Ibe ndiza kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu bam.”+
11 “‘Kwaye akukho mntu oza kuphinda afundise omnye umntu nomntakwabo, esithi, “Mazini uYehova!”* kuba bonke baza kundazi, ukususela koyena mncinci ukuya koyena mkhulu kubo. 12 Kuba ndiza kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andizukusikhumbula.’”+
13 Xa esithi “isivumelwano esitsha,” wenza eso besikho ngaphambili siyeke ukusebenza.+ Ngoko into eyekileyo ukusebenza neya isiba ndala, sele iza kunyamalala.+