KumaHebhere
9 Sona isivumelwano sangaphambili sasinemithetho echaza indlela omawenziwe ngayo umsebenzi ongcwele,+ yaye sasinendawo yawo engcwele apha emhlabeni. 2 Kwakhiwa intente yanamagumbi amabini, kwigumbi lokuqala kwakukho isiphatho sezibane,+ itafile enezonka zokubonisa;+ eli gumbi kwakusithiwa yiNdawo Engcwele.+ 3 Kodwa igumbi lesibini lale ntente, elalingaphaya kwekhethini yesibini,+ lalibizwa eYona Ngcwele.+ 4 Lalinesitya segolide sokutshisa isiqhumiso+ netyeya yesivumelwano+ eyayogqunywe yonke ngegolide.+ Ngaphakathi kuloo tyeya kwakukho ingqayi yegolide eyayinemana,+ intonga ka-Aron eyayidubule+ namacwecwe+ esivumelwano; 5 ngaphezu kwaloo tyeya, kwakukho iikherubhi ezizukileyo ezogqume isivalo setyeya.*+ Kodwa ngoku asiloxesha lokuthetha ngokweenkcukacha ngezi zinto.
6 Emva kokuba ezi zinto zakhiwe ngale ndlela, ababingeleli babengena qho kwigumbi lokuqala lentente baze benze imisebenzi yabo engcwele;+ 7 kodwa kwigumbi lesibini, kwakungena umbingeleli omkhulu yedwa kanye ngonyaka+ ephethe igazi+ aza kunikela ngalo+ ukuze kuxolelwe izono zakhe nezono ezenziwe ngabantu+ bengaqondanga. 8 Ngoko umoya oyingcwele wenza kucace ukuba indlela eya kwindawo engcwele yayingenakutyhilwa ngoxa kusekho intente yokuqala.+ 9 Le ntente ibonisa izinto ezenzekayo ngeli xesha,+ yaye ngenxa yobukho bayo, kunikelwa izipho nemibingelelo.+ Kodwa ke ezi zinto azikwazi kumenza umntu owenza lo msebenzi ungcwele abe nesazela esigqibeleleyo.+ 10 Kodwa ezo zipho nemibingelelo zazinento yokwenza nokutya, izinto eziselwayo namatheko awahlukahlukeneyo okuhlamba* kuphela.+ Umthetho wawufuna zenziwe ezi zinto, ngenxa yeemeko zasemhlabeni*+ yaye kwakufuneka zenziwe de kufike ixesha elibekiweyo lokulungisa izinto.
11 Kodwa ke, xa uKristu wezayo, wayengumbingeleli omkhulu obangele izinto ezilungileyo zenzeka, wangena kwintente ebaluleke ngakumbi negqibeleleyo engenziwanga ngazandla, oko kukuthi engekhoyo phakathi kwezinto ezidaliweyo emhlabeni. 12 Wangena negazi lakhe, hayi negazi leebhokhwe nelamathole eenkomo aziinkunzi.+ Wangena kwaba kanye waza wasikhulula ngonaphakade esonweni.+ 13 Abantu abangacocekanga emzimbeni babecoceka xa befefwe+ ngegazi leebhokhwe, eleenkunzi zeenkomo+ nangothuthu lwethokazi, 14 kodwa lona igazi likaKristu licoca ngaphezu koko.+ Kuba yena wazinikela kuThixo engenasiphako yaye ekhokelwa ngumoya kaThixo ohlala ukho ngonaphakade, ukuze acoce izazela zethu kwimisebenzi efileyo,+ size sikwazi ukwenzela uThixo ophilayo imisebenzi engcwele.+
15 Yiloo nto engumlamli wesivumelwano esitsha,+ ukuze abo babiziweyo, bakwazi ukufumana ilifa abalithenjisiweyo ngonaphakade,+ kuba wafa ukuze bakhululwe ngokuhlawulelwa+ kwizono abazenze bekwisivumelwano sangaphambili. 16 Kuba apho kukho isivumelwano, kufuneka afe loo mntu wenze isivumelwano, 17 kuba isivumelwano siqalisa ukusebenza xa kusifa ixhoba, kuba asinakusebenza ukuba umntu omele afe usaphila. 18 Ngoko nesivumelwano sangaphambili sasingenakusebenza kungaphalalanga gazi. 19 Emva kokuba uMoses echazele bonke abantu yonke imiyalelo yoMthetho, wathatha igazi lamathole eenkomo aziinkunzi neleebhokhwe, amanzi, uboya obumsobo,* isihlahla sehisope, waza wafefa incwadi* nabo bonke abantu, 20 esithi: “Eli ligazi lesivumelwano uThixo aniyalele ukuba nisigcine.”+ 21 Nayo intente nazo zonke izitya zomsebenzi ongcwele, wazifefa kwangelo gazi.+ 22 Eneneni ngokutsho koMthetho, phantse zonke izinto zicocwa ngegazi,+ yaye izono zixolelwa emva kokuba kuphalale igazi.+
23 Ngoko ke, kwakufanelekile ukuba ezi zinto ziyimifanekiso+ yezinto zasezulwini zicocwe ngaloo ndlela,+ kodwa kwizinto ezisezulwini kufuneka imibingelelo elunge nakakhulu. 24 UKristu akazange angene kwindawo engcwele eyenziwe ngezandla,+ engumfanekiso weyokwenene,+ kodwa wangena ezulwini ngokwalo,+ ukuze ngoku abonakale phambi kukaThixo ngenxa yethu.+ 25 Akazange ayenze le nto ngokuzinikela ngokuphindaphindiweyo, njengokuba umbingeleli omkhulu wayengena kwindawo engcwele negazi elingelolakhe unyaka nonyaka.+ 26 Ukuba bekuza kuba njalo, bekuza kufuneka atyhubele ubunzima ngokuphindaphindiweyo ukususela ekusekweni kwehlabathi.* Kodwa ngoku uye wavela kwaba kanye ekuphelisweni kweli hlabathi,* ukuze asuse isono ngokubingelela ngesiqu sakhe.+ 27 Kanye njengokuba abantu bebekelwe ukuba bafe kube kanye, baze emva koko bagwetywe, 28 noKristu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabantu abaninzi,+ yaye xa ephinda evela uza kube engaveli ngenxa yesono, ibe uza kubonwa ngabo bakufuna nyhani ukusindiswa nguye.+