Numeri
26 Emva kweso sibetho,+ uYehova wathetha noMoses noEleyazare unyana ka-Aron umbingeleli wathi: 2 “Balani lonke ibandla lamaSirayeli, nisusele kwabaneminyaka eyi-20 ukonyuka. Balani ngokwezindlu zootata balo bonke abanokungena emkhosini wakwaSirayeli.”+ 3 Ngoko uMoses noEleyazare+ umbingeleli bathetha nabantu kwintlango yakwaMowabhi,+ ngaseYordan eYeriko+ besithi: 4 “Wabaleni amaSirayeli nisusele kwaneminyaka eyi-20 ukonyuka, kanye njengokuba uYehova eyalele uMoses.”+
Naba ke oonyana bakaSirayeli abaphuma kwilizwe laseYiputa: 5 NguRubhen+ izibulo likaSirayeli; naba oonyana bakaRubhen:+ kuHanoki yintsapho yamaHanoki; kuPalu yintsapho yamaPalu; 6 kuHetseron yintsapho yamaHetseron; kuKarmi yintsapho yamaKarmi. 7 Ezo ke ziintsapho zamaRubhen, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-43 730.+
8 Unyana kaPalu yayinguEliyabhi. 9 Bona oonyana bakaEliyabhi yayinguNemuweli, uDatan noAbhiram. Lo Datan nalo Abhiram ngabaya babekhethiwe libandla. Bakhalazela uMoses+ noAron baza baba kwiqela likaKora+ elalisilwa noYehova.+
10 Ngoko umhlaba wavuleka waza wabaginya. Yena uKora wafa nabaxhasi bakhe xa umlilo watshabalalisa amadoda ayi-250.+ Into eyenzekayo kubo yaba sisilumkiso nakwabanye abantu.+ 11 Kodwa ke bona oonyana bakaKora abazange bafe.+
12 Naba ke oonyana bakaSimeyon+ ngokweentsapho zabo: kuNemuweli yintsapho yamaNemuweli; kuYamin yintsapho yamaYamin; kuYakin yintsapho yamaYakin; 13 kuZera yintsapho yamaZera; kuShawule yintsapho yamaShawule. 14 Ngabo ke ababhaliswayo kwiintsapho zamaSimeyon: babeyi-22 200.+
15 Naba ke oonyana bakaGadi+ ngokweentsapho zabo: kuTsefon yintsapho yamaTsefon; kuHagi yintsapho yamaHagi; kuShuni yintsapho yamaShuni; 16 kuOzni yintsapho yamaOzni; kuEri yintsapho yamaEri; 17 kuArodi yintsapho yama-Arodi; kuAreli yintsapho yama-Areli. 18 Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaGadi, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-40 500.+
19 Oonyana bakaYuda+ yayinguEre no-Onan.+ Kodwa ke, uEre no-Onan bafela kwilizwe lakwaKanan.+ 20 Naba ke oonyana bakaYuda ngokweentsapho zabo: kuShela+ yintsapho yamaShela; kuPeretse+ yintsapho yamaPeretse; kuZera+ yintsapho yamaZera. 21 Naba oonyana bakaPeretse: kuHetseron+ yintsapho yamaHetseron; kuHamuli+ yintsapho yamaHamuli. 22 Ezo ke ziintsapho zakwaYuda, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-76 500.+
23 Naba ke oonyana bakaIsakare+ ngokweentsapho zabo: kuTola+ yintsapho yamaTola; kuPuva yintsapho yamaPuva; 24 kuYashubhi yintsapho yamaYashubhi; kuShimron yintsapho yamaShimron. 25 Ezo ke ziintsapho zakwaIsakare, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-64 300.+
26 Naba ke oonyana bakaZebhulon+ ngokweentsapho zabo: kuSerede yintsapho yamaSerede; kuElon yintsapho yamaElon; kuYaleli yintsapho yamaYaleli. 27 Ezo ke ziintsapho zamaZebhulon, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-60 500.+
28 Oonyana bakaYosefu+ ngokweentsapho zabo yayinguManase noEfrayim.+ 29 Naba ke oonyana bakaManase:+ kuMakire+ yintsapho yamaMakire; yaye uMakire wazala uGiliyadi;+ kuGiliyadi yintsapho yamaGiliyadi. 30 Naba ke oonyana bakaGiliyadi: kuIyezere yintsapho yamaIyezere; kuHeleki yintsapho yamaHeleki; 31 kuAsriyeli yintsapho yama-Asriyeli; kuShekem yintsapho yamaShekem; 32 kuShemida yintsapho yamaShemida; kuHefere yintsapho yamaHefere. 33 UTselofehadi unyana kaHefere wayengenabo oonyana, wayeneentombi kuphela.+ Amagama eentombi zikaTselofehadi+ yayinguMahala, uNowa, uHogela, uMilka noTirtsa. 34 Ezo ke ziintsapho zakwaManase, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-52 700.+
35 Naba ke oonyana bakaEfrayim+ ngokweentsapho zabo: kuShutela+ yintsapho yamaShutela; kuBhekere yintsapho yamaBhekere; kuTahan yintsapho yamaTahan. 36 Naba oonyana bakaShutela: kuEran yintsapho yamaEran. 37 Ezo ke ziintsapho zoonyana bakaEfrayim, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-32 500.+ Abo ke ngoonyana bakaYosefu ngokweentsapho zabo.
38 Naba ke oonyana bakaBhenjamin+ ngokweentsapho zabo: kuBhela+ yintsapho yamaBhela; kuAshbheli yintsapho yama-Ashbheli; kuAhiram yintsapho yama-Ahiram; 39 kuShefufam yintsapho yamaShefufam; kuHufam yintsapho yamaHufam. 40 Oonyana bakaBhela yayinguArdi noNahaman:+ kuArdi yintsapho yama-Ardi; kuNahaman yintsapho yamaNahaman. 41 Abo ke ngoonyana bakaBhenjamin ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kubo babeyi-45 600.+
42 Naba ke oonyana bakaDan+ ngokweentsapho zabo: kuShuham yintsapho yamaShuham. Ezo ke ziintsapho zakwaDan. 43 Xa bebonke abantu ababhaliswayo, kuzo zonke iintsapho zamaShuham babeyi-64 400.+
44 Naba ke oonyana baka-Ashere+ ngokweentsapho zabo: kuImna yintsapho yamaImna; kuIshvi yintsapho yamaIshvi; kuBheriya yintsapho yamaBheriya; 45 koonyana bakaBheriya: kuHebheri yintsapho yamaHebheri; kuMalekiyeli yintsapho yamaMalekiyeli. 46 Igama lentombi ka-Ashere yayinguSera. 47 Ezo ke ziintsapho zoonyana baka-Ashere, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-53 400.+
48 Naba ke oonyana bakaNafetali+ ngokweentsapho zabo: kuYatseli yintsapho yamaYatseli; kuGuni yintsapho yamaGuni; 49 kuYetsere yintsapho yamaYetsere; kuShilem yintsapho yamaShilem. 50 Ezo ke ziintsapho zakwaNafetali ngokweentsapho zabo, yaye ababhaliswayo kuzo babeyi-45 400.+
51 Xa ewonke amaSirayeli awabhaliswayo aba yi-601 730.+
52 Emva koko uYehova wathi kuMoses: 53 “Bonke aba bahlulele ilizwe libe lilifa labo ngokwamagama abhalisiweyo.+ 54 Uze ulandise ilifa leqela elinabantu abaninzi, ulinciphise ilifa leqela elinabantu abambalwa.+ Ilifa leqela ngalinye limele lilingane abantu ababhalisiweyo kulo. 55 Kodwa ke ilizwe lifanele lahlulwe ngamaqashiso.+ Abantu bamele balinikwe ilifa ngokwamagama ezizwe zootata babo. 56 Ilifa liza kufumaneka ngamaqashiso lize lahlulelwe amaqela amancinci namakhulu.”
57 Naba ke ababhaliswayo kubaLevi+ ngokweentsapho zabo: kuGershon yintsapho yamaGershon; kuKohati yintsapho yamaKohati;+ kuMerari yintsapho yamaMerari. 58 Nazi iintsapho zabaLevi: yintsapho yamaLibhini,+ yintsapho yamaHebron,+ yintsapho yamaMahali,+ yintsapho yamaMushi,+ yintsapho yamaKora.+
UKohati wazala uAmram.+ 59 Igama lomfazi ka-Amram yayinguYokebhede,+ intombi kaLevi, eyazalwa ngumfazi kaLevi eYiputa. Yazalela uAmram uAron, uMoses noMiriyam udadewabo.+ 60 UAron wazalelwa uNadabhi, uAbhihu, uEleyazare noItamare.+ 61 Kodwa uNadabhi noAbhihu bafa ngenxa yokuba bazisa umlilo ongekho mthethweni phambi koYehova.+
62 Xa ewonke amadoda awabhaliswayo ukususela kwenenyanga izelwe ukonyuka ayeyi-23 000.+ Ayengabhaliswanga kunye namaSirayeli+ kuba awazange anikwe ilifa kunye namaSirayeli.+
63 Nabo ke abantu ababhaliswa nguMoses noEleyazare umbingeleli, xa kwakubhaliswa amaSirayeli kwintlango yakwaMowabhi, ngaseYordan eYeriko. 64 Kwaba bantu, akakho owayebhaliswe nguMoses noAron umbingeleli xa kwakubhaliswa amaSirayeli entlango yaseSinayi.+ 65 Kuba uYehova wayethe ngabo: “Ngokuqinisekileyo baza kufela entlango.”+ Ngoko akukho nomnye kubo ongazange afe ngaphandle kukaKalebhi unyana kaYefune noYoshuwa unyana kaNun.+