Duteronomi
10 “Ngelo xesha uYehova wathi kum, ‘Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini njengalawa okuqala,+ uze unyuke uze kum entabeni; uzenzele netyeya* ngomthi. 2 Ndiza kubhala kuloo macwecwe amazwi ebekula macwecwe okuqala, uze uwabeke kwityeya.’ 3 Ngoko ke ndayenza ityeya ngomthi womnga, ndaqingqa namacwecwe amabini amatye njengalawa okuqala, ndaza ndenyuka intaba, ndiwaphethe ngezandla loo macwecwe.+ 4 Emva koko uThixo wawabhala loo mazwi awayewabhale ekuqaleni,+ iMithetho Elishumi,*+ amazwi uYehova awayewathethe kuni entabeni, esemlilweni,+ ngemini ibandla elalihlanganisene ngayo;+ emva koko uYehova wandinika wona. 5 Emva koko ndajika, ndehla entabeni+ ndaza loo macwecwe ndawafaka kwityeya endandiyenzile, apho aye ahlala khona, kanye njengokuba uYehova wayendiyalele.
6 “AmaSirayeli emka eBheheroti Bhene-yahakan aya eMosera. UAron wafela apho, wangcwatyelwa khona,+ waza uEleyazare unyana wakhe waba ngumbingeleli endaweni yakhe.+ 7 Bemka apho baya eGudegoda, basuka eGudegoda baya eYotebhata,+ ilizwe elinemijelo yamanzi.
8 “Ngelo xesha uYehova wakhetha isizwe sakwaLevi+ ukuba sithwale ityeya kaYehova yesivumelwano,+ sime phambi koYehova ukuze simsebenzele, size sisikelele egameni lakhe,+ njengokuba sisenza namhlanje. 9 Yiloo nto uLevi engenaso isabelo somhlaba okanye ilifa nabantakwabo. NguYehova ilifa lakhe, kanye njengoko uYehova uThixo wenu watshoyo kuye.+ 10 Mna ndahlala entabeni njengasekuqaleni iintsuku eziyi-40 neengokuhlwa eziyi-40,+ nangelo xesha uYehova wandiva.+ UYehova wagqiba kwelokuba anganitshabalalisi. 11 Emva koko uYehova wathi kum, ‘Khokela abantu nize nilungiselele ukuhamba, ukuze balithathe ilizwe endafunga kookhokho babo ukuba ndiza kubanika lona.’+
12 “Ngoku ke Sirayeli, yintoni uYehova uThixo wakho ayifunayo kuwe?+ Yile kuphela: yoyika uYehova uThixo wakho,+ uhambe ezindleleni zakhe zonke,+ umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke nangomphefumlo* wakho wonke,+ 13 uze uthobele imiyalelo nemithetho kaYehova endikuyalela yona namhlanje, ukuze izinto zikuhambele kakuhle.+ 14 Jonga, amazulu ngakaYehova uThixo wakho, nditsho amazulu awo amazulu, nomhlaba nayo yonke into ekuwo.+ 15 Kodwa ngookhokho benu uYehova aye wasondela kubo waza wabathanda, yaye ukhethe nina nzala yabo+ phakathi kwazo zonke izizwana, njengoko kunjalo namhlanje. 16 Ngoko ke cocani iintliziyo zenu+ nize niyeke ukuba nenkani.*+ 17 Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo+ neNkosi yeenkosi, nguThixo omkhulu, onamandla, owoyikekayo, ongenamkhethe+ nongasamkeliyo isinyobo. 18 Umenzela ubulungisa umntwana ongenatata nomhlolokazi,+ yaye uyamthanda umntu wasemzini,+ umnika ukutya neempahla. 19 Nani nimele nimthande umntu wasemzini, kuba naningabantu basemzini eYiputa.+
20 “Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze,+ unamathele kuye yaye ufunge ngegama lakhe. 21 Nguye omele umdumise.+ UnguThixo wakho okwenzele zonke ezi zinto zinkulu nezimangalisayo aye azibona amehlo akho.+ 22 Ookhokho bakho baya eYiputa beyi-70,+ kodwa ngoku uYehova uThixo wakho unenze naba baninzi oku kweenkwenkwezi zamazulu.+