Duteronomi
34 Emva koko uMoses wenyuka esuka kwintlango yakwaMowabhi, waya eNtabeni YeNebho+ phezu kwePisga+ ejonge eYeriko.+ UYehova wambonisa lonke ilizwe, ukusuka eGiliyadi ukuya kutsho kwaDan,+ 2 wambonisa kwaNafetali nelizwe lakwaEfrayim nelakwaManase, wambonisa nalo lonke ilizwe lakwaYuda ukuya kutsho kulwandle lwasentshona,*+ 3 wambonisa neNegebhi+ neNgingqi+ yaseYordan, ithafa laseYeriko, isixeko semithi yesundu, ukuya kutsho eTsoware.+
4 Ngoko uYehova wathi kuye: “Nalo ke ilizwe endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi, ndisithi, ‘Ndiza kulinika inzala yakho.’+ Ndikubonisile ke, kodwa awuzukuwela uye kulo.”+
5 Emva koko uMoses umkhonzi kaYehova wafela apho kwaMowabhi njengokuba wayetshilo uYehova.+ 6 Wamngcwabela entlanjeni yakwaMowabhi, emelene neBhete-peyore, kodwa akukho mntu ulaziyo ncam ukuba lindawoni ingcwaba lakhe nanamhlanje.+ 7 UMoses wafa eneminyaka eyi-120.+ Wayesabona kakuhle futhi esenamandla. 8 Abantu bakwaSirayeli bamlilela uMoses kwintlango yakwaMowabhi iintsuku eziyi-30.+ Emva koko zaphela iintsuku zokumlilela nokumzilela.
9 UYoshuwa unyana kaNun waba nobulumko obuninzi,* kuba uMoses wayembeke isandla;+ yaye amaSirayeli ammamela aza enza njengokuba uYehova wayeyalele uMoses.+ 10 Kodwa zange kuphinde kubekho mprofeti ufana noMoses kwaSirayeli,+ owayesaziwa nguYehova ubuso ngobuso.+ 11 UMoses wayenza yonke imiqondiso nemimangaliso uYehova awayemthume ukuba ayenze eYiputa, kuFaro nakuzo zonke izicaka zakhe, kulo lonke ilizwe lakhe,+ 12 ngesandla esomeleleyo nangamandla amangalisayo, phambi kwawo onke amaSirayeli.+