Duteronomi
8 “Qinisekani ukuba niyithobela yonke imiyalelo endininika yona namhlanje, ukuze niqhubeke niphila,+ nande nize ningene nilithathe ilizwe uYehova awalifungela ookhokho benu.+ 2 Nize niyikhumbule indlela ende anihambise kuyo uYehova uThixo wenu entlango kule minyaka iyi-40,+ ukuze anithobe, anivavanye+ azokutsho azi oko kusezintliziyweni zenu,+ azi ukuba niza kuyithobela na imiyalelo yakhe okanye anizukuyithobela. 3 Ngoko wanithoba, waniyeka nalamba,+ waza wanondla ngemana,+ into enaningayazi, nababengayazi nootata benu, ukuze nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ekutyeni kuphela, kodwa buxhomekeke nakuyo yonke into ethethwa nguYehova.+ 4 Iimpahla zenu khange ziguge, ibe neenyawo zenu khange zidumbe kule minyaka iyi-40.+ 5 Niyazi kakuhle into yokuba uYehova uThixo wenu ebenilungisa kanye njengokuba utata emlungisa unyana wakhe.+
6 “Ngoku ke nize niyithobele imiyalelo kaYehova uThixo wenu, ngokuhamba ngeendlela zakhe yaye nimoyike. 7 Kuba uYehova uThixo wenu uningenisa kwilizwe elihle,+ ilizwe elinemijelo yamanzi, imithombo ehamba kumathafa aneentlambo nasezintabeni, 8 ilizwe lengqolowa nerhasi, lemithi yeediliya, imithi yamafiya neerharnati,+ ilizwe leoli yeminquma nobusi,+ 9 ilizwe ongazukunqatyelwa kukutya kulo okanye udinge nto, ilizwe elinamatye anentsimbi, ilizwe elineentaba oza kufumana ikopolo kuzo.
10 “Nize nithi ke nakutya nanele, nimdumise uYehova uThixo wenu ngenxa yokuba eninike ilizwe elihle.+ 11 Nize nilumke ningamlibali uYehova uThixo wenu ngokungayithobeli imiyalelo yakhe, izigwebo zakhe nemithetho yakhe aniyalela yona namhlanje. 12 Xa nitye nanela, nakha izindlu ezintle nahlala kuzo,+ 13 xa umhlambi wenu weenkomo noweegusha usanda, nesilivere negolide yenu isanda, yaye ninezinto ezininzi kakhulu; 14 nize ningazivumeli iintliziyo zenu ziphakame,+ zinenze nimlibale uYehova uThixo wenu, owanikhupha kwilizwe laseYiputa, endlini yobukhoboka,+ 15 owanihambisa kwintlango enkulu neyoyikekayo,+ eneenyoka ezinetyhefu noonomadudwane, eyomileyo yaye ingenamanzi. Wanikhuphela amanzi eliweni+ 16 waza wanondla ngemana entlango,+ into ootata benu ababengayazi, ukuze anithobe+ aze anivavanye ukuze izinto zinihambele kakuhle kwixesha elizayo.+ 17 Ukuba nizixelela le nto, ‘Ngamandla ethu nezandla zethu ezomeleleyo ezisizisele obu butyebi,’+ 18 nize nikhumbule ukuba nguYehova uThixo wenu oninika amandla aninceda nifumane ubutyebi,+ ukuze agcine isivumelwano awasenza nookhokho benu, njengokuba kunjalo namhlanje.+
19 “Ukuba nikhe nje namlibala uYehova uThixo wenu, nalandela abanye oothixo, nabakhonza naza naqubuda kubo, ndiyanilumkisa namhlanje ukuba niza kutshabalala nakanjani na.+ 20 Njengeentlanga uYehova azitshabalalisayo phambi kwenu, niza kutshabalala ngolo hlobo nani kuba ningalimamelanga ilizwi likaYehova uThixo wenu.+