Umthi Womnquma Onabileyo Endlwini KaThixo
KWILIZWE lakwaSirayeli, kukho umthi ongenakutshabalaliseka nje kwaphela. Kwanaxa uye wagawulwa, iingcambu zawo ziphinda zintshule. Yaye xa isiqhamo sawo sivunwa, umniniso ufumana ioli eninzi enokusetyenziselwa ukupheka, ukukhanyisa, ukucoca nakwizithambiso.
Ngokutsho komzekeliso wamandulo obhalwe kwincwadi yeBhayibhile yaBagwebi, “kwathi ngaxa lithile imithi yaya kuthambisa ukumkani phezu kwayo.” Nguwuphi kwimithi yehlathi owanyulwayo? Awukho omnye ngaphandle komnquma owomeleleyo, novelisa intabalala.—ABagwebi 9:8.
Kwiminyaka engaphezu kwama-3 500 eyadlulayo, umprofeti uMoses wachaza elakwaSirayeli ‘njengelizwe elihle, ilizwe leminquma.’ (Duteronomi 8:7, 8) Unanamhl’ oku, iminquma isathe tshitshilili kuhle ukusuka kumazantsi eNtaba yeHermon ekumntla ukuya kutsho kumda weBhersheba esemzantsi. Isalihombisile iThafa laseSharon, induli enamawa yaseSamariya kunye neentlambo ezichuma kunene zelaseGalili.
Ababhali beBhayibhile badla ngokusebenzisa umnquma ngengqiqo efuziselayo. Iinkalo ezithile zalo mthi zazifuzisela inceba kaThixo, idinga lokuvuswa kwabafileyo kunye nobomi bentsapho obonwabisayo. Ukuwuqwalasela kakuhle umnquma kuya kusinceda siziqonde ezi mbekiselo zeZibhalo yaye kuya kusenza sibe noxabiso olungakumbi ngalo mthi wahlukileyo othelela indalo iphela ekudumiseni uMenzi wawo.—INdumiso 148:7, 9.
Umnquma Orhabaxa
Umnquma awudli ngakuba nomtsalane xa uqala ukuwubona. Awubi mde njengemisedare emikhulu yaseLebhanon. Amaplanga awo awanaxabiso likhulu njengejunipha, yaye iintyatyambo zawo aziyokozeli njengezom-amangile. (INgoma yazo iiNgoma 1:17; Amosi 2:9) Eyona nxalenye ibalulekileyo yomthi womnquma ayibonakali—ingaphantsi komhlaba. Iingcambu zawo ezinde, ezinokutshona kangangeemitha ezintandathu ngaphantsi komhlaba zize zide zigqithise xa zisiya emacaleni, zingundoqo ukuze lo mthi uvelise intabalala yaye uqhubeke uphila.
Ezi ngcambu zenza imithi yomnquma ekwiinduli ezinamatye ikwazi ukusinda kwimbalela ngoxa imithi ekwintlambo engaphantsi sele ifile kukungafumani manzi. Ezi ngcambu ziwenza ukwazi ukuvelisa iminquma kangangeenkulungwane, nangona isiqu sawo esinamaqhuqhutye sinokubonakala sifanelwe ngumlilo. Inye nje into efunwa ngulo mthi unamaqhuma, kukunikwa indawo eyaneleyo yokukhula kunye nomhlaba ovundileyo ukuze ukwazi ukuphefumla, kungabikho khula okanye ezinye izityalo ezinokugcina izinambuzane ezitshabalalisayo. Ukuba ezi mfuno zilula nje zinokuhlangatyezwa, umthi omnye uya kuvelisa iilitha zeoli ezifikelela kuma-57 ngonyaka.
Alithandabuzeki elokuba umnquma wawuthandwa kwaSirayeli ngenxa yeoli yawo enexabiso. Izibane ezazineentambo ezifunxa ioli yomnquma zazikhanyisa amakhaya awo. (Levitikus 24:2) Ioli yomnquma yayibalulekile ekuphekeni. Yayikhusela ulusu elangeni, yaye yayikwayisepha yokuhlamba kumaSirayeli. Ezona zinto zaziveliswa kwelo lizwe yayikukutya okuziinkozo, iwayini kunye neminquma. Ngaloo ndlela ukusilela kwesivuno seminquma kwakuba yintlekele kwintsapho yakwaSirayeli.—Duteronomi 7:13; Habhakuki 3:17.
Noko ke, ioli yeminquma yayidla ngokuba ninzi. UMoses wabhekisela kwiLizwe Ledinga ‘njengelizwe leminquma’ mhlawumbi ngenxa yokuba umnquma ungowona mthi ulinywa kakhulu kuloo mmandla. Isazi ngezemvelo senkulungwane ye-19 uH. B. Tristram wachaza umnquma “njengokuphela komthi ozibaluleyo kwelo lizwe.” Ngenxa yokuba inexabiso elikhulu yaye ininzi, ioli yomnquma yade yasebenza njengemali ethenga kumazwe ngamazwe akummandla weMeditera. UYesu Kristu wakha wabhekisela kwityala elalibalwa ‘ngekhulu lemilinganiselo yeebhate zeoli yomnquma.’—Luka 16:5, 6.
“Njengezithole Zomnquma”
Umthi womnquma oluncedo uzifanekisela kakuhle iintsikelelo zikaThixo. Indoda eyoyika uThixo yayiya kuvuzwa ngantoni? Umdumisi wavuma ingoma esithi: “Umfazi wakho uya kuba njengomdiliya othwala isiqhamo kwezona nxalenye zingaphakathi zendlu yakho. Oonyana bakho baya kuba njengezithole zomnquma bajikeleze itafile yakho.” (INdumiso 128:3) Ziintoni ezi ‘zithole zomnquma,’ yaye kutheni umdumisi ezifanisa noonyana?
Umthi womnquma awuqhelekanga kuba kusoloko kukhula amahlumelo amatsha kumazantsi esiqu sawo.a Xa, ngenxa yobudala baso, isiqu singasathwali isiqhamo ebesikade sisithwala, abalimi basenokuvumela izithole eziliqela, okanye amahlumelo, ukuba akhule aze abe yinxalenye ephambili yalo mthi. Emva kwethuba, laa mthi wangaphambili uba neziqu ezitsha ezithathu okanye ezine ezomeleleyo, ezinjengoonyana abajikeleze itafile. Ezi zithole zinengcambu enye, kwaye ziba nesabelo ekuveliseni isivuno esihle seminquma.
Olu phawu lomthi womnquma luyifuzisela kakuhle indlela oonyana neentombi abanokuqina ngayo elukholweni, ngoncedo lweengcambu zokomoya ezomeleleyo zabazali bazo. Njengoko inzala ikhula, nayo iba nesabelo ekuveliseni isiqhamo nasekuxhaseni abazali bayo, abavuyayo bakubona abantwana babo bekhonza uYehova kunye nabo.—IMizekeliso 15:20.
“Kukho Ithemba Nangomthi”
Ubawo osele ekhulile okhonza uYehova uyachulumanca ngabantwana bakhe abahlonela uThixo. Kodwa kwanabantwana baba buhlungu xa uyise ekugqibeleni ‘ehamba endleleni yomhlaba wonke.’ (1 Kumkani 2:2) Ukusinceda ukuze sihlangabezane nentlekele enjalo entsatsheni, iBhayibhile iyasiqinisekisa ukuba kuya kubakho uvuko lwabafileyo.—Yohane 5:28, 29; 11:25.
UYobhi, owayenabantwana abaninzi, wayesazi kakuhle ukuba ubomi bomntu bufutshane. Wabufanisa nentyatyambo ekhawuleza ibune. (Yobhi 1:2; 14:1, 2) UYobhi walangazelela ukufa ukuze kucime iintsizi awayekuzo, egqala ingcwaba njengendawo awayenokuzifihla kuyo aze aphinde abuye. UYobhi wabuza: “Ukuba indoda eyomeleleyo iyafa ngaba inokuphila kwakhona?” Wandula ke waphendula ngeliqinisekileyo esithi: “Ngayo yonke imihla yam yomsebenzi osisinyanzelo ndiya kulinda, Kude kufike ukukhululeka kwam. [Yehova] uya kubiza, ndisabele. Uya kuwulangazelela umsebenzi wezandla zakho.”—Yobhi 14:13-15.
UYobhi wabonakalisa njani ukuba wayeyisekile ukuba uThixo uya kumbiza engcwabeni? Wasebenzisa umthi, yaye indlela awuchaza ngayo yenza kurhaneleke ukuba wayebhekisela kumnquma. UYobhi wathi: “Kukho ithemba nangomthi. Ukuba uthi ugawulwe, uya kuhluma kwakhona, yaye isetyana lawo aliyi kuyeka ukubakho.” (Yobhi 14:7) Umthi womnquma unokugawulwa, kodwa loo nto ayiyi kuwutshabalalisa. Loo mthi ufa kuphela xa uye wakhutshwa neengcambu. Ukuba iingcambu zawo zisele, uza kuhluma kwakhona, unamandla ahlaziyiweyo.
Kwanokuba imbalela ethabatha ixesha elide inokuwubunisa kakhulu umthi womnquma omdala, isiphunzi esishwabeneyo sisenokuphinda sintshule kwakhona. “Ukuba ingcambu yawo iba ndala emhlabeni size isiphunzi sawo sife eluthulini, ngevumba lamanzi uya kuhluma uze ngokuqinisekileyo uvelise isebe njengesithole.” (Yobhi 14:8, 9) UYobhi wayehlala kwilizwe elomileyo nelinothuli apho mhlawumbi wayebona iziphunzi ezidala ezininzi zomnquma ezazibonakala zomile yaye zingasaphili. Noko ke, xa kwakufika iimvula, loo mithi ‘ifileyo’ yayiphinda iphile kuze kuphinde kukhule iziqu ezitsha kwiingcambu zazo ngokungathi ‘sisithole.’ Oku kukwazi kwawo ukuphinda uvuke kwabangela omnye umlimi wemiyezo waseTunisia athi: “Sinokutsho sithi imithi yeminquma ayifi.”
Kanye njengokuba umlimi elangazelela ukubona imithi yeminquma yakhe ebunileyo ihluma kwakhona, unjalo ke noYehova ukulangazelela ukuvusa abakhonzi bakhe abathembekileyo kwelabafileyo. Ukhangele phambili kwixesha abaya kuthi abathembekileyo abanjengoAbraham noSara, uIsake noRebheka nabanye abaninzi babuyiselwe ebomini. (Mateyu 22:31, 32) Hayi indlela ekuya kuba mnandi ngayo ukwamkela abafi nokubabona bephila ubomi obuzeleyo nobunemveliso kwakhona!
Umthi Womnquma Wokomfuziselo
Inceba kaThixo ibonakala ngokungakhethi buso kwakhe nangelungiselelo lakhe lovuko. Umpostile uPawulos wasebenzisa umthi womnquma ukufuzisela indlela inceba kaYehova efikelela ngayo kubantu kungakhathaliseki ukuba baloluphi na uhlanga okanye banayiphi na imvelaphi. Kangangeenkulungwane amaYuda ayeqhayisa ngokuba ngabantu bakaThixo abanyuliweyo, “inzala ka-Abraham.”—Yohane 8:33; Luka 3:8.
Ukuzalwa luhlanga lwamaYuda kwakungathethi ukuba ubani uhlangabezene nento efunekayo ukuze afumane inkoliseko kaThixo. Noko ke, bonke abafundi bokuqala bakaYesu babengamaYuda, kwaye bafumana ilungelo lokuba ngabantu bokuqala ukukhethwa nguThixo ukuze bayile imbewu ka-Abraham ethenjisiweyo. (Genesis 22:18; Galati 3:29) UPawulos wafanisa aba bafundi bangamaYuda namasebe omthi womnquma wokomfuziselo.
Inkoliso yamaYuda emvelo eyachasa uYesu, yazenza ayakufanelekela ukuba ngamalungu ‘omhlambi omncinane,’ okanye “uSirayeli kaThixo.” (Luka 12:32; Galati 6:16) Ngaloo ndlela, yafana namasebe omnquma agawulweyo. Ngoobani ababeza kuthabatha indawo yayo? Ngowama-36 C.E., abeeNtlanga banyulwa ukuba babe yinxalenye yembewu ka-Abraham. Kwakungathi uYehova umilisele amasebe omnquma wasendle kumnquma womyezo. Abo bayila imbewu ethenjisiweyo ka-Abraham babeza kuquka abantu beentlanga. Ngoku amaKristu eeNtlanga ayenokuba “nesabelo kwingcambu yomnquma etyebileyo.”—Roma 11:17.
Umlimi akayicingi kwaukuyicinga into yokumilisela isebe lomnquma wasendle kumnquma womyezo kwaye loo nto ‘yahlukile kwimvelo.’ (Roma 11:24) Incwadi ethi The Land and the Book iyachaza: “Milisela into entle kwengentle, yaye, njengoko ama-Arabhu edla ngokutsho, iya kuyongamela leyo ingentle, kodwa soze uphumelele xa umilisela into engentle kwentle.” NamaKristu angamaYuda ayemangalisiwe xa uYehova ‘okwesihlandlo sokuqala waphethulela ingqalelo yakhe ezintlangeni ukuba kuzo athabathe isizwana segama lakhe.’ (IZenzo 10:44-48; 15:14) Noko ke, oku kwayibonisa kakuhle into yokuba ukuzaliseka kwenjongo kaThixo kwakungaxhomekekanga kuhlanga olunye. Kaloku “kwiintlanga zonke umntu omoyikayo aze asebenze ubulungisa wamkelekile kuye.”—IZenzo 10:35.
UPawulos wabonisa ukuba ekubeni “amasebe” omnquma angamaYuda angathembekanga agawulwayo, kwakunokwenzeka okufanayo nakubani na owayephulukana nenkoliseko kaYehova ngenxa yekratshi nokungathobeli. (Roma 11:19, 20) Oku ngokuqinisekileyo kubonisa ukuba ububele obungasifanelanga bukaThixo abufanele bube yinto yokufeketha.—2 Korinte 6:1.
Ukuthambisa Ngeoli
IZibhalo zithetha ngeoli yomnquma ngengqiqo yokoqobo neyokomfuziselo. Mandulo, amanxeba nokugruzuka ‘ayethanjiswa ngeoli’ ukuze aphile. (Isaya 1:6) Ngokutsho komnye wemizekeliso kaYesu, umSamariya olungileyo wagalela ioli yomnquma newayini kumanxeba endoda awayedibene nayo kwindlela eya eYeriko.—Luka 10:34.
Ukuthambisa ioli yomnquma kwintloko kabani kuyahlaziya yaye kuyathomalalisa. (INdumiso 141:5) Yaye xa abadala abangamaKristu besingatha iingxaki zabantu abagulayo ngokomoya, ‘basenokulithambisa ngeoli elo lungu lebandla egameni likaYehova.’ (Yakobi 5:14) Isiluleko sabadala esisekelwe eZibhalweni nesinikelwa ngothando kunye nemithandazo enyanisekileyo abayenza ngenxa yelinye ikholwa eligulayo ngokomoya, zifaniswa namandla okuthomalalisa eoli yomnquma. Okubangel’ umdla kukuba kukho isaci sesiHebhere esichaza umntu olungileyo “njengeoli esulungekileyo yomnquma.”
‘Umthi Womnquma Onabileyo Endlwini KaThixo’
Ngenxa yezi ngongoma zingasentla, akumangalisi ukuba abakhonzi bakaThixo bafaniswe neminquma. UDavide wanqwenela ukuba “njengomthi womnquma onabileyo endlwini kaThixo.” (INdumiso 52:8) Kanye njengokuba iintsapho zamaSirayeli zazidla ngokulima iminquma kufutshane nemizi yazo, uDavide naye wayefuna ukusondela njalo kuYehova aze avelise isiqhamo ukuze kudunyiswe uThixo.—INdumiso 52:9.
Xa babuthembekile kuYehova, ubukumkani bezizwe ezibini zakwaYuda ‘babunjengomnquma onabileyo, onesiqhamo esihle noyimpuluswa.’ (Yeremiya 11:15, 16) Kodwa abantu bakwaYuda balilahla elo lungelo xa ‘balayo ukuthobela amazwi kaYehova baza balandela abanye oothixo.’—Yeremiya 11:10.
Ukuze sibe ngumthi onabileyo endlwini kaThixo, simele simthobele uYehova yaye sikulungele ukwamkela ingqeqesho ayisebenzisayo xa “esixonxa” ukuze sithwale isiqhamo esingakumbi samaKristu. (Hebhere 12:5, 6) Ngaphezu koko, kanye njengokuba umnquma ufuna iingcambu ezinde ukuze uqhubeke uphila ebudeni bembalela, nathi kufuneka someleze iingcambu zethu zokomoya ukuze sinyamezele iimvavanyo nentshutshiso.—Mateyu 13:21; Kolose 2:6, 7.
Umnquma umfuzisela kakuhle umKristu othembekileyo, osenokungaziwa lihlabathi kodwa ogqalwayo nguThixo. Ukuba umntu onjalo unokufa kule nkqubo, uya kuphinda aphile kwakhona kwihlabathi elitsha elizayo.—2 Korinte 6:9; 2 Petros 3:13.
Umnquma ongatshabalaliyo noqhubeka uthwala isiqhamo minyaka le usikhumbuza idinga likaThixo elithi: “Njengemihla yomthi iya kuba njalo imihla yabantu bam; nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.” (Isaya 65:22) Elo dinga lesiprofeto liya kuzalisekiswa kwihlabathi likaThixo elitsha.—2 Petros 3:13.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ngokuqhelekileyo la mahlumelo matsha ayathenwa nyaka ngamnye ukuze angamfimfithi isiqu esiyintloko somthi.
[Umfanekiso okwiphepha 25]
Isiqu samandulo esinamaqhu-qhutye esiseJávea, kwiPhondo laseAlicante, eSpeyin
[Imifanekiso ekwiphepha 26]
Ihlathi leminquma kwiPhondo laseGranada, eSpeyin
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Umnquma wamandulo ngaphandle kweendonga zeYerusalem
[Umfanekiso okwiphepha 26]
IBhayibhile iyathetha ngokumili-sela amasebe kumthi womnquma
[Umfanekiso okwiphepha 26]
Lo mnquma mdala ungqongwe zizithole zamasebe amatsha