Eyesibini YooKumkani
22 UYosiya+ wayeneminyaka esibhozo xa waba ngukumkani, ibe walawula iminyaka eyi-31 eYerusalem.+ Igama likamama wakhe yayinguYedida intombi ka-Adaya waseBhotsekati.+ 2 Wenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova waza wahamba ngazo zonke iindlela zikaDavide ukhokho wakhe,+ yaye akazange aphume endleleni aye ngasekunene okanye ngasekhohlo.
3 Ngonyaka we-18 kaKumkani uYosiya, ukumkani wathumela unobhala uShafan, ongunyana ka-Atsaliya unyana kaMeshulam endlini kaYehova,+ esithi: 4 “Yiya kuHilekiya+ umbingeleli omkhulu, uthi makaqokelele yonke imali eziswa endlini kaYehova,+ leyo iqokelelwe ebantwini ngoonogada basemnyango.+ 5 Mabayinike abo bamiselwe ukuba bajongane nomsebenzi wendlu kaYehova, baze bona bayinike abo benza umsebenzi endlini kaYehova, ukuze balungise umonakalo wendlu,*+ 6 oko kukuthi, abakhandi abangamachule, abakhi nabaxholi bamatye, baze bathenge amaplanga namatye aqingqiweyo ukuze balungise le ndlu.+ 7 Kodwa bamele bangabuzwa nto ngemali abayinikiweyo, kuba bathembekile.”+
8 Ethubeni uHilekiya umbingeleli omkhulu wathi kuShafan unobhala:+ “Ndiyifumene incwadi yoMthetho+ endlini kaYehova.” Ngoko uHilekiya wayinika uShafan, waza yena wayifunda.+ 9 Emva koko unobhala uShafan waya kukumkani, wathi kuye: “Izicaka zakho ziyikhuphile imali ebifunyenwe endlini, ibe ziyinike abantu abamiselwe ukwenza umsebenzi endlini kaYehova.”+ 10 UShafan unobhala wathi kukumkani: “Kukho incwadi+ endiyinikwe nguHilekiya umbingeleli.” Emva koko uShafan wayifunda phambi kokumkani.
11 Wathi ukumkani akuva amazwi encwadi yoMthetho, wakrazula iimpahla zakhe.+ 12 Emva koko ukumkani wayalela la mazwi kuHilekiya umbingeleli, uAhikam+ unyana kaShafan, uAkebhore unyana kaMikaya, uShafan unobhala noAsaya isicaka sikakumkani: 13 “Hambani, niyokubuza kuYehova ngamazwi ale ncwadi ifunyenweyo, nibuzele mna, aba bantu, noYuda wonke; kuba uYehova unomsindo kakhulu+ ngenxa yokuba ookhokho bethu bengazange bawamamele amazwi ale ncwadi, abathobela kwanto ebhalwe kuyo ngathi.”
14 Ngoko uHilekiya umbingeleli, uAhikam, uAkebhore, uShafan noAsaya baya kuHulida umprofetikazi.+ Wayengumfazi kaShalum unyana kaTikiva unyana kaHarehasi, owayenomsebenzi wokuhoya iimpahla. Yena wayehlala kwiNgingqi Yesibini yaseYerusalem ibe bathetha naye apho.+ 15 UHulida wathi kubo: “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli, ‘Yithini kule ndoda inithume kum: 16 “Uthi uYehova, ‘Ndiza kuyizisela intlekele le ndawo nabemi bayo, ndizenze zonke izinto ezibhalwe kule ncwadi ifundwe ngukumkani wakwaYuda.+ 17 Ngenxa yokuba beye bandilahla baza baqhumisa umbingelelo kwabanye oothixo+ ukuze bandicaphukise ngawo wonke umsebenzi wezandla zabo,+ le ndawo iza kuva ukuvutha komsindo wam, ibe awuzukucinywa.’”+ 18 Ze nithi kukumkani wakwaYuda onithume ukuba niyokubuza kuYehova, “Uthi uYehova uThixo kaSirayeli: ‘Ngokubhekisele kumazwi owevileyo, 19 kuba intliziyo yakho ibihlabekile,* wazithoba+ phambi kukaYehova emva kokuba uve izinto endizithethileyo ngale ndawo nabemi bayo, ukuba baza kuba yinto yokoyikisa nesithuko, waza wakrazula iimpahla zakho+ walila phambi kwam, nam ndikuvile, utsho uYehova. 20 Yiloo nto ke ndiza kukuhlanganisela kookhokho bakho,* uze ubekwe engcwabeni lakho ngoxolo. Amehlo akho awazukuyibona yonke le ntlekele ndiza kuyizisa kule ndawo.’”’” Bayizisa le mpendulo kukumkani.