36 UElihu waqhubeka wathi:
2 “Khawundinyamezele kancinci ndikucacisele,
Kuba kusekho amazwi endifuna ukuwathetha egameni likaThixo.
3 Ndiza kuzithetha zonke izinto endizaziyo,
Ndibonise ukuba uMdali ulilungisa.+
4 La mazwi ndiwathethayo ayinyani;
Avela kuLowo unolwazi olugqibeleleyo.+
5 UThixo unamandla,+ ibe akukho mntu angamfuniyo;
Ubulumko bakhe abunakuthelekiswa nanto.
6 Akazukubayeka bahlale bephila abenzi-bubi,+
Kodwa abaxhwalekileyo ubaphatha ngobulungisa.+
7 Akawasusi amehlo akhe kumalungisa;+
Uwenza ookumkani,+ aze awaphakamise ngonaphakade.
8 Kodwa ukuba abotshwe ngamatsheyina,
Nangeentambo zentlupheko,
9 Uyawabonisa into ayenzileyo,
Izono zawo ezibangelwe likratshi.
10 Uvula iindlebe zawo ukuze awalungise,
Awaxelele ukuba ayeke ukwenza izinto ezimbi.+
11 Ukuba ayamthobela aze amkhonze,
Aza kuphumelela ebomini,
Aze onwabe.+
12 Kodwa ukuba awamthobeli, aza kubulawa ngekrele,+
Aze afe engazi nto.
13 Abantu abamlahlileyo uThixo baza kuba nenzondo.
Abazukukhalela ncedo naxa bebotshwe nguye.
14 Bafa besebatsha,+
Bephila ubomi babo namahenyu asetempileni.+
15 Kodwa uThixo uyabasindisa abantu ezingxakini zabo;
Ubavula iindlebe xa becinezelwa.
16 Uyakukhupha wena ezingxakini,+
Akuse kwindawo evulekileyo, ukuze ukhululeke,+
Aze akuthuthuzele ngokutya okumnandi.+
17 Ngoko ke uza kutsho waneliseke xa ubona abenzi-bubi besohlwaywa,+
Xa begwetywa baze bafumane isohlwayo esibafaneleyo.
18 Kodwa lumka, ungavumeli umsindo ukwenze ukhohlakale,+
Yaye ungalahlekiswa kukunyotywa.
19 Ngaba ukukhalela kwakho uncedo,
Nokusebenza nzima kwakho kuza kukusindisa ezingxakini?+
20 Sukunqwenela ukuba kude kufike ubusuku,
Ixesha lokunyamalala kwabantu besiya kwiindawo zabo.
21 Lumka, ungenzi izinto ezimbi,
Ungakhethi zona kunentlungu.+
22 Jonga! UThixo uzukiswa ngenxa yamandla akhe;
Ngubani okwaziyo ukufundisa njengaye?
23 Ngubani omkhokelayo,+
Okanye athi kuye, ‘Imbi le nto uyenzileyo’?+
24 Ungalibali ukumdumisa ngezinto azenzileyo,+
Ezo bacule ngazo abantu.+
25 Zibonwe ngabantu bonke,
Bezibonela kude.
26 UThixo mkhulu ngendlela esingenakuyiqonda;+
Asinakuyazi iminyaka yakhe.+
27 Utsala amathontsi amanzi anyuke,+
Aze abe yinkungu nemvula;
28 Inetha iphuma emafini,+
Yehlele ebantwini.
29 Ngubani onokuyiqonda indlela anabe ngayo amafu,
Iindudumo eziphuma ententeni yakhe?+
30 Khawujonge indlela alenyezisa ngayo imibane+ kuyo,
Nendlela abogquma ngayo ubunzulu bolwandle.
31 Usebenzisa zona ukuze ondle abantu,
Abanike ukutya okuninzi.+
32 Wogquma umbane ngezandla zakhe,
Awuthumele kwixhoba.+
33 Iindudumo zixela ukufika kwakhe,
Nemfuyo ixela lowo uzayo.