Isaya
45 Uthi uYehova kuKoreshi,+ umthanjiswa wakhe,
Lowo ndiye ndambamba ngesandla sasekunene+
Ukuze ndoyise iintlanga phambi kwakhe,+
Ukuze ndiboxuthe izixhobo ookumkani;*
Ukuze ndivule phambi kwakhe iingcango ezivulwa ngambini,
Ukuze iigeyithi zingavalwa:
Iingcango zekopolo ndiza kuziqhekeza zibe ziingceba,
Nemivalo yentsimbi ndiza kuyisika.+
3 Ndiza kukunika ubutyebi ebumnyameni
Nobutyebi obufihlwe kwiindawo ezifihlakeleyo,+
Ukuze wazi ukuba ndinguYehova,
UThixo kaSirayeli, Lowo ukubize ngegama.+
4 Ukuze kulungelwe umkhonzi wam uYakobi noSirayeli, lowo ndimnyulileyo,
Ndikubiza ngegama.
Ndikunika igama lembeko, nangona ubungandazi.
5 NdinguYehova, ibe akakho omnye uThixo.
Ndim ndedwa uThixo.+
Ndiza kukomeleza,* nangona ubungandazi,
6 Ukuze abantu bazi
Ukususela empuma ukuya kutsho entshona*
Ukuba akakho omnye ngaphandle kwam.+
NdinguYehova, akakho omnye uThixo.+
7 Ndidala ukukhanya+ ndize ndidale nobumnyama,+
Ndidala uxolo+ ndize ndenze nentlekele;+
Zenziwa ndim, mna Yehova, zonke ezi zinto.
Umhlaba mawuvuleke, uze uchume lusindiso,
Mawenze nobulungisa buntshule kwangaxeshanye.+
Mna Yehova, ndiyidalile loo nto.”
9 Uza kuthi shu lowo uxabana* naLowo Umenzileyo,*
Kuba uyingceba nje yengqayi yodongwe
Phakathi kwezinye iingceba ezisasazeke phantsi!
Lungatsho na udongwe kuMbumbi* walo ukuba: “Wenza ntoni?”+
Okanye umsebenzi wezandla zakho uthi: “Akanazandla ke lowo”?*
10 Uza kuthi shu lowo uthi kutata wakhe: “Ungutata wantoni?”
Nothi kumama wakhe: “Yintoni le uyizalayo?”*
11 Uthi uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli,+ Lowo wambumbayo:
“Undibuza njani ngezinto ezisezayo,
Khona, undiyalela ngabuni ukuba mandenze ntoni ngoonyana bam,+ umsebenzi wezandla zam.
12 Ndenza umhlaba,+ ndaza ndadala nomntu okuwo.+
13 “Kuba ndililungisa, ndiye ndaphakamisa indoda ethile,+
Ibe ndiza kuzenza zithi tyaba zonke iindlela zayo.
Siza kwakhiwa yiyo isixeko sam,+
Ikhulule nabantu bam abathinjiweyo+ ingakhange ikhuphe ntlawulo nasinyobo,”+ utsho uYehova wemikhosi.
14 Uthi uYehova:
“Inzuzo yaseYiputa* nezinto ezithengiswa ngamaTiyopiya namaShebha* ziza kuba zezakho. La madoda athe ncothu ngesithomo, amaTiyopiya namaShebha,
Aza kuza kuwe, abe ngawakho.
Aza kuhamba emva kwakho ebotshelelwe ngamatsheyini.
Aza kuza, aqubude kuwe.+
Aza kuza kuwe aze athandaze athi, ‘Ngokuqinisekileyo, uThixo unawe,+
Kwaye akakho omnye; akakho omnye uThixo.’”
16 Baza kuhlaziswa baze bathotywe xa bebonke;
Bonke abantu abenza izithixo baza kuhamba bethe nyoxo lihlazo.+
17 Ke yena uSirayeli uza kusindiswa nguYehova ngonaphakade.+
Anizukuhlaziswa, ningazukuphoxeka ngonaphakade.+
18 Kuba uthi uYehova,
UMdali wezulu,+ uThixo wokwenene,
Lowo wadala umhlaba, noMenzi wawo, owawenza wazinza,+
Ongawudalelanga ukuba uhlale nje,* kodwa owudalele ukuba kuhlalwe kuwo:+
“NdinguYehova, akakho omnye uThixo.
19 Andithethanga ndisendaweni efihlakeleyo,+ endaweni yesithokothoko sobumnyama;
Andikhange ndithi kwinzala* kaYakobi,
‘Ndifuneni, kodwa imizamo yenu iza kuba yinkcitha-xesha.’
NdinguYehova, ibe ndithetha izinto ezibubulungisa, ndithetha izinto ezilungileyo.+
20 Qokelelanani, nize.
Sondelani nonke nina basinde ezintlangeni.+
Abazi nowathwethwa abo bahlala bephethe imifanekiso eqingqiweyo
Baze bathandaze kuthixo ongakwazi nokubasindisa.+
21 Masive ingxelo yenu, zithetheleleni sive.
Ewe, mabathethe bemanyene.
Ngubani na owayithetha kwakudala le nto?
Ngubani na owakuxelelayo ukususela kanye kwelo xesha?
Ayindim na, mna Yehova,
ekungekho Thixo ungomnye ngaphandle kwam;
uThixo olilungisa noMsindisi,+ ekubeni engekho omnye ngaphandle kwam?+
Onke amadolo aza kuguqa kum,
Zonke iilwimi ziza kufunga ukuba ziza kundilandela,+
24 Zithi, ‘Ngokuqinisekileyo uYehova nguThixo wobona bulungisa namandla.
Bonke abo balwa naye baza kuza kuye behlazekile.