Hezekile
5 “Wena ke, nyana womntu, thatha ikrele elibukhali ulisebenzise njengebleyidi yomchebi weenwele. Cheba intloko neendevu zakho, uthathe izikali uze ukale iinwele zakho uzahlulahlule kathathu. 2 Inxalenye yokuqala uze uyitshise xa ziphelile iintsuku zokurhangqwa kwesixeko.+ Emva koko uze uthathe enye inxalenye uyibethe ngekrele kuso sonke isixeko,+ inxalenye yesithathu uyiphose emoyeni; mna ke ndiza kurhola ikrele ndibaleqe.+
3 “Thatha nezinye ezimbalwa kuyo, uzisongele emphethweni wesambatho sakho. 4 Uze uphinde uthathe nezinye uziphose emlilweni, uzitshise ziphele. Emva koko umlilo uza kunwenwela kuyo yonke indlu kaSirayeli.+
5 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘YiYerusalem le. Ndiyibeke phakathi kweentlanga, ijikelezwe ngamazwe. 6 Kodwa khange iyithobele imithetho nemiyalelo yam, iqatsele ekwenzeni ububi kuneentlanga namazwe ayijikelezileyo.+ Kuba abayithobelanga imithetho yam, baza abahamba ngemiyalelo yam.’
7 “Ngoko ke, ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kuba niye nayingxaki ngaphezu kweentlanga ezinijikelezileyo, anahamba ngemiyalelo yam kwaye anayithobela imithetho yam, kunoko nathobela imithetho yeentlanga ezinijikelezileyo,+ 8 ithi iNkosi enguMongami uYehova: “Ndilwa nawe sixekondini,+ yaye mna lo ndiza kukuzisela umgwebo phambi kwamehlo eentlanga.+ 9 Ndiza kukwenza into endingazange ndayenza, nendingazukuphinda ndiyenze, ngenxa yazo zonke izinto ezenyanyekayo ozenzayo.+
10 “‘“Ootata baza kutya oonyana,+ noonyana batye ootata, yaye ndiza kunigweba ndize abashiyekileyo ndibathi saa kuyo yonke indawo.”’*+
11 “‘Ngoko ke ndiphila nje,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ngenxa yokuba iyingcwele yam enayingcolisayo ngezithixo zenu ezicekisekayo nezinto ezenyanyekayo enazenzayo,+ ndiza kunilahla;* ilihlo lam alizukuba nalusizi, yaye andizukuba naluvelwano.+ 12 Inxalenye yenu yokuqala iza kufa ngesifo esingubhubhani okanye igqitywe yindlala. Enye iza kuwa ngekrele macala onke.+ Eyokugqibela ndiza kuyithi saa kuyo yonke indawo,* ndize ndirhole ikrele ndibaleqe.+ 13 Uza kutsho uphele umsindo wam, ndiyeke ukubaqumbela, ibe ndiza kwaneliseka.+ Xa ndigqibile ukukhuphela umsindo wam kubo, baza kutsho bazi ukuba mna, Yehova, ndithethe kuba ndifuna nyhani bazinikele ngokupheleleyo kum.+
14 “‘Ndiza kukwenza ube yindawo etshabaleleyo, uze ugxekwe ziintlanga ezikujikelezileyo nangabantu bonke abadlulayo.+ 15 Uza kugxekwa kuze kuhlekiswe ngawe,+ ube ngumzekelo osisilumkiso nento eyoyikisayo kwiintlanga ezikujikelezileyo, xa ndikuzisela umgwebo ndinomsindo, ndiqumbile yaye ndikohlwaya kabukhali. Mna Yehova, ndithethile.
16 “‘Ndiza kubathumela iintolo zendlala ezibulalayo ukuze zibatshabalalise. Ezo ntolo ziza kunonakalisa.+ Ndiza kuyenza ithi kratya indlala ngokuphelisa ukutya kwenu.*+ 17 Ndiza kuthumela kuni indlala namarhamncwa akhohlakeleyo,+ ibe aza kunihlutha abantwana benu. Niza kuthi shu sisifo esingubhubhani nokuchithwa kwegazi, ibe ndiza kunizisela ikrele.+ Mna Yehova, ndithethile.’”