Nahum
1 Isibhengezo ngeNineve:+ Incwadi yombono kaNahum* umElekoshe:
2 UYehova nguThixo ofuna abantu bazinikele kuye yedwa+ ibe ungumphindezeli.
UYehova ngumphindezeli kwaye ukulungele ukubonakalisa ingqumbo yakhe.+
UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,
Yaye uzigcinela ingqumbo iintshaba zakhe.
3 UYehova akakhawulezi ukucaphuka+ yaye unamandla kakhulu,+
Kodwa uYehova akazukuzibamba ekohlwayeni xa kufanelekile.+
Indlela yakhe isemoyeni otshabalalisayo nakwisiphango,
Yaye amafu aluthuli lweenyawo zakhe.+
IBhashan neKarmele ziyabuna,+
Neentyatyambo zaseLebhanon ziyabuna.
Ngenxa yobuso bakhe kuza kuba ngumbhodamo emhlabeni,
Naselizweni, nakubo bonke abahlala kulo.+
6 Ngubani na onokuma phambi kokucaphuka kwakhe?+
Ingubani na onokumelana nobushushu bomsindo wakhe?+
Ingqumbo yakhe iza kuphokoka njengomlilo,
Namatye aza kuqhekeka ngenxa yakhe.
7 UYehova ulungile,+ uyindawo ekhuselekileyo ngemini yentlungu.+
Uyabacinga* abo babalekela kuye.+
8 Uza kuyitshabalalisa ithi tu indawo yeNineve ngomkhukula otshayelayo,
Yaye ubumnyama buza kuzileqa iintshaba zakhe.
9 Niza kumenzela liphi iyelenqe uYehova?
Utshabalalisa ngokupheleleyo.
Intlungu ayizukubakho okwesibini.+
10 Kuba baphinyelene njengameva,
Yaye bafana nabantu abanxiliswe butywala,*
Kodwa baza kudliwa ngumlilo njengeendiza ezomileyo.
11 Kuwe kuza kuphuma oceba izinto ezimbi ngoYehova,
Ecebisa izinto ezingancedi nganto.
12 Uthi uYehova:
“Nangona babexhobe kakhulu kwaye bebaninzi,
Baza kugawulwa bangabikho.*
Ndikubethile Yuda, kodwa andizukukuphinda.
14 UYehova uyalele le nto ngawe,
‘Igama lakho alizukuqhubeka likho.
Ndiza kuyisusa imifanekiso eqingqiweyo nemifanekiso yesinyithi endlini* yoothixo bakho.
Ndiza kukwenzela ingcwaba, kuba unezothe.’
Bhiyozela amatheko akho Yuda,+ zenze izinto ozifungileyo,
Kuba akazukuphinda adlule kuwe umntu ongungantweni.
Uza kutshatyalaliswa angabikho.”