Nahum
1 Isibhengezo nxamnye neNineve:+ Incwadi yombono kaNahum umElekoshe:
2 UYehova nguThixo ofuna uzinikelo olupheleleyo+ nophindezelayo; yekaYehova impindezelo+ nengqumbo.+ UYehova uyaziphindezela kwiintshaba zakhe,+ yaye uyazicaphukela iintshaba zakhe.+
3 UYehova uzeka kade umsindo+ yaye unamandla kakhulu,+ kwaye uYehova akayi kurhoxa ekohlwayeni.+
Indlela yakhe isemoyeni otshabalalisayo nasesiphangweni, yaye ingqimba yelifu ngumgubo weenyawo zakhe.+
4 Ukhalimela ulwandle,+ yaye uyalomisa; kwaye yonke imilambo uyayomisa.+
IBhashan neKarmele zibunile,+ neentyatyambo zaseLebhanon zibunile.
5 Iintaba zinyikimile ngenxa yakhe, neenduli ziyanyibilika.+
Yaye umhlaba uya kufukuka ngenxa yobuso bakhe; nelizwe elinemveliso, nabo bonke abahlala kulo.+
6 Ngubani na onokuma phambi kwesiqalekiso sakhe?+ Yaye ngubani na onokuphakama nxamnye nobushushu bomsindo wakhe?+
Umsindo wakhe ngokuqinisekileyo uya kuphalazwa njengomlilo,+ namawa aya kudilika ngenxa yakhe.
7 UYehova ulungile,+ uligwiba+ ngemini yokubandezeleka.+
Yaye uyabazi abo bafuna kuye indawo yokusabela.+
8 Kwaye uya kuyitshabalalisa kuthi tu indawo yayo+ ngomkhukula odlulayo, ubumnyama buzisukele iintshaba zakhe.+
9 Yintoni na eniya kuyicinga nxamnye noYehova?+ Utshabalalisa kuthi tu.
Akuyi kuvuka ukubandezeleka isihlandlo sesibini.+
10 Nangona bephinyelene njengameva+ yaye benxile ngokungathi banxiliswe butywala bengqolowa,+ ngokuqinisekileyo baya kuqwengwa njengeendiza ezome ngokupheleleyo.+
11 Kuwe kuya kuphuma ocinga okubi ngoYehova,+ ecebisa oko kungafanelekanga.+
12 Utsho uYehova ukuthi: “Nangona babekwimo epheleleyo kwaye bebaninzi, kwanakuloo mo bamele bagawulwe;+ ibe ubani umele adlule. Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kukuxhwalekisa, khon’ ukuze ndingaphinde ndikuxhwalekise kwakhona.+ 13 Ke kaloku ndiya kusaphula isibonda sakhe sokuthwala esikuwe,+ nezibopho ezikuwe ndiya kuziqhawula kubini.+ 14 Yaye ngokuphathelele wena uYehova uyalele wathi, ‘Akuyi kuphinde kuhlwayelwe nantoni na yegama lakho kwakhona.+ Ndiya kuwunqumla umfanekiso oqingqiweyo nomfanekiso otyhidiweyo endlwini yoothixo bakho.+ Ndiya kukwenzela indawo oya kungcwatywa kuyo,+ ngenxa yokuba uye akwaba nto yanto.’
15 “Khangela! Iinyawo zalowo uzisa iindaba ezilungileyo ezintabeni, lowo uvakalisa uxolo.+ Owu Yuda, bhiyozela imithendeleko yakho.+ Fezekisa izibhambathiso zakho;+ ngenxa yokuba akuyi kuphinde kudlule kuwe umntu olitshivela kwakhona.+ Uya kunqunyulwa ngokupheleleyo.”+