Zekariya
3 Wandibonisa uYoshuwa+ umbingeleli omkhulu emi phambi kwengelosi kaYehova, noSathana+ emi ngasekunene kwakhe ukuze amchase. 2 Ingelosi kaYehova yathi kuSathana: “Kwanga uYehova angakukhalimela Sathana,+ ewe, kwanga uYehova, okhethe iYerusalem,+ angakukhalimela! Akasosikhuni esixhwilwe emlilweni na lo?”
3 UYoshuwa wayenxibe iimpahla ezimdaka, emi phambi kwengelosi. 4 Ingelosi yathi kwezo zazimi phambi kwayo, “Zikhululeni iimpahla zakhe ezimdaka.” Yathi kuye, “Jonga, ndisidlulisile kuwe isiphoso sakho,* ibe uza kunxityiswa iimpahla zodidi.”+
5 Ndathi ke mna: “Makathwaliswe iqhiya ecocekileyo entloko.”+ Zamthwalisa iqhiya ecocekileyo, zamnxibisa neempahla; yaye ingelosi kaYehova yayimi kufutshane. 6 Ingelosi kaYehova yathi kuYoshuwa: 7 “Uthi uYehova wemikhosi, ‘Ukuba uhamba ezindleleni zam, uze uwenze umsebenzi wakho phambi kwam, uza kuba ngumgwebi endlini yam,+ uhoye* iyadi yam; yaye ndiza kukuvumela ukuba ufikelele kum kunye nezi zimi apha.’
8 “‘Khawumamele Yoshuwa Mbingeleli Omkhulu, wena noogxa bakho abahlala phambi kwakho, kuba bangumqondiso; jonga! ndizisa umkhonzi wam+ uHlumelo!+ 9 Jonga ilitye endilibeke phambi kukaYoshuwa! Phezu kwalo kukho amehlo asixhenxe; yaye ndibhala umbhalo kulo,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘ibe ndiza kusisusa ngemini enye isiphoso selo lizwe.’+
10 “‘Ngaloo mini,’ utsho uYehova wemikhosi, ‘ngamnye wenu uya kumema ummelwane wakhe ukuba eze phantsi komthi wakhe weediliya naphantsi komthi wakhe wamafiya.’”*+