KwabaseGalati
1 Mna Pawulos ongumpostile, ongazange akhethwe ngumntu kodwa owakhethwa nguYesu Kristu+ nanguThixo uTata+ wethu owamvusa ekufeni, 2 nabo bonke abazalwana abakunye nam, ndibhalela amabandla aseGalati ndisithi:
3 Kwanga uThixo onguTata wethu neNkosi uYesu Kristu banganenzela ububele* baze baninike uxolo. 4 UKristu wazinikela ngenxa yezono zethu+ ukuze asisindise kweli hlabathi* libi,+ esenza ukuthanda kukaThixo onguTata wethu,+ 5 omele azukiswe ngonaphakade kanaphakade. Amen.
6 Iyandothusa into yokuba nikhawuleza kangaka ukumshiya lowo* wanikhethayo ngobubele* bukaKristu, nisiya kolunye uhlobo lweendaba ezilungileyo.+ 7 Asikuko nokuba kukho olunye uhlobo lweendaba ezilungileyo, kodwa kukho abantu abanibangela inkathazo,+ befuna ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo ezingoKristu. 8 Kodwa ke ukuba nabani na ushumayela enye into engezizo iindaba ezilungileyo esazishumayela kuni, loo mntu makaqalekiswe, nokuba sithi okanye yingelosi evela ezulwini. 9 Njengokuba sesitshilo, ndiyaphinda ndithi, nabani na oshumayela kuni into engezizo iindaba ezilungileyo enazamkelayo, makaqalekiswe.
10 Ngaba ndizama ukuvuyisa abantu okanye uThixo? Ukuba bendivuyisa abantu, ngendingelilo ikhoboka likaKristu. 11 Kuba ndifuna niyazi bazalwana ukuba iindaba ezilungileyo endazishumayela kuni azisuki bantwini;+ 12 kaloku andizange ndizifumane mntwini, yaye andizange ndizifundiswe, kodwa ndazityhilelwa nguYesu Kristu.
13 Ndiqinisekile ukuba nivile ngezinto endandizenza xa ndandisekwinkonzo yobuYuda,+ ukuba ndalitshutshisa kabuhlungu ibandla likaThixo, ndilenzakalisa,+ 14 yaye ndandihambela phambili kule nkonzo yobuYuda, ndizogqitha iintanga zam kwisizwe sakowethu, kuba ndandikukhuthalele ukulandela iimfundiso zootata bethu.+ 15 Kodwa xa uThixo owabangela ukuba ndizalwe waza wandikhetha ngobubele bakhe,*+ wabona kufanelekile 16 ukumtyhila uNyana wakhe esebenzisa mna, ukuze ndishumayele iindaba ezilungileyo ezingaye ezintlangeni,+ andizange ndicele amacebiso ebantwini.* 17 Andizange ndiye naseYerusalem kwabo babengabapostile ngaphambi kwam, kodwa ndaya eArabhiya, emva koko ndabuyela eDamasko.+
18 Emva kweminyaka emithathu ndaya eYerusalem+ kuKefas,*+ ndahlala naye iintsuku eziyi-15. 19 Kodwa andizange ndibabone abanye abapostile, ngaphandle koYakobi+ umninawa weNkosi. 20 Ndiyaniqinisekisa phambi koThixo ukuba ezi zinto ndinibhalela zona azibobuxoki.
21 Emva koko ndaya kwiingingqi zaseSiriya naseKilikiya.+ 22 Kodwa abalandeli bakaKristu ababekumabandla akwilizwe lakwaYuda babengandazi. 23 Babedla ngokuva nje kusithiwa: “Laa mntu wayekade esitshutshisa,+ ehlasela amabandla,* ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo.”+ 24 Ngoko baqalisa ukumzukisa uThixo ngenxa yam.