Kubalisa uLuka
16 UYesu wathi kubafundi bakhe: “Kwakukho indoda esisityebi, eyayinomphathi wendlu owatyholwa ngokungaziphathi kakuhle izinto zayo. 2 Ngoko yambiza yaza yathi kuye, ‘Yintoni le ndiyivayo ngawe? Sapha iincwadi zomsebenzi wakho, kuba awunakuba saqhubeka usebenza apha.’ 3 Lo mphathi wathi entliziyweni yakhe, ‘Ndiza kuthini ngoku, kuba inkosi yam iyandigxotha? Umsebenzi wokomba ungandoyisa, ibe ndineentloni zokucela ebantwini. 4 Heke! Ndiyayazi into endiza kuyenza, ukuze xa sendiphelelwe ngumsebenzi, abantu bandamkele emakhayeni abo.’ 5 Wabiza bonke abantu ababetyala inkosi yakhe, wathi kowokuqala, ‘Uyityala ntoni inkosi yam?’ 6 Wathi, ‘Ndiyityala iibhate* eziyi-100 zeoli yomnquma.’ Wathi kuye, ‘Thatha isivumelwano sakho, uhlale phantsi, ukhawuleze ubhale ukuba ziyi-50.’ 7 Wathi komnye, ‘Wena, uyityala ntoni?’ Wathi, ‘Ndiyityala iikore* eziyi-100 zengqolowa.’ Wathi kuye, ‘Thatha isivumelwano sakho, ubhale ukuba ziyi-80.’ 8 Inkosi yamncoma lo mphathi ungalunganga, kuba ube sisilumko. Ndinixelela le nto kuba abantu beli hlabathi* balumkile xa besebenzisana nabanye, kunabantu abasekukhanyeni.+
9 “Kwakhona ndithi kuni: Zenzeleni abahlobo ngobutyebi beli hlabathi,+ ukuze xa buphela, banamkele kubomi obungunaphakade.+ 10 Umntu othembekileyo kwezona zinto zincinci uthembekile nakwezona zinkulu, nomntu ongelolungisa kwezona zinto zincinci akalolungisa nakwezona zinkulu. 11 Ngoko ke, ukuba niye anathembeka xa nisebenzisa ubutyebi beli hlabathi, ngubani oza kunithemba ngobutyebi benene? 12 Ukuba niye anathembeka kwizinto zabanye abantu, ngubani oza kuninika izinto ezigcinelwe nina?+ 13 Akukho khoboka linokuba neenkosi ezimbini, kuba lisenokuyicaphukela enye lize liyithande enye, okanye lithi nca kwenye lize lingafuni nokuyibona enye. Aninakuba ngamakhoboka kaThixo nawobuTyebi.”+
14 AbaFarisi abathanda imali ababemmamele, bamnyevulela.+ 15 Ngoko wathi kubo: “Nina nizenza amalungisa ebantwini,+ kodwa uThixo uyazazi iintliziyo zenu.+ Kuba, into ebonakala ibalulekile ebantwini, iyenyanyeka emehlweni kaThixo.+
16 “AbaProfeti noMthetho, baprofeta de kwafika uYohane. Ukususela ngoko iindaba ezilungileyo ziye zaba buBukumkani bukaThixo, ibe wonke umntu ukusebenzela nzima ukubufumana.+ 17 Ndiyaniqinisekisa ukuba kungatshabalala izulu nomhlaba kunokuba kungenzeki neyona nto incinci ebhalwe eMthethweni.+
18 “Wonke umntu oqhawula umtshato nomfazi wakhe, aze atshate omnye uyakrexeza,* ibe nabani na otshata umfazi ekuqhawulwe umtshato naye uyakrexeza.*+
19 “Kwakukho indoda esisityebi eyayinxiba ilinen yodidi emsobo,* iphila tofotofo. 20 Kodwa kwakukho nendoda elihlwempu* enguLazaro eyayimane ibekwa ngasegeyithini yayo, inezilonda emzimbeni wonke, 21 ibe yayibawela nantoni na eyayisiwa etafileni yeso sityebi. Kwakumane kusiza nezinja, zizokukhotha izilonda zayo. 22 Ekuhambeni kwexesha le ndoda ilihlwempu yafa, zaza iingelosi zayithatha zayisa ecaleni kuka-Abraham.*
“Safa nesityebi, sangcwatywa. 23 Sathi sisengcwabeni,* sithuthunjiswa, sajonga phezulu sabona uAbraham ekude, uLazaro esecaleni kwakhe.* 24 Ngoko sakhwaza sathi, ‘Abraham tata, ndenzele inceba. Thumela uLazaro ukuba afake nje kancinci umnwe emanzini, azokuphozisa ulwimi lwam, kuba eli dangatye lomlilo liyandingcungcuthekisa.’ 25 Kodwa uAbraham wathi, ‘Mntwana wam, khumbula ukuba kwakumnandi kuwe ngokuya wawusaphila, kungemnandanga kuLazaro. Ngoku yena uyathuthuzelwa, kodwa wena uyangcungcutheka. 26 Ngaphandle kwaloo nto, kukho isikhewu esikhulu phakathi kwethu nani, kangangokuba abo bafuna ukusuka apha beze kuni, abanakukwazi, nabo bafuna ukusuka apho beze kuthi, abanakukwazi.’ 27 Esi sityebi sathi, ‘Ukuba kunjalo ke, ndiyakucela tata, mthumele endlini katata, 28 ukuze ayokufundisa abantakwethu abahlanu, bangezi kule ndawo yokungcungcutheka.’ 29 Kodwa uAbraham wathi, ‘BasenoMoses nabaProfeti; mabamamele bona.’+ 30 Esi sityebi sathi, ‘Abraham tata, abazukumamela, kodwa ukuba kuya umntu ovela ekufeni, baza kuguquka.’ 31 Kodwa uAbraham wathi kuso, ‘Ukuba abammameli uMoses+ nabaProfeti, soze bammamele umntu ovela ekufeni.’”