Yomeleza Intembelo Yakho KuYehova
Kwenziwa iyelenqe lokubulala. Onke amagosa aphakamileyo eli lizwe ahlanganisene yaye acebisa ukuba kumiselwe umthetho omtsha. Afuna ukuba nabani na onqula ngendlela engamkelekanga kuRhulumente agwetyelwe ukufa.
NGABA le yinto eqhelekileyo? Mininzi imizekelo yembali yabantu ababhenela ekuyileni intlondi ngomthetho. Lo mzekelo ungasentla wenzeka phantsi koBukhosi bamaPersi ngemihla yomprofeti uDaniyeli. Umthetho, owamiselwa nguKumkani uDariyo, wawusithi: “Wonk’ ubani obongoza nakuwuphi na uthixo okanye umntu ongenguwe, kumkani, kwiintsuku ezingamashumi amathathu, ufanele aphoswe emhadini weengonyama.”—Daniyeli 6:7-9.
Wayeza kwenza ntoni uDaniyeli kweso sisongelo sokufa? Ngaba wayeza kuqhubeka ekholose ngoThixo, uYehova, okanye ngaba wayeza kulalanisa enze ngokomyalelo kakumkani? Ingxelo isixelela oku: “UDaniyeli, uthe nje akwazi ukuba kutyobelwe loo mbhalo, wasuka waya endlwini yakhe, yaye, iifestile zegumbi lakhe eliseluphahleni zazivulekele ngaseYerusalem, wafika waguqa ngamadolo izihlandlo ezithathu ngemini, wathandaza, edumisa uThixo wakhe, njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.” (Daniyeli 6:10) Yonke le ngxelo yaziwa ngokubanzi. UDaniyeli waphoswa kumhadi weengonyama ngenxa yokholo lwakhe, kodwa uYehova ‘wayivingca imilomo yeengonyama’ waza wamhlangula umkhonzi wakhe onyanisekileyo.—Hebhere 11:33; Daniyeli 6:16-22.
Ixesha Lokuzihlolisisa
Namhlanje, abakhonzi bakaYehova baphila kwihlabathi elinentiyo, bajamelene nezinto ezibabeka esichengeni ngokwenyama nangokomoya. Ngokomzekelo, kwiintlaselo ezibangelwa bubuhlanga kumazwe athile, amaNgqina amaninzi aye abulawa. Kwezinye iindawo, abakhonzi bakaYehova baye bajamelana nokunqongophala kokutya, iingxaki zezoqoqosho, iintlekele zemvelo, izifo ezinganyangekiyo nezinye iimeko ezisongela ubomi. Ukongezelela, kuye kwafuneka banyamezele intshutshiso, iingxaki kwiindawo zempangelo neemvavanyo ezahlukahlukeneyo zokwenza okubi, nto ezo xa zizonke zisongela impilo yabo yokomoya. Eneneni, uTshaba olukhulu uSathana, luzimisele ukutshabalalisa abakhonzi bakaYehova ngazo zonke iindlela.—1 Petros 5:8.
Yintoni esinokuyenza xa sijamelene nezo meko? Ngoxa kuyimvelo ukoyika xa ubomi bethu busongelwa, sinokucinga ngala mazwi kampostile uPawulos aqinisekisayo: “[UYehova] uthe: ‘Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.’ Ngoko ke masomelele kakhulu size sithi: ‘UYehova ungumncedi wam; andiyi koyika. Angandenza ntoni na umntu?’” (Hebhere 13:5, 6) Sinokuba nentembelo yokuba uYehova uvakalelwa ngendlela efanayo ngabakhonzi bakhe namhlanje. Noko ke, sisenokukwazi oko uYehova akuthembisileyo kodwa kube nzima ukweyiseka kwelokuba uya kusikhusela. Ngoko ke, kubaluleke kakhulu ukuba sihlolisise isiseko sentembelo yethu kuYehova size senze konke okusemandleni ethu ukuze silondoloze intembelo yethu kuye. Ukuba senjenjalo, “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzilinda iintliziyo [zethu] namandla [ethu] engqondo ngoKristu Yesu.” (Filipi 4:7) Ngoko ke, xa sifikelwa zizilingo, siya kukwazi ukucinga kakuhle size sihlangabezane nazo ngobulumko.
Isiseko Sokuba Nentembelo KuYehova
Ngokuqinisekileyo sinezizathu ezininzi zokuba nentembelo kuMdali wethu, uYehova. Esokuqala kukuba uYehova nguThixo onothando obanyamekela ngokunyanisekileyo abakhonzi bakhe. Zininzi iziganeko ezibhalwe eBhayibhileni ezisixelela ngenyameko ebonakaliswa nguYehova kubakhonzi bakhe. Echaza ngezinto uYehova awazenzela abantu bakhe abanyuliweyo, amaSirayeli, uMoses wabhala: “Wamfumana ezweni eliyintlango, enkqantosini engenanto, ebhombolozayo. Wamrhangqa, wamnyamekela, wamlondoloza njengokhozo lweliso lakhe.” (Duteronomi 32:10) Namhlanje, uYehova uyaqhubeka ebanyamekela abakhonzi bakhe, njengeqela nanjengabantu ngabanye. Ngokomzekelo, xa amaNgqina athile ajamelana nokunqongophala kokutya ebudeni bemfazwe yamakhaya eBosnia, uYehova waqinisekisa ukuba afumana konke awayekuswele ngenxa yemigudu yenkuthalo eyenziwa ngabazalwana bawo baseCroatia naseOstriya, ababeka ubomi babo esichengeni ngokuya kwindawo eyingozi kunene bezise uncedo kubazalwana babo.a
Ekubeni uYehova uThixo enguSomandla, ngokuqinisekileyo uyakwazi ukukhusela abakhonzi bakhe kuzo zonke iimeko. (Isaya 33:22; ISityhilelo 4:8) Kwanaxa uYehova evumela abanye babakhonzi bakhe ukuba bazingqine bethembekile de kube sekufeni, uyabomeleza aze abancede ukuba bagcine ingqibelelo yabo, ebanceda ukuba bahlale beqinile, bevuya yaye bezolile de kube sekupheleni. Ngoko ke, sinokuba nentembelo efana neyomdumisi owathi: “UThixo uyindawo yokusabela namandla kuthi, uncedo olufumaneka ngokukhawuleza ekubandezelekeni. Kungenxa yoko le nto singayi koyika, nangona umhlaba utshintsha nangona iintaba zidilikela esazulwini solwandle olukhulu.”—INdumiso 46:1, 2.
IBhayibhile ikwatyhila ukuba uYehova nguThixo wenyaniso. Oku kuthetha ukuba usoloko ezizalisekisa izithembiso zakhe. Eneneni, iBhayibhile imchaza njengoThixo “ongenakuxoka.” (Tito 1:2) Ekubeni uYehova evakalisa ngokuphindaphindiweyo ukukulungela kwakhe ukukhusela nokusindisa abakhonzi bakhe, sinokuqiniseka ukuba akanamandla nje kuphela okuphumeza izithembiso zakhe kodwa ukulungele nokuzizalisekisa.—Yobhi 42:2.
Iindlela Zokomeleza Intembelo Yethu
Nangona sinezizathu ezininzi zokuba nentembelo kuYehova, asimele sicinge ukuba oko kunokuzenzekela nje. Oku kungenxa yokuba ihlabathi ngokubanzi alikholelwa kangako kuThixo, yaye eso simo sengqondo sinokusenza singabi nantembelo yomeleleyo kuYehova. Ngoko ke, simele sizame ngamandla ukuyomeleza nokuyilondoloza intembelo yethu kuye. UYehova ukuqonda kakuhle oku, yaye uye walungiselela iindlela esinokukwenza ngayo oko.
Okokuqala, uye walungiselela iLizwi lakhe elibhaliweyo, iBhayibhile, eneengxelo zezenzo ezininzi zamandla awazenzayo ngenxa yabakhonzi bakhe. Khawucinge ngoku, ubuya kuba nentembelo engakanani emntwini owazi nje igama lakhe kuphela? Mhlawumbi ibiya kuba ncinane gqitha, ukuba ibiya kubakho kwaukubakho. Kufuneka wazi iindlela enza ngayo izinto nezenzo zakhe ukuze ube nentembelo kuye, akunjalo? Njengoko sifunda yaye sicamngca ngeengxelo ezinjalo zeBhayibhile, ulwazi lwethu ngoYehova nangeendlela zakhe ezimangalisayo luyanda, yaye siyiqonda ngakumbi indlela athembeke ngayo. Ngaloo ndlela intembelo yethu kuye iyaqina. Umdumisi wamisela umzekelo obalaseleyo xa wathi emthandazweni wakhe onzulu kuThixo: “Ndiya kulukhumbula uqheliselo lukaYa; kuba ndiya kukukhumbula ukwenza kwakho kwakudala. Yaye ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngayo yonke imisebenzi yakho, ndizixhalabise ngezenzo zakho.”—INdumiso 77:11, 12.
Ukongezelela eBhayibhileni, sinentabalala yokutya kokomoya esikufumana kwiimpapasho zeBhayibhile ezenziwe yintlangano kaYehova. Phakathi kwezinye izinto, ngokufuthi ezi mpapasho ziqulethe amabali obomi abaliswa ngabakhonzi bakaThixo banamhlanje, bebonisa indlela uYehova awabanceda ngayo xa babexinezelekile. Ngokomzekelo, uMartin Poetzinger, kamva owaba lilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova, wahlaselwa kukugula ngoxa wayenguvulindlela kwimimandla yaseYurophu eyayikude nekhaya lakhe. Wayengenamali, yaye kwakungekho gqirha owayevuma ukumnyanga. Kodwa uYehova akazange amshiye. Ekugqibeleni, kwaqhagamshelwana nengcali ephambili kwisibhedlele sasekuhlaleni. Ekubeni yayikholelwa ngokunzulu eBhayibhileni, le ndoda inobubele yamnyamekela uMzalwan’ uPoetzinger ngendlela engeyayenze ngayo kowayo unyana, oko ikwenza ngaphandle kwentlawulo. Ukufunda amabali obomi anjalo, ngokuqinisekileyo kunokuyomeleza intembelo yethu kuBawo wethu osezulwini.
Olunye uncedo oluxabiseke kunene olunikelwa nguYehova, lokomeleza intembelo yethu kuye, lilungelo elixabisekileyo lomthandazo. Ngothando umpostile uPawulos uthi: “Musani ukuxhalela nantoni na, kodwa ezintweni zonke zaziseni izibongozo zenu kuThixo ngomthandazo nesikhungo nombulelo.” (Filipi 4:6) Ibinzana elithi “ezintweni zonke” linokuquka iimvakalelo, iintswelo zethu, uloyiko namaxhala esinawo. Okukhona sithandaza ngokufuthi imithandazo esuk’ entliziyweni, kokukhona siya kukholosa ngokuqinileyo ngoYehova.
Xa uYesu Kristu wayesemhlabeni, maxa wambi wayesiya kwindawo engasese eyedwa ukuze kungabikho nto imphazamisayo xa ethandaza. (Mateyu 14:23; Marko 1:35) Ngaphambi kokuba enze izigqibo ezinzulu, wada wathandaza ubusuku bonke kuYise. (Luka 6:12, 13) Akumangalisi ngoko ukuba uYesu wayekholose ngoYehova ngendlela eyomelele kangaka, kangangokuba wakwazi ukunyamezela olona vavanyo loyikekayo. Kumazwi akhe okugqibela kwisibonda sentuthumbo wathi: “Bawo, ndiwuyekela ezandleni zakho umoya wam.” Loo mazwi entembelo ayebonakalisa ukuba ukukholosa kwakhe ngoYise akuzange kunciphe kwada kwaba sekupheleni, nakuba uYehova engazange angenelele amsindise.—Luka 23:46.
Kanti enye indlela yokwakha intembelo yethu ngoYehova kukunxulumana rhoqo nabo bakholose ngaye ngentliziyo yabo iphela. UYehova wayalela abantu bakhe ukuba bahlanganisane rhoqo ukuze bafunde okungakumbi ngaye baze bakhuthazane. (Duteronomi 31:12; Hebhere 10:24, 25) Olo nxulumano lwayomeleza intembelo yabo kuYehova, lwaza lwabenza banyamezela iimvavanyo ezinzulu zokholo. Kwelinye ilizwe laseAfrika apho umsebenzi wokushumayela wawuvaliwe, amapolisa akazange avume ukuwakhusela amaNgqina kaYehova, ayengazifumani neencwadana zokundwendwela, iziqinisekiso zemitshato, enganyangwa ezibhedlele, engafumani nemisebenzi. Kwathi kwakuqhambuka imfazwe yamakhaya komnye ummandla, amalungu angama-39 ebandla elikufuphi, kuquka abantwana, bahlala isithuba esingangeenyanga ezine phantsi kwebhulorho entlango, bebaleka ukuhlaselwa ngeebhombu kwidolophu yabo. Phantsi kobo bunzima, babesomelezwa yingxubusho yemihla ngemihla yombhalo weBhayibhile nezinye iintlanganiso. Ngaloo ndlela, bakwazi ukunyamezela loo ntlungu, bomelele ngokomoya. La mava abonisa ngokucacileyo ukuxabiseka kokuhlanganisana rhoqo nabantu bakaYehova.
Okokugqibela, ukuze siqinise intembelo yethu kuYehova, simele sikhuthale emsebenzini wokushumayela ngoBukumkani, sikulungele ngalo lonke ixesha ukwabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo. Oku kwaboniswa ngamava achukumisayo omnye umvakalisi oselula waseKhanada owayegulela ukufa eneleukemia. Nakuba wayegula kakhulu, wayefuna ukuba nguvulindlela othe ngxi, oko kukuthi, umlungiseleli wexesha elizeleyo. Wafumana isiqabu kweso sifo sakhe, yaye waziva ephile ngokwaneleyo ukuba angachitha inyanga kubulungiseleli njengovulindlela ongumncedani. Emva koko imeko yakhe yaba mandundu, yaye wafa kwiinyanga ezimbalwa ezalandelayo. Ukanti, wahlala omelele ngokomoya de kwasekupheleni, akazange agungqe nakancinane kwintembelo yakhe kuYehova. Unina uthi: “Kwada kwasekupheleni, exhalabele abanye abantu ngaphezu kwesiqu sakhe. Wayebakhuthaza ukuba bafundisise iBhayibhile, esithi, ‘Siya kuba kunye eParadesi.’”
Ukuzingqina Sinentembelo KuYehova
“Njengoko umzimba ngaphandle komoya ufile, ngokunjalo nokholo ngaphandle kwemisebenzi lufile.” (Yakobi 2:26) Oko kwathethwa nguYakobi ngokholo kuThixo kunokubhekiselwa nasekukholoseni kwethu Ngaye. Enoba singatsho ngomlomo sithi sinentembelo kuThixo, oko akunto yanto ngaphandle kokuba sibonakalise ngezenzo zethu ukuba sithembele ngaye. UAbraham wayenentembelo epheleleyo kuYehova yaye wakungqina oko ngokungabikho mathidala ekuthobeleni imiyalelo yakhe, ukusa kwinqanaba lokuba akulungele ukunikela ngonyana wakhe, uIsake. Ngenxa yaloo ntembelo naloo ntobelo wayenayo, uAbraham waziwa njengomhlobo kaYehova.—Hebhere 11:8-10, 17-19; Yakobi 2:23.
Akuyomfuneko ukuba silindele ukude sifikelwe luvavanyo olunzulu ngaphambi kokuba sibonise intembelo yethu kuYehova. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Umntu othembekileyo kokona kuncinane uthembekile nakokukhulu, nomntu ongelolungisa kokona kuncinane akalolungisa nakokukhulu.” (Luka 16:10) Sifanele sifunde ukuba nentembelo kuYehova kuyo yonke into esiyenzayo, imihla ngemihla simthobele nakwizinto ezibonakala zingenamsebenzi. Xa sibona iingenelo esizifumana koko kuthobela, intembelo kuBawo wethu osezulwini iyaqina, isenza sikwazi ukujamelana neemvavanyo ezinkulu okanye ezoyikekayo.
Njengoko ihlabathi lisondela kwisiphelo salo esoyikekayo, abantu bakaYehova bamele bajamelane neemvavanyo neengozi ezingakumbi. (IZenzo 14:22; 2 Timoti 3:12) Xa sisakha intembelo eyomeleleyo kuYehova ngoku, sinokukhangela phambili ekusindeni size singene kwihlabathi lakhe elitsha alithembisileyo—enoba kukuphila ukutyhubela imbandezelo enkulu okanye ngokuvuswa ekufeni. (2 Petros 3:13) Ngamana asingeyeki ukuba nentembelo kuye size sonakalise ulwalamano lwethu oluxabisekileyo noYehova. Amazwi awathethwa ngoDaniyeli emva kokuba ehlangulwe kumhadi weengonyama anokubhekiswa nakuthi: “Wafumaniseka engenawo nomkrwelo lo, kuba wayekholose ngoThixo wakhe.”—Daniyeli 6:23.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha, bona IMboniselo, kaNovemba 1, 1994, iphepha 23-7.
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Ukufunda iingxelo ezithetha ngabakhonzi bakaYehova abathembekileyo, njengoMartin Poetzinger, komeleza ukholo