Eyesibini YooKumkani
25 Ngonyaka wesithoba wokulawula kukaZedekiya, ngenyanga yeshumi, ngomhla weshumi kuloo nyanga, uKumkani uNebhukadenetsare+ waseBhabhiloni wagaleleka eYerusalem nomkhosi wakhe wonke.+ Wamisa iinkampu, wakha nodonga lokuyirhangqa macala onke,+ 2 yaye wasirhangqa eso sixeko de yangunyaka we-11 kaKumkani uZedekiya. 3 Ngomhla wesithoba wenyanga yesine indlala yayibhokile+ esixekweni, abantu belo lizwe bephelelwe kukutya.+ 4 Udonga lwesixeko lwaqhekezwa,+ aza onke amajoni abaleka ngobusuku, aphuma ngegeyithi ephakathi kweendonga ezimbini ezingakumyezo kakumkani, ngoxa amaKhaledi ayesirhangqile isixeko; yena ukumkani wahamba ngendlela yaseArabha.+ 5 Kodwa umkhosi wamaKhaledi wamleqa ukumkani, wamfumana kwintlango yaseYeriko, waza wathi saa umkhosi wakhe. 6 Emva koko wambamba ukumkani,+ wamsa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela, waza wamgweba. 7 Wabaxhaxha phambi kwamehlo akhe oonyana bakhe; emva koko uNebhukadenetsare wamtyhaphaza amehlo uZedekiya, wambopha ngamatsheyini ekopolo, waza waya naye eBhabhiloni.+
8 Ngenyanga yesihlanu, ngomhla wesixhenxe kuloo nyanga, oko kukuthi, ngonyaka we-19 kaKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni, uNebhuzaradan+ umphathi woonogada, osisicaka sikakumkani waseBhabhiloni, wagaleleka eYerusalem.+ 9 Wayitshisa indlu kaYehova,+ indlu kakumkani+ nazo zonke izindlu zaseYerusalem;+ watshisa nezindlu zazo zonke izikhulu.+ 10 Yaye zonke iindonga ezazijikeleze iYerusalem zadilizwa ngumkhosi wamaKhaledi owawukunye nomphathi woonogada.+ 11 UNebhuzaradan umphathi woonogada wabathimba abantu ababeshiyekile esixekweni, abo babebalekele kukumkani waseBhabhiloni nabo bonke abanye abantu balapho.+ 12 Kodwa umphathi woonogada wabashiya abanye babona bantu bangamahlwempu elizweni, ukuze balime amasimi eediliya, benze neminye imisebenzi yesinyanzelo.+ 13 AmaKhaledi aziqhekeza zaziingceba iintsika zekopolo+ zendlu kaYehova neenqwelo+ noLwandle lwekopolo+ olwalusendlini kaYehova aza ayithwalela eBhabhiloni ikopolo yazo.+ 14 Athatha neenkonkxa, imihlakulo, izicima-mlilo, iindebe nazo zonke izinto zekopolo ezazisetyenziswa etempileni. 15 Umphathi woonogada wathatha izitya zomlilo nezitya zegolide+ nezesilivere yokwenene.+ 16 Ke bona ubunzima beentsika ezimbini, uLwandle neenqwelo uSolomon awayezenzele indlu kaYehova, abuzange bukwazi ukulinganiswa.+ 17 Ukuphakama kwentsika nganye kwakuziikubhite* eziyi-18,+ yaye ingqukuva eyayiphezu kwayo yayiyeyekopolo; ukuphakama kwaloo ngqukuva kwakuziikubhite ezintathu, umnatha ophinyeneyo neerharnati ezazikuwo onke amacala ayo zaziyikopolo.+ Intsika yesibini nomnatha wayo yayifana nayo.
18 Umphathi woonogada wathatha noSeraya+ umbingeleli oyintloko, uZefaniya+ umbingeleli wesibini noonogada basemnyango abathathu.+ 19 Yaye esixekweni wathatha igosa lendlu kakumkani elinye elalingumphathi wamajoni, amadoda amahlanu kulawo ayesondele kukumkani awafunyanwayo esixekweni, nonobhala wentloko yomkhosi, lowo wayeqokelela abantu belo lizwe, namadoda ayi-60 ebantwini belo lizwe ababeshiyeke esixekweni. 20 UNebhuzaradan+ umphathi woonogada wabathatha wabasa kukumkani waseBhabhiloni eRibhela.+ 21 Ukumkani waseBhabhiloni wabaxabela wababulala eRibhela kwilizwe laseHamati.+ Ngaloo ndlela uYuda wemka kumhlaba wakhe waya ekuthinjweni.+
22 UKumkani uNebhukadenetsare waseBhabhiloni wamisela uGedaliya+ unyana ka-Ahikam+ unyana kaShafan+ ukuba aphathe abantu awayebashiye ngasemva kwilizwe lakwaYuda.+ 23 Xa zonke iintloko zomkhosi namadoda azo zevayo ukuba ukumkani waseBhabhiloni wayemisele uGedaliya, ngoko nangoko zeza kuGedaliya eMizpa. Ezo ntloko yayinguIshmayeli unyana kaNetaniya, uYohanan unyana kaKareya, uSeraya unyana kaTanumete umNetofa noYahazaniya unyana womMahakati, kunye namadoda awayephantsi kwazo.+ 24 UGedaliya wawafungela la madoda esithi: “Sanukoyika ukusebenzela amaKhaledi. Hlalani kweli lizwe nize nisebenzele ukumkani waseBhabhiloni, yaye niza kulungelwa.”+
25 Ngenyanga yesixhenxe kwafika uIshmayeli+ unyana kaNetaniya unyana kaElishama wenzala yasebukhosini,* ekunye namadoda alishumi, amxabela ambulala uGedaliya namaYuda namaKhaledi awayekunye naye eMizpa.+ 26 Emva koko bonke abantu, ukususela komncinci ukuya komkhulu, neentloko zemikhosi baya eYiputa,+ kuba babesoyika amaKhaledi.+
27 Ngonyaka awaba ngukumkani ngawo, uKumkani uEvili-merodaki waseBhabhiloni wamkhulula uKumkani uYehoyakin+ wakwaYuda ejele.+ Kwakungonyaka we-37 ethinjiwe uKumkani uYehoyakin wakwaYuda, ngenyanga ye-12, ngomhla we-27 kuloo nyanga. 28 Wathetha ngobubele naye waza itrone yakhe wayiphakamisa ngakumbi kuneetrone zabanye ookumkani ababekunye naye eBhabhiloni. 29 Ngoko uYehoyakin wazikhulula iimpahla zakhe zasejele, yaye wayesitya qho phambi kwakhe yonke imihla yobomi bakhe. 30 Wayefumana ukutya okuvela kukumkani yonke imihla, ubomi bakhe bonke.