IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Iinyibiba.” EkaDavide.
69 Ndisindise Thixo, kuba sele ndiza kurhaxwa ngamanzi.+
2 Nditshone eludakeni olunzulu, ekungekho mhlaba wokuxhathisa kulo.+
Ndingene emanzini anzulu,
Ibe ndikhukuliswe ngumsinga onamandla.+
Amehlo am adiniwe ngoxa ndilindele kuThixo wam.+
Abo banditshabalalisayo,
Iintshaba zam ezinamaqhinga,* zininzi kakhulu.
Ndanyanzelwa ukuba ndinikise ngezinto endingazibanga.
5 Owu Thixo, wena uyabazi ubudenge bam,
Awafihlekanga kuwe amatyala am.
6 Kwanga abo bathembela ngawe bangangahlaziswa ngenxa yam,
Owu yhini Nkosi enguMongami, Yehova wemikhosi.
Kwanga abo bakufunayo bangangahlazeki ngenxa yam,
Owu yhini Thixo kaSirayeli.
10 Ndazithoba ngokungatyi,
Suke ndagxekwa nangaleyo.
12 Bancokola ngam abo bahlala egeyithini yesixeko,
Sendide ndayingoma yamanxila.
Ngothando lwakho oluninzi olungagungqiyo, owu Thixo,
Ndiphendule uze undisindise.+
14 Ndikhuphe eludakeni;
Sukundiyeka ndeyele.
Ndisindise kwabo bandicaphukelayo
Nasemanzini anzulu.+
16 Ndiphendule Yehova, kuba lulungile uthando lwakho olungagungqiyo.+
Ndiphendule ngokukhawuleza, kuba ndisentlungwini.+
18 Sondela undisindise;
Ndikhulule kwiintshaba zam.
19 Uyakwazi ukugxekwa kwam nokuhlaziswa kwam nokuthotywa kwam.+
Uyazibona zonke iintshaba zam.
20 Ukugxekwa kundophule intliziyo, ibe inxeba alinyangeki.*
Bendinethemba lokuba kukho umntu oza kundisizela, kodwa akubangakho nomnye;+
Ndanethemba lokuba kuza kubakho abathuthuzeli, kodwa akwabikho nomnye.+
23 Makube mnyama emehlweni abo ukuze bangaboni,
Yaye zenze zihlale zingcangcazela izinqe zabo.
26 Kuba bayamleqa lowo umbethileyo,
Yaye bahlala bethetha ngeentlungu zabo ubenzakalisileyo.
27 Yongeza isiphoso phezu kwesiphoso sabo,
Mabangabufumani ubulungisa bakho.
29 Kodwa ndisentlungwini yaye ndiyaqaqanjelwa.+
Owu Thixo, kwanga amandla akho asindisayo angandikhusela.
30 Ndiza kulidumisa ngengoma igama likaThixo,
Ndize ndimenze mkhulu ngombulelo.
31 Oku kuza kumkholisa uYehova ngaphezu kwenkunzi yenkomo,
Ngaphezu kwethole lenkomo eliyinkunzi elineempondo neempuphu.+
32 Abalulamileyo baza kubona baze bavuye.
Kwanga ingaphila intliziyo yenu, nina bafuna uThixo.